IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 11/15 iphe. 28-30
  • Kutheni Sifanele Siyivume Impazamo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Sifanele Siyivume Impazamo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Akunasizathu Sakuphelelwa Lithemba
  • Ukuthobeka Luphawu Olubalulekileyo
  • Bazivuma Iimpazamo
  • Ukwenza Okuthile Ngeempazamo Esizenzayo
  • Xa Umdala Esenza Impazamo
  • Musa Ukulibazisa Ukuzivuma Impazamo
  • Uvuyo Lokuvuma Iimpazamo
  • Ndingazilungisa Njani Iimpazamo Zam?
    Imibuzo Eli-10 Yolutsha Iyaphendulwa
  • Ndingazilungisa Njani Iimpazamo Zam?
    Ulutsha Luyabuza
  • Indlela Ofanele Uzijonge Ngayo Iimpazamo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Ukucela Uxolo—Undoqo Wokudala Uxolo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 11/15 iphe. 28-30

Kutheni Sifanele Siyivume Impazamo?

LA YAYINGAMANYE awona mava angaqhelekanga kwimbali yasemkhosini. Umthunywa ongaxhobanga wajika amajoni angama-400 nangenazimvakalelo awayezimisele ukuziphindezela ngenxa yokugculelwa. Emva kokuba iphulaphule izibongozo zomfazi okhaliphileyo omnye nje kuphela, inkokeli yaloo madoda yakurhoxisa oko yayiza kukwenza.

Loo nkokeli yayinguDavide, kamva owaba ngukumkani wakwaSirayeli. Waphulaphula umfazi ogama linguAbhigali ngenxa yokuba wayefuna ukukholisa uThixo. Xa wambonisa ngobuchule ukuba ukuziphindezela kumyeni wakhe, uNabhali, kwakuya kumbangela abe netyala legazi, uDavide wadanduluka wathi: “Makabongwe uYehova uThixo kaSirayeli, okuthumileyo namhla, wandikhawulela. Mayibongwe imvo yakho, ubongwe wena, ondaleleyo namhla ukuba ndiphalaze igazi, ndizisindise ngesandla sam.” UDavide wambulela uThixo ngokuba esebenzise uAbhigali ekumnqandeni ekwenzeni impazamo enzulu.—1 Samuweli 25:9-35.

Kwenye indumiso uDavide wabuza oku: “Iimpazamo—ngubani na onokuziqonda?” (INdumiso 19:12, NW) Njengaye, sisenokungaziqondi iimpazamo zethu de kubekho othile ozizisa kwingqalelo yethu. Ngezinye izihlandlo iba yimiphumo engathandekiyo esinyanzelela ekubeni siqonde ukuba besiphazamile, senze ngobuyatha, okanye ngendlela engabonakalisi bubele.

Akunasizathu Sakuphelelwa Lithemba

Nakubeni sonke sizenza iimpazamo, azifanele zisenze siphelelwe lithemba. Unozakuzaku uEdward John Phelps wathi: “Ngokuqhelekileyo umntu ongazenziyo iimpazamo ngongenzi nto.” Kwanomfundi ongumKristu uYakobi wathi: “Kuba siyakhubeka kaninzi sonke.” (Yakobi 3:2) Ngaba umntwana unokuqingqa angaze akhubeke? Akunjalo, kuba umntwana ufunda kwiimpazamo zakhe aze ahlale ezama de akwazi ukuzimela.

Ukuze siphile ubomi obulungeleleneyo, nathi kufuneka sifunde kwiimpazamo zethu nakwezabanye. Ekubeni iBhayibhile ibalisa amava abantu abaninzi ababesehlelwa zizinto ezisenokuba ziyafana nezo zisehlelayo, sisenokuncedwa ukuze sikuphephe ukwenza kwaezo mpazamo bazenzayo. Ngoko ke, yintoni esinokuyifunda kwiimpazamo zabo?

Ukuthobeka Luphawu Olubalulekileyo

Esinye isifundo sesokuba uThixo akagwebi wonke umntu owenza iimpazamo kodwa kuphela ugweba abo bangavumiyo ukuzilungisa xa kufuneka. UKumkani uSawule wakwaSirayeli akazange ayithobele imiyalelo kaYehova yokutshabalalisa ama-Amaleki. Xa umprofeti uSamuweli wakuzisa kwingqalelo yakhe oku, ekuqaleni uSawule wayithabatha lula imicimbi waza wazama ukubek’ ityala kwabanye. Wayekuxhalabele kakhulu ukuhlaziswa emehlweni abantu bakhe kunokuba alungise oko kuphosakeleyo. Ngenxa yoko, ‘uYehova wamcekisa ukuba angabi nguKumkani.’—1 Samuweli 15:20-23, 30.

Nakubeni ilandela likaSawule, uDavide, lenza iimpazamo ezinzulu, laxolelwa ngenxa yokuba ngokuthobekileyo lasamkela isiluleko kwanoqeqesho. Ukuthobeka kukaDavide kwambangela ukuba awaphulaphule amazwi ka-Abhigali. Imikhosi yakhe yayilungele idabi. Sekunjalo, phambi kwemikhosi yakhe, uDavide wavuma ukuba wenze isigqibo sobuyatha. Kubo bonke ubomi bakhe, ukuthobeka okunjalo kwamnceda uDavide ukuze afune ukuxolelwa aze alungise iindlela zakhe.

