Icawa Eyahluleleneyo—Imbi Kangakanani?
“NJENGENTSAPHO enkulu eyothukileyo, ehlala kwindlu endala edilikayo udonga lwayo lwangaphambili olusuke lwee bhuma phantsi ngesiquphe, kubonakala kukho ingxwabangxwaba eqhubeka phantse kuwo onke amagumbi—abantwana bakaYesu ababetha amagubu benza isankxwe begxibha amafanasini angamaTshetshi asabambelele kwizithethe zobuKatolika atsho ngomfaneleko kwiisuti zawo ezimnyama zesilika.”—The Sunday Times, London, April 11, 1993.
Le ntsapho yiCawa yaseTshetshi. Ingxwabangxwaba ingokuvumela amabhinqa abe ngabefundisi. Le ndlela icacileyo kuchazwe ngayo ukungamanyani ingena gingci kuyo yonke iNgqobhoko. Oobhishophu abakhulu kwiCawa yobuOthodoki nopopu bayasigxeka isigqibo sokuvumela amabhinqa abe ngabefundisi, umphumo ke, enye ingxelo iqukumbela ngokuthi, kukuba “iphupha lokumanyaniswa kwayo yonke iNgqobhoko lichasele ngakumbi kunanini na ngaphambili.”
Yahlulelene Kangakanani Icawa?
Njengokuba sifunda kuMateyu 7:21, uYesu Kristu wathi abaninzi babeya kuzibanga bekholwa kuye njengeNkosi kodwa sekunjalo bangakwenzi ‘ukuthanda kukaYise.’ Iphephancwadi iMaclean’s liphawula oku: “Abo bafunda uMateyu befuna usindiso banokuxolelwa ngokudideka ngokuba kuyintoni na kanye ukuthanda kukaThixo, xa amaKristu, neecawa zawo, esahluka kangaka kulo mbandela.” Emva kokuhlola izimvo zabemi baseKhanada, lagqiba kwelokuba kukho “ukwahluka okukhulu phakathi kweenkolelo nezenzo zamaKristu aseKhanada—eneneni, amalungu amahlelo ahluke gqitha, ngaphezu kwamahlelo ngokwawo.”
Ngokolu hlolisiso, amaKatolika angama-91 ekhulwini ayavumelana nokusetyenziswa koqingqo-nzala olungelulo olokwemvelo nangona icawa yawo ilukhaba; angama-78 ekhulwini acinga ukuba amabhinqa afanele avunyelwe abe ngabefundisi; yaye angama-41 ekhulwini ayakwamkela ukuqhomfa “phantsi kweemeko ezithile.” IMaclean’s ithi ukungavisisani kwamahlelo ahlukahlukeneyo “kwiqela lemibandela yezakwalizwi, kubonisa iiyantlukwano eziqhekeza iicawa eziphambili.”
Imilinganiselo Engafaniyo
Kukho imilinganiselo engafaniyo kwanengqubanayo ngemicimbi yokuziphatha. Abathile bathi babambelele kwimigaqo yeBhayibhile, kodwa abanye bayayaphula. Ngokomzekelo, ngaba umsitho “womtshato” owaqhutyelwa amabhinqa amabini angamaFanasini owaqhutyelwa kwiMetropolitan Church yaseToronto wawuvisisana nokuthanda kukaThixo? Kubonakala ukuba abo babebandakanyekile babecinga njalo. Bathi, “Sifuna ukubhiyozela uthando lwethu ekuhleni naphambi koThixo.”
Omnye umbhali wemihlathi wabuza ukuba kwakusenzeka njani ukuba “ubhishophu omkhulu wamaKatolika ekwakusisiwa izikhalazo ezininzi kuye, atshintshele abefundisi ababexhaphaza abantwana kwamanye amakhwenkwe asebenza esibingelelweni.” Umfundisi uAndrew Greeley uthi kusenokwenzeka ukuba ngabefundisi abangama-2 000 ukusa kuma-4 000 abasenokuba baxhaphaze abantwana abancinane abali-100 000, amaxesha amaninzi akukho nto ingako yenziwayo ngaloo nto.
Icawa engamanyananga ivelisa abantu abangamanyananga. KwiiBalkans, amaSerb namaCroat “angamaKristu” avakalelwa kukuba uKristu ukunye nawo kwimfazwe yawo “yobulungisa.” Amaninzi anxiba iminqamlezo edabini; kuthiwa, omnye, “wayesoloko ewubambe ngomlomo umnqamlezo wakhe xa idabi lishushu ngamandla.”
“Kungabikho Zahlukahlukano Kuni”
Liyinyaniso elokuba iBhayibhile eminye imibandela iyishiyela kwisazela, kodwa oku akufanele kuvulele iiyantlukwano. Ngokucacileyo umpostile uPawulos wathi: “Nithethe [nenze] nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni.”—1 Korinte 1:10; Efese 4:15, 16.
Ukubuhlolisisa ngokunyaniseka “ubuKristu” malunga neminyaka engamawaka amabini emva kokuba umpostile uPawulos wabhala loo mazwi kuphakamisa imibuzo ebaluleke gqitha. Kutheni “amaKristu” ehlulelene kangaka? Ngaba inokuphumelela icawa eyahlulelene kangako? Ngaba iya kuze ibekho iNgqobhoko emanyeneyo? Inqaku elilandelayo liya kuyiqwalasela le mibuzo.
[Umfanekiso okwiphepha 3]
Umngcelele woqhankqalazo wabefundisi bechasa ukuqhomfa
[Inkcazelo]
Cover and above: Eleftherios/Sipa Press