IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 10/15 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amanqaku Afanayo
  • Abelusi ‘Abangumzekelo Emhlambini’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • UWexuko
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Uqeqesho Olunokuvelisa Isiqhamo Esiluxolo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • “Abalusi Ngokuvumelana Nentliziyo Yam”
    Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 10/15 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

◼ Yiyiphi intsabelo efanelekileyo yebandla ukuba uthile ushiya ukholo lokwenyaniso lobuKristu aze athelele olunye unqulo?

Maxa wambi into enjalo yayisenzeka kwinkulungwane yokuqala. Ngaloo ndlela kuyaqondakala ukuba iyenzeka maxa wambi nanamhlanje. Xa isenzeka, ngokufanelekileyo ibandla liba nento eliyenzayo ukuze likhusele ukucoceka kokomoya kwamaKristu anyanisekileyo akulo.

Esinye isichazi-magama sichaza uwexuko ‘njengokurhoxa kukabani kunqulo, kwimigaqo, kwiqela lakhe lezobupolitika, njl.’ Esinye sithi; “Uwexuko . . . 1 : kukurhoxa kukholo lonqulo 2 : kukushiya ukunyaniseka kwangaphambili.” Ngokuvisisana noko, uYuda Sikariyoti waba netyala lohlobo oluthile lokuwexuka xa walunikel’ umva unqulo lukaYehova uThixo ngokungcatsha uYesu. Kamva, abanye baba ngabawexuki ngokulushiya ukholo lokwenyaniso nangoxa umpostile uYohane nabanye abafundi bokuqala babesaphila. UYohane wabhala oku: “Baphuma kuthi, babengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi.”—1 Yohane 2:19.

Kumele kwenziwe ntoni xa into efanayo isenzeka namhlanje? Abadala, okanye abalusi, bebandla basengaba nolwazi ngomKristu obhaptiziweyo oye wayeka ukunxulumana nabantu bakaYehova noye ngokucacileyo wazinxulumanisa nolunye unqulo. Ngokuvisisana namazwi kaYesu angokuxhalabela igusha elahlekayo, abalusi bokomoya bafanele bakulangazelele ukunceda umntu onjalo. (Mateyu 18:12-14; thelekisa eyoku-1 kaYohane 5:16.) Kodwa kuthekani ukuba abalusi abatyunjelwe ukuba baqwalasele lo mbandela bafumanisa ukuba loo mntu akasafuni kuba nanto yakwenza nabantu bakaYehova yaye uzimisele ukuhlala kunqulo lobuxoki?

Bebeya kuthi ke bavakalise nje ebandleni ukuba ubani lowo uzahlule yaye ngaloo ndlela akaselilo elinye lamaNgqina kaYehova. Umntu onjalo ubeya kuba ‘ukushiyile ukunyaniseka kwakhe kwangaphambili’ kodwa akuyomfuneko ukuba kuthatyathwe nasiphi na isenzo esingokomgaqo sokususa kubudlelane. Ngoba? Ngenxa yokuba sele ezahlule ngokwakhe ebandleni. Kunokwenzeka ukuba akazami kugcina unxibelelwano nabazalwana bakhe bangaphambili ngenjongo yokuba abacenge ukuze bamlandele. Kwelabo icala, abazalwana abanyanisekileyo abafuni kudlelana naye, ekubeni ‘waphuma kubo, kuba ebengengowabo.’ (1 Yohane 2:19) Umntu onjalo ozahlulileyo ‘oye waphuma kuthi’ ubengathi aqalise ukuthumela iileta okanye uncwadi olukhuthaza unqulo lobuxoki okanye uwexuko. Oko bekunokuphuhlisa ukuba ngokucacileyo loo mntu ‘akangowethu.’

Noko ke, iZibhalo zilumkisa ngelokuba bambi bebeya kuzama ukuhlala phakathi kwabantu bakaThixo baze belapho bazame ukulahlekisa abanye. Umpostile uPawulos wacebisa oku: “Nakuni ngokwenu kuya kuvela amadoda athetha izinto ezigwenxa, ukuba abarhole abafundi emva kwawo.” (IZenzo 20:30) Ngokungqalileyo walumkisa amaKristu ngelokuba ‘abalumkele abo benza iimbambaniso nezikhubekiso ezinxamnye nemfundiso awayeyifundile, aphambuke kubo.’—Roma 16:17, 18.

Ngoko ukuba uthile wayesiba ngumfundisi wobuxoki phakathi kwamaKristu okwenyaniso, njengokuba wenzayo uHimenayo noFileto ngomhla kaPawulos, abalusi bomNambi bekuya kufuneka bathabathe amanyathelo okukhusela. Ukuba umntu wayesithi asigatye isiluleko sabo sothando aze aqhubeke ekhuthaza ihlelo, ikomiti yabadala yayinokumsusa kubudlelane, okanye imgxothe, umntu onjalo ngenxa yokuwexuka. (2 Timoti 2:17; Tito 3:10, 11) Abazalwana noodade abangabanye ebandleni bebeya kulandela icebiso likaPawulos ‘lokuphambuka’ kulowo wazama ‘ukwenza iimbambaniso.’ UYohane waluleka ngendlela efanayo esithi: “Ukuba umntu uza kuni engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endiwini yenu, ningambulisi nokumbulisa.”—2 Yohane 10.

◼ Xa amaYuda ayebuyela eYerusalem evela ekuthinjweni ebhabhiloni, ngaba ahamba uhambo olumalunga neekhilomitha ezingama-800 okanye ezili-1 600?

Umgama ongqalileyo ukusuka kwiBhabhiloni yamandulo ukuya eYerusalem wawumalunga neekhilomitha ezingama-800. Uhambo olunjalo lwalungathetha ukunqumla kumhlaba ongakhuselekanga gqitha, kuquka ukuhamba imigama emide kwilizwe eliyinkqantosi okanye entlango. Enye indlela awayenokuhamba ngayo eyayiphinda kabini le ngobude yayingakwintlambo yomEfrati isinga ngakwaHaran, ize ke ihle ngeDamasko iye kungena kwiLizwe Ledinga. UAbraham wasebenzisa le ndlela ichazwe mva xa wayefuduka eUre esiya eKanan.—Genesis 11:31-12:5.

IBhayibhile ayiyichazi indlela amaYuda awahamba ngayo xa ayebuyela eYerusalem evela ekuthinjweni eBhabhiloni. (Ezra 8:1-32; 7:7-9) Ngoko yomibini le migama ichanile yaye inokunikelwa xa kuchazwa olu hambo. Isibakala esibaluleke ngakumbi sesokuba amaYuda abuyiselweyo kwakufuneka akhululeke kwiinkolo noqheliselo olubuBhabhiloni njengoko ayedlula ‘kwiNdlela Engcwele.’—Isaya 35:8-10; thelekisa iphepha 153-7 lencwadi ethi Man’s Salvation out of World Distress at Hand! eyapapashwa ngowe-1975.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share