Kwakhona ukuthobeka kushukumisela abakhonzi bakaYehova ukuba balungise iindlela zokuthetha ezingacingisiswanga kakuhle. Ebudeni bokuxoxwa kwetyala phambi kweNtlanganiso yamatyala, umbingeleli omkhulu wayalela ukuba uPawulos abethwe emlonyeni. Lo mpostile waphendula wathi: “Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo.” (IZenzo 23:3) Mhlawumbi ngenxa yokungaboni kakuhle, uPawulos akazange aqonde ukuba ngubani lowo wayethetha kuye ngolo hlobo de ababekho apho bambuza oku: “Uyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo?” Kweso sithuba, ngokukhawuleza uPawulos wayiqonda impazamo yakhe, waza wathi: “Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu.” (IZenzo 23:4, 5; Eksodus 22:28) Ewe, ngokuthobeka uPawulos wayivuma impazamo yakhe.

Bazivuma Iimpazamo

Kwakhona iBhayibhile ibonisa ukuba bambi bayiguqula indlela ephosakeleyo ababecinga ngayo. Ngokomzekelo, khawucinge ngomdumisi uAsafu. Ngenxa yokuba abantu abangendawo babebonakala bephumelela, wathi: “Ndifumene ndayiqaqambisa intliziyo yam.” Kodwa uAsafu wabuyela ezingqondweni emva kokuba eye endlwini kaYehova waza wacamngca nzulu ngeengenelo zonqulo olunyulu. Ngaphezu koko, kwiNdumiso 73 wayivuma impazamo yakhe.

Kwakhona uYona wavumela ingcinga ephosakeleyo ukuba iyenze ifiphale imbono yakhe. Emva kokuba eshumayele eNineve, wayekuxhalabele kakhulu ukuzithethelela kunokusindisa abemi beso sixeko. Phezu kwayo nje inguquko abayenzayo, uYona akazange akholiseke xa uYehova engazange abohlwaye abemi baseNineve, kodwa uThixo wayilungisa loo ngcinga wayenayo. UYona waqonda ukuba imbono yakhe yayiphosakele kuba incwadi yeBhayibhile ebizwa ngegama lakhe izivuma ngokunyanisekileyo iimpazamo zakhe.—Yona 3:10–4:11.

Ngempazamo icinga ukuba nguYehova uThixo, kungekhona uSathana uMtyholi, owayebangela ukuba ibandezeleke indoda enguYobhi yazama ukubonisa ukuba yayingafanele ive iintlungu eyayinazo. Kwakumnyama kuyo ngembambano enkulu yokuba: Ngaba abakhonzi bakaThixo baya kuhlala bethembekile kuye naphantsi kovavanyo? (Yobhi 1:9-12) Emva kokuba uElihu yaye kamva uYehova emncedile uYobhi ukuze abone iimpazamo zakhe, wavuma wathi: ‘Ngoko ke ndithethe ndingaqondi. Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye, ndiseluthulini naseluthuthwini.’—Yobhi 42:3, 6.

Ukuzivuma iimpazamo kuyasinceda ukuze silondoloze ulwalamano olulungileyo noThixo. Njengoko le mizekelo yandulelayo ibonisa, akayi kusigweba ngenxa yeempazamo esizenzayo ukuba siyazivuma size senze konke okusemandleni ethu ukuze silungise indlela ephosakeleyo esicinga ngayo, ukuthetha amazwi angacingisiswanga, okanye izenzo zobuyatha. Sinokulusebenzisa njani olu lwazi?

Ukwenza Okuthile Ngeempazamo Esizenzayo

Ukuyivuma ngokuthobekileyo impazamo nokwenza okuthile ngayo kunokuwomeleza amaqhina entsapho. Ngokomzekelo, mhlawumbi ngenxa yokudinwa okanye ukuphazamiseka, umzali usenokumluleka ngendlela erhabaxa umntwana wakhe. Ukungavumi ukuyilungisa le mpazamo kunokuba nemiphumo emibi. Ngokuvisisana noko, umpostile uPawulos wabhala: “Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi [kukaYehova, NW].”—Efese 6:4.

UmKristu oselula ogama linguPaul echwayitile ukhumbula oku: “Utata wayesoloko ecela uxolo xa eqonda ukuba usabele ngomsindo. Oko kwandinceda ndakwazi ukumhlonela.” Enoba kwimeko ethile kufuneka kucelwe uxolo eso sisigqibo sobuqu. Sekunjalo, izingxengxezo kufuneka zilandelwe yimigudu enyanisekileyo yokuphepha ukwenza impazamo efanayo kwixa elizayo.

