Ukunikela Ubungqina Kwilizwe Elineelwimi Ezingama-700
NGABA kukho lizwe lithile ulaziyo elincinane kunelaseSpeyin, kanti elinabemi abangaphantsi kuhle kwizigidi ezine nabathetha iilwimi ezinokuba sisiqingatha sezo zithethwa ehlabathini? Ngaba uyalazi igama lelizwe elinokuba sisiqingatha sesiqithi sesibini kwezona zikhulu ehlabathini? Eso siqithi yiNew Guinea, ilizwe lona yiPapua New Guinea, ibe abemi balo bathetha iilwimi ezingaphezulu kuma-700! Kwenzeka njani ukuba abantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo nabathetha ezi lwimi zininzi bahlale ndawonye?
Inyambalala Yabantu Eneemvelaphi Ezahlukahlukeneyo
IPapua New Guinea lilizwe elisesiqithini elimi kumantla eOstreliya yaye likumaqondo nje ambalwa ukuya ngezantsi kweikhweyitha. Libunjwa ziziqithi zeetropiki ezinokuba ngama-600 ezixananazileyo ukuya kutsho kumgama ongaphaya kweekhilomitha ezili-1 600. Phofu ke, umhlaba ongaphezu kwesine kwisihlanu wommandla wasePapua New Guinea ukwisiqithi esikhulu saseNew Guinea, siqithi eso inxalenye yaso engasentshona esikwanabantu baselndonesia.
Abona bemi bokuqala ukufika ePapua New Guinea kuthiwa babesuka eAsia besihla ngeIndonesia. Kamva aba bantu bathi balandeIwa ngabemi baseMelanesia nabasePolynesia. Aba bantu abafani ngebala lolusu kuba abanye bantsundu abanye bamnyama okokhozo lomya ibe ngesithomo bafutshane yaye bazizigantsontso abanye bade yaye banciphile. Ngenxa yokuba umhlaba walapho omkhulu ungamagqagala, uneentsunguzi zamahlathi neentaba eziphakamileyo, phantse izizwe ezininzi zazihlala qelele kwezinye zaza zanolwimi lwazo. Inkoliso yezi Iwimi zasePapua zinemigaqo-ntetho enzima kunene. Ewe, iPapua New Guinea lilizwe ekuthethwa kulo iilwimi ezinokuba ngama-700, zingabalwa iilwimi zezizwana!
Ngowe-1975 iPapua New Guinea yaba lilizwe elizimeleyo elaliphantsi kweCommonwealth yaseBritani. Lilizwe lolawulo-melo elinendlu yowiso-mthetho yaye intloko yelizwe ngukumkani waseBritani kodwa linenkulumbuso yalo. Nangona namhlanje isiNgesi silulwimi olusetyenziswa ngokusemthethweni, inkoliso yabo bantu bathetha iilwimi ezahlukahlukeneyo ezingama-700 ithetha olunye ulwimi phakathi kwezimbini eziqhelekileyo, isiHiri Motu okanye isiNew Guinea Pidgin.
Kongezelelwa Olunye Ulwimi
Kanti, ukukholelwa okanye ungakukholeIwa oko, kwiminyaka emininzi eyadlulayo kwakusekho olunye “ulwimi” olwalungathethwa kweli lizwe leelwimi ezingama-700. Yayiluluphi olo lwimi? ‘Yayiyintetho enyulu’—inyaniso yeBhayibhile engoThixo noBukumkani bakhe. (Zefaniya 3:9) Olu lwimi lutsha aluzange luviwe ePapua New Guinea de kwaba phakathi kwiminyaka yee-1930.
Konke kwaqalisa ngowe-1935 xa iLightbearer, inqanawa encinane eyayihamba ngenjini iqhutywa ngamaNgqina kaYehova, yathi yanduluka eOstreliya yaza ekugqibeleni yeza kumisa kwiZibuko iMoresby kunxweme olungasemzantsi-mpuma lwePapua New Guinea. Esi yayisisihlandlo sokuqala ukuba abemi basekuhlaleni beve “intetho enyulu”—besiva ngokoqobo isigidimi soBukumkani bukaThixo njengoko sasisasazwa ngezixhobo zezandisi-lizwi ezazikumgangatho ongaphezulu weLightbearer.
Noko ke, kwakungowe-1951 ekwathi le ‘ntetho inyulu’ yaziwa kakuhle yaza yasetyenziswa. Ukususela ngaloo nyaka ukuya phambili, amaNgqina awayevela eOstreliya, eKhanada, eUnited States, eJamani, eNgilani naseNew Zealand azinikela ukuba aye kule Ntsimi yasePapua naseNew Guinea, njengoko ngelo xesha yayibizwa ngolo hlobo. Emva kokunikela ubungqina kwabaMhlophe ababelapho, ngokukhawuleza afumana iindlela zokuthetha nabemi bomthonyama basePapua ngoBukumkani bukaThixo. Oku kwakuquka ukuya kwindlu ngendlu, okwakufuna umgudu owongezelelekileyo ngenxa yokuba zimbi izindlu ziphakanyiswe ngeentsika ukuzigcina zingentla kwamanzi okanye emhlabeni.
