Ukufuna Inyaniso Kwavuzwa
ENGANELISEKANGA kangako njengomshumayeli weCawa yaseRhabe, omnye umfo waqalisa ukufuna icawa kaThixo yokwenyaniso. Wazibhalela izinto ezilishumi ezaziyimfuneko awayenoluvo lokuba icawa yokwenyaniso imele ibe nazo. Wayesele enolwazi oluchanileyo ngokungabikho Zibhalweni kwesihogo somlilo, ukungafi komphefumio, njalo njalo. Wenza olu phando kangangeminyaka engama-30. Xa omnye wamaNgqina kaYehova wadibana naye, waqalisa ukuphakamisa imibuzo awayenayo, enjengale: “Ngubani umhlambi omncinane? Ngoobani abali-144 000 nezinye izimvu?” Akuba efumene iimpendulo ezanelisayo, wasivuma isifundo seBhayibhile. Emva kweenyanga ezintathu wathi kweli Ngqina: “Mzalwana, icawa yokwenyaniso kaThixo ngamaNgqIna kaYehova.” Ngoku uneminyaka engama-71 ubudala yaye uvuyiswa yinto yokuba efumene icawa yokwenyaniso emva kokuyifuna kangangeminyaka engama-30!