Kuthekani ukuba umyeni okanye umfazi wenza impazamo ebangela unxunguphalo? Ukuyivuma ngokungagogotye lutho, uxolo olucelwa ngokungazenzisiyo nomoya wokuxolela ezo zinto ziya kubanceda balondoloze ulwalamano lwabo lothando. (Efese 5:33; Kolose 3:13) UJesús, indoda yaseSpeyin enomsindo ongamandla ekwiminyaka yayo yama-50 ayibi nakratshi xa kufuneka icele uxolo kumfazi wayo, uAlbina. UAlbina uthi: “Sinesiko lokuba omnye acele uxolo xa emonile omnye. Oku kuyasinceda sikwazi ukuhlalisana ngothando.”

Xa Umdala Esenza Impazamo

Kwakhona ukuzivuma iimpazamo nokucela uxolo ngokunyanisekileyo kuya kubanceda abadala abangamaKristu basebenzisane ngemvisiswano baze ‘babekane.’ (Roma 12:10, NW) Umdala usenokuziva emadolw’ anzima ekuvumeni impazamo ayenzileyo kuba esoyika ukuba ukwenza kwakhe oko kuya kukuthob’ isidima ukongamela kwakhe ebandleni. Noko ke, ukuzama ukuyithethelela, ukungayisi so, okanye ukuyenza ncinane impazamo ngokunokwenzeka kuya kubangela ukuba abanye bangabi nantembelo kwindlela ongamela ngayo. Umzalwana okhulileyo ocela uxolo ngokuzithoba, mhlawumbi ngenxa yokuthile akuthethe engakucinganga, uyahlonelwa ngabanye.

UFernando, ongumdala waseSpeyin, ukhumbula ngasihlandlo sithile xa omnye umveleli wesiphaluka owayesongamela kwintlanganiso eyayinabadala abaninzi wanika inkcazelo engachananga ngendlela efanele iqhutywe ngayo intlanganiso ethile. Xa omnye umzalwana wamlungisa ngentlonelo koko wayekuthetha, ngokukhawuleza umveleli wesiphaluka waqonda ukuba wayephazamile. UFernando ukhumbula oku: “Xa ndambona evuma impazamo yakhe phambi kwabo bonke abo badala, ndachukumiseka ngokunzulu. Ndamhlonela ngakumbi emva kokuba ecele uxolo. Umzekelo wakhe wandifundisa indlela ekubaluleke ngayo ukuziqonda iimpazamo endizenzayo.”

Musa Ukulibazisa Ukuzivuma Impazamo

Ngokuqhelekileyo ukucelwa koxolo kuyinto exatyisiweyo, ngokukodwa ukuba lucelwa ngokukhawuleza. Enyanisweni, okukhona siyivuma ngokukhawuleza impazamo kokukhona kuya kuba kokulunge ngakumbi. Ngokomzekelo: Ngo-Oktobha 31, 1992, uPopu uJohn Paul II wavuma ukuba kwiminyaka engama-360 eyadlulayo ngethuba lokuNcinwa kwamakholwa “ngempazamo” kohlwaywa uGalileo ngokuvakalisa kwakhe ukuba umhlaba awusosazulu sendalo iphela. Sekunjalo, ukusibekela ithuba elide kangako isingxengxezo kulenza libe lincinane kakhulu ixabiso laso.

Oku kukwanjalo nakulwalamano lobuqu. Uxolo olucelwa ngokukhawuleza lunokuliphilisa inxeba elibangelwe lilizwi okanye sisenzo esenziwe ngendlela engeyoyabubele. UYesu wasibongoza ukuba singakubekel’ amangomso ukuxolelana, esithi: “Xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe, wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho.” (Mateyu 5:23, 24) Ngokufuthi, ukuze siphinde sibe nolwalamano oluseluxolweni kufuneka sivume ukuba siyisingathe ngendlela ephosakeleyo imicimbi size sicele ukuxolelwa. Okukhona silibazisa ukwenza oku, kokukhona kuba nzima ngakumbi.

Uvuyo Lokuvuma Iimpazamo

Njengoko umzekelo kaSawule nokaDavide ubonisa, indlela esizisingatha ngayo iimpazamo esizenzileyo inokubuchaphazela ubomi bethu. Ngenkani uSawule wasigatya isiluleko waza wenza iimpazamo eziphindaphindiweyo nto leyo eyabangela ukuba ekugqibeleni afe engenayo inkoliseko kaThixo. Noko ke, phezu kwazo nje iimpazamo nezono awazenzayo uDavide, waguquka waza wakwamkela ukulungiswa wahlala ethembekile kuYehova. (Thelekisa INdumiso 32:3-5.) Ngaba asingomnqweno esinawo lowo?

Owona mvuzo mkhulu esiwufumanayo ngokuvuma nokulungisa impazamo esiyenzileyo okanye ngokuguquka kwisono esisenzileyo kukwazi ukuba uThixo usixolele. UDavide wathi, “Hayi uyolo lwakhe . . . osono siselelweyo. Hayi uyolo lomntu angabubaleliyo uYehova kuye ubugwenxa.” (INdumiso 32:1, 2) Ngoko, hayi indlela ekububulumko ngayo ukuyivuma impazamo!

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Ngaba umntwana unokuqingqa angaze akhubeke?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share