IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 12/15 iphe. 25
  • “Umqolomba Wezihange” Wanamhlanje

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Umqolomba Wezihange” Wanamhlanje
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 12/15 iphe. 25

“Umqolomba Wezihange” Wanamhlanje

KWIPHEPHANCWADI iNatural History, unjingalwazi ngemekobume yoluntu uColin Turnbull wabalisa amava akhe xa wayetyelele eYerusalem. Wathi “umoya weKrismesi” awayeqalise ukuba nawo “wehla ngokukhawuleza” xa waphawula iivenkile zesixeko “zizele zizinto ezindala nezingenaxabiso zithengiswa ngamaxabiso angekho ngqiqweni kubathengi (abakhenkethi) abanomoya weKrismesi nababebonakala bethe swii ngumoya wokuthenga.”

Lo kaTurnbull wathi ngalo “moya wekrismesi” wayenawo: “[Wathi] wanyamalala ngakumbi kwenye indawo endandicinga ukuba yayisenokuwuvuselela—ilitye leNgcwaba Elingcwele.” (Imbonakalo yangaphakathi iboniswe ngentla.) Apho, indlela ababeziphethe ngayo abakhenkethi ababelapho “nababebonakala bebonisa ubukrwada bokuswel’ intlonelo ngendawo engcwele” yamdimaza njengoko “babesunduzana yaye abanye bengenelela phambi kwabanye ngendlela engabonisi buKristu kwaphela, besebenzisa amagxa neengqiniba ukuzama ukungena kumnyango omxinwa welo ngcwaba. Maxa wambi kwakuqhambuka umlo ongephi, uphelekwa zizithuko nezimbo zomzimba ezazingabonisi bungcwele nje kwaphela.”

UTurnbull wathi, kunokuba ‘babuyisele imekobume yobungcwele,’ abefundisi abaphetheyo apho “bayitshayela kwathi tu nayiphi na ingcamango yobungcwele ngokumisela umzekelo wehambo ekrwada.” Wabalisa ‘ngomnye owayenezambatho ezinde nezibumfusa, owayenesigqubuthelo esikhulu nongathi nguRasputin’ owayesithi “ngolunya asunduzele emva abakhenkethi abaqhelekileyo ebasusa kumnyango wengcwaba sihlandlo ngasinye kubonakala abakhenkethi (ekuthiwa ngabahambi ngezonqulo) abahlawula kakhulu, nabaphethe amakhandlela, bekhokelwa ngomnye uRasputin.” Le ngcali yathi, umphumo woku waba “bubutshaba phakathi kwabo bangaphethanga makhandlela nabo bawaphetheyo, kwanaphakathi kwabefundisi abahlukahlukeneyo, njengoko kwakubonakala kukho umngcelele ongapheliyo wamahlelo aphikisanayo ekhuphisana ngokungena kuqala nangendawo yokuma.”

Iqabane likanjingalwazi uTurnbull “lalikumgama [oziimitha] ezimbalwa qelele emva etempileni, libambelele ngezandla phantsi yaye liguqe ngamadolo, inxalenye yomzimba walo yayisithele ngaphakathi komngxuma oseludongeni.” Lo kaTurnbull wabalisa oku: “Njengoko ndandondele, isandla sakhe sokunene saphuma saza saphuthaphutha imali kwingxowa yakhe, kodwa enye ingalo yakhe yayingaphakathi, ibonakala ngokungathi ibambekile. Phofu ke, akuba eyidlulisele imali ngaphakathi emngxunyeni, ingalo yakhe yasekhohlo yakhululeka waza umhlobo wam waphakama . . . Kwisandla sakhe sasekhohlo wayephethe umnqamlezo omncinane owenziwe ngomthi, ufumile kwindawo owawufefwe kuyo ngamanzi ekuthiwa angcwele ufefwa yimonki eyayinemvume yokwenjenjalo kwaye ibuthume ngokufihlakeleyo kumqolomba omncinane, ilindele ixhoba layo.”

UYesu Kristu waphawula ihambo ekwanjalo yabantu abanempembelelo ababesetempileni, ibe wabaxelela ukuba itempile babeyenza “umqolomba wezihange.” (Luka 19:45, 46) Kakade ke, kumhla wethu ‘imiqolomba enjalo yezihange’ ayipheleliselwanga nangayiphi na indlela eYerusalem kuphela.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 25]

Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share