Kakade ke, ukuze abafundise “intetho enyulu” aba bemi baneelwimi ezininzi, amaNgqina asuka kude kwafuneka ukuba afunde ubuncinane olunye lweelwimi ezimbini eziqhelekileyo, okanye ezisetyenziswa kwezorhwebo. Oku kwakungazicombululi zonke iingxaki zawo kuba kwezi lwimi zimbini alukho olona yayilolwabemi basekuhlaleni kodwa nje yayingumxube weelwimi owawubanceda abantu abathetha iilwimi ezahlukeneyo ukuba bancokole. Yaye kwanezi zimbini iilwimi zazingathethwa nguye wonk’ ubani kwezo ziqithi. Ngokufuthi ukunikela ubungqina kwakuquka inkqubo eluxanduva yokuthetha nomntu ngolunye lwezo lwimi zisetyenziswa kwezorhwebo uze ke umcele ukuba asitolike eso sigidimi ukuze kungenelwe nabanye abakhoyo.
Kwakhona amaNgqina abhenela ekusebenziseni iindlela zantlandlolo zokufundisa, ezinjengokuzoba imifanekiso elula ebhodini okanye nakuyiphi na into enokufumaneka. Ekuhambeni kwexesha, uncwadi namaphephancwadi eBhayibhile athi afumaneka ngezo lwimi zisetyenziswa kwezorhwebo isiHiri Motu nesiNew Guinea Pidgin. Incwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! ngezi lwimi zimbini iye yaba yesetyenziswa kakhulu ekufundiseni abemi besiqithi “intetho enyulu.”
Owasebukhosini Uva “Intetho Enyulu”
UYesu Kristu wayetshilo ukuba abafundi bakhe babeya ‘kumiswa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yakhe, kube bubungqina kubo.’ (Marko 13:9) NgoAgasti 9, 1984, bambi babavangeli basemazweni abangamaNgqina kaYehova kwiSiqithi iManus banikwa ithuba lokunikela ubungqina enkosini, nangona oku kwenzeka phantsi kweemeko ezintle ngakumbi. Ngaloo mini uNkosana Charles, oyindlalifa eza kulawula eBritani, watyelela eso siqithi.
Bekumaphenyane abo ahonjisiweyo, abantu besizwe samaTitan bakhokela inqanawa yenkosana uCharles ukuya elunxwemeni, ngaphesheya nje kwendlela esuka kwikhaya labavangeli basemazweni. Emva kokuba wathi wamkelwa ziinkxentsi ezilikhulu waza wathweswa isithsaba sokuba ‘yinkosi,’ waya kwisidlo sasemini ekwakumenywe kuso abavangeli basemazweni yiNkulumbuso yeSiqithi iManus. Xa iNkosana yababuza ukuba babesenza ntoni na esiqithini, ngovuyo bayithela gqaba-gqaba ngomsebenzi wabo. Bakuvuyela ukufumana ithuba lokuyichazela ukuba uYehova uThixo unamaNgqina kwanakwiSiqithi iManus esikude.
Ngokungalindelekanga, igosa elalisazisa abavangeli basemazweni kuNkosana Charles lona ngokwalo laliyifundile incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Ngelinye ithuba, nalo lakhe lemisa ngakwikhaya labavangeli basemazweni ukuze lithi ngoxa lifumana ikofu nekeyiki lidle amathol’ eendaba.
Ulwimi Olutsha Olufundwa Ngozifake Kwiipolitiki
Usomashishini waseNew Guinea wayebandakanyeke kwezobupolitiki yaye ekwalilungu leCawa yamaLuthere. Phofu ke, icawa yasekuhlaleni awayengena kuyo yayingavisisani gqitha kangangokuba abefundisi ababini ababephikisana babumba amaqela amabini ezizwana awalwa phantse kangangonyaka ngezaphetha, ngeentolo, ngemikhonto namakhaka emfazwe. Elo dabi lashiya itshoba lilel’ umbethe kubantu abasithoba yaye abaninzi bengxwelerhekile. Le ndoda yagqiba kwelokuba iyishiye iCawa yamaLuthere kodwa yayingazi ukuba inokuwakhangela phi na amaKristu amanyene ngokwenyaniso. Yacinga ukuba, ‘akanakuba ngamaNgqina kaYehova, kuba wona angabaprofeti bobuxoki.’
