Yintoni Ebangela Iingxaki Zentsapho?
‘ULIVILA! Akakwazi nokunyamekela indlu!’ Watsho njalo uBob.
‘Asiyonyaniso leyo! Akaxabisi nanye into endizama ukuyenza. Uyeyona ndoda igxekayo ndakha ndayibona,’ waphendula watsho uJean.
Kwakonakele phi kubomi bukaBob noJean?a Umtshato wabo osemtsha wawuneenyanga ezine kuphela, kodwa wawusele uxengaxenga. Noko ke, asingomtshato wabo kuphela onjalo, kuba ubalo-manani lubonisa ukuba ukungabikho kwemvisiswano emtshatweni kuyinto exhaphakileyo. Iingcali ngoku zithi isiqingatha sayo yonke imitshato emitsha kwelaseUnited States siya kuphelela kuqhawulo-mtshato. Amanani awaniki themba nakwamanye amazwe amaninzi. Kanti, uqhawulo-mtshato asikuphela kwento eyenzekayo. Iintsapho ezingenakubaleka yaye ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo, zineengxaki.
Ezinye Zezizathu Zeengxaki Zentsapho
Abantwana bachaphazeleka kakhulu xa kukho iingxaki entsatsheni. Iphephancwadi iNewsweek linikela le ngxelo: “Omnye kwabathathu kubantwana abazalwe kwiminyaka elishumi edluleyo [kwelaseUnited States] ngokunokwenzeka uya kuhlala kwintsapho yomtshato wesibini ngaphambi kokuba abe neminyaka eli-18. Omnye kubantwana abane namhlanje ukhuliswa ngumzali omnye. Malunga nabantwana abangama-22 ekhulwini namhlanje bazalwa ngaphandle kweqhina lomtshato; kwabo, omnye kwabathathu uzelwe ngumama okwishumi elivisayo.”
Ecaphula omnye unobangela weengxaki zentsapho, uJ. Patrick Gannon ingcali ejongene nokuxhatshazwa kwabantwana uthi: “Uhlolisiso olwenziwayo ngoku lubonisa ukuba abantu abangamashumi ezigidi bakhulela kwiintsapho ezingaqhubi kakuhle apho ugonyamelo, umbulo, okanye ukuxhatshazwa ngokweemvakalelo okwakubangelwa bubunxila kwakuzizinto zomhla nezolo.” Akumangalisi ke ngoko ukuba abantwana abaninzi abachanabeka kwiimeko ezinjalo besenokungakwazi ukuziphepha iingxaki zentsapho xa bengabantu abakhulu.
Bambi basenokuthi iingxaki zentsapho zibangelwa kukuguquka kwezoqoqosho, kwezentlalo nakwimilinganiselo engokokuziphatha okuye kwenzeka kumazwe ahambele phambili. Ngokomzekelo, ukungenelela kwabafazi ngomlinganiselo omkhulu kumsebenzi wempangelo ngokufuthi kuye kwabangela uhlengahlengiso olungapheliyo lweendima neembopheleleko zasekhaya. Oomama bazama ukuvuselela ubuchule ababenabo ngaphambili obufuneka empangelweni, ootata beziziliza bazamana nomsebenzi wasekhaya, yaye abantwana benyembezana baziqhelanisa nobomi kwiindawo zokugcina abantwana.
Iintsapho ezininzi zixinezeleke ngokungathethekiyo kuwo onke amazwe ehlabathi. Omnye umzali ophangelayo wakufanisa oku “nokuhlala kwimo yonxunguphalo engapheliyo.” Akumangalisi ke ngoko ukuba phantse isiqingatha sabo kwenziwa uhlolisiso nabo ebudeni bohlolisiso olwenziwa liziko leGallup kutshanje bathi ‘imeko yeentsapho zaseMerika imbi kakhulu ngoku kunokuba yayinjalo kwiminyaka elishumi edluleyo,’ yaye bambalwa abakholelwa ukuba le meko iza kuphucuka.
Ngoko ke iingxaki zeentsapho zingundaba-mlonyeni kwiinkqubo zodliwano-ndlebe kumabonwakude nakunomathotholo. Abantu bazifuna ngomdla omkhulu iincwadi ezinokuba luncedo nezithetha ngentsapho, zimbi zazo ezinikela amacebiso asengqiqweni nasebenzisekayo ngokomlinganiselo othile. Nangona isiluleko ‘sokuncokola ngokukhululeke ngakumbi’ okanye ‘sokwabelana ngeemvakalelo’ sinokuba luncedo, asisifikeleli isizekabani seengxaki zekhaya. Inqaku elilandelayo liza kwenjenjalo yaye liza kubonisa indlela yokuhlangabezana neengxaki zentsapho.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kusetyenziswe amagama angengowabo ukuze bangaziwa.