Yayisenale ngqondo xa iqela lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova laqesha uduladula wayo ukuze liye kwindibano yesithili. Kuba ingusomashishini, yavuma yaza okunene yamqhuba ngokwayo uduladula. Yabakho kucwangciso lwangeCawa yaye yachukunyiswa gqitha luxolo nenzolo eyayilapho, ukuphulaphula ngenyameko kwabantu ababelapho —abakhulu nabancinane—ababetyhila ezabo iiBhayibhile ngoxa isithethi sithetha. Yade yachukumiseka ngakumbi ebudeni besidlo sasemini, xa yabona amaNgqina achwayitileyo ekroza ngomonde ukuze afumane ukudla kwawo, abamhlophe ababekwazizithethi belinda kude kufikwe kubo njengabanye yaye besitya ukudla okufanayo. Ebudeni bohambo lokubuyela emva lweeyure ezintandathu, yaweva amaNgqina evuma ngovuyo iingoma zoBukumkani. ‘Onjani wona umahluko okhoyo phakathi kwamaLuthere alwayo!’ yavakala izitsholo ngaphakathi.
Le ndoda yakuvuma ukufundisisa iBhayibhile neNgqina lasekuhlaleni, kodwa oko yayikwenza ngasese, khon’ ukuze ingavus’ umnyele kumaLuthere angoowayo. Phofu ke, ngokukhawuleza yathi yaba namandla okomoya okukwazi ukurhoxa ecaweni nakwimisebenzi yayo yobupolitika. Yona nowakwayo bathi ‘baguqukela kwintetho enyulu’ baza baqalisa ‘ukulinqula igama likaYehova, ukuze bamkhonze ngaxhatha linye’ namanye amangqina Akhe amanyeneyo.—Zefaniya 3:9.
Kusekho Umsebenzi Omkhulu Wokufundisa Osafuna Ukwenziwa
Onjani wona ukumangalisa umsebenzi othe wenziwa ngabavangeli basemazweni namanye amaNgqina awathi azinikela ukuza ePapua New Guinea ephuma kwamanye amazwe ukuze afundise “intetho enyulu”! Ukusuka kubavakalisi ababini nje kuphela ngowe-1951, abashumayeli nabafundisi abangamaNgqina baye banda ukuya kutsho kwabangaphaya kwe-1 800, abaninzi kubo ngoku bengabemi basekuhlaleni.
La maNgqina asekuhlaleni angumthombo wokhuthazo kwabo basuke kwamanye amazwe ukuya kukhonza apho. Umzalwana oliNgesi ohlala kwisiqithi saseBougainville ubhala esithi: “Enye yezona nto zikhuthazayo nethe yasishukumisela ukuba siqhubeke simkhonza uYehova apha kukubona indlela abazalwana bethu basePapua New Guinea abaqhubeka ngayo bemkhonza ngokuthembeka uYehova, ngokufuthi phantsi kweemeko ezinzima gqitha. Abaninzi kubo abanawo amakhaya abo siqu kodwa kuye kufuneke bahlale nezalamane. Ngokufuthi kufuneka bahambe imigama emide kwilanga eligqats’ uBhobhoyi okanye kwizandyondyo zemvula ukuze beze kwiintlanganiso okanye kwinkonzo yasentsimini. Omnye woodade bethu basekuhlaleni uhlala etyholweni. Ukuze onge ixesha lokuhlangana nathi kumsebenzi wokunikela ubungqina esitratweni, indoda yakhe ibaweza umlambo yena nentwazana yakhe nosana Iwakhe ngetyhubhu enkulu.”
Kusekho umsebenzi omkhulu wokufundisa ekusafuneka wenziwe kubantu basekuhlaleni. Banomdla. Oku kubonakala kwinto yokuba abantu abali-10 235 beza kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu ngowe-1987. Kodwa kufuneka uncedo olungakumbi ukuze kunyanyekelwe bonke aba banomdla kule “ntetho inyulu.” Kunjengokuba elinye iNgqina elisuka kwilizwe elingaphandle, eleza apha ukuza kukhonza apho imfuneko inkulu khona, lakuvakalisayo oku ngokuthi: “Kundenza ndibe lusizi ukucinga ngabantu abaninzi abanomdla abakwezi lali zisematyholweni asePapua New Guinea. Asinabo nje kwaphela abasebenzi abaneleyo bokusebenza le ntsimi. Ngokuqinisekileyo imfuneko inkulu kule nxalenye yehlabathi. Siyazi ukuba uYehova uyakuqonda oku yaye uya kwenza amalungiselelo okubanyamekela aba bantu balambele inyaniso.”
Kuthekani ngawe? Ngaba ubungathanda ukuba nesabelo ekufundiseni “intetho enyulu” kweli lizwe lineelwimi ezingama-700?
[Imaphu ekwiphepha 21]
(Ukuze ufumane inkcazelo epheleleyo, jonga encwadini)
AUSTRALIA
PAPUA NEW GUINEA
Manus
Port Moresby
Bougainville