IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w95 10/1 iphe. 8-13
  • Ngaba UThixo Uza Kuqala Kwintsapho Yakho?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Uza Kuqala Kwintsapho Yakho?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umgibe Wenkcaso Yentsapho
  • Ukuhlangabezana Nolu Celomngeni
  • Umvuzo Otyebileyo Esinokuwufumana
  • Ukufunda KuYesu
  • Madoda, Bafazi—Xelisani UKristu!
  • Indlela Yokwenza Intsapho Yakho Yonwabe
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Madoda—Xelisani Ubuntloko BukaKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Ulwalathiso Lobulumko Kubantu Abatshatileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Bafazi—Wahloneleni Ngokunzulu Amadoda Enu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
w95 10/1 iphe. 8-13

Ngaba UThixo Uza Kuqala Kwintsapho Yakho?

“Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela.”—MARKO 12:29, 30.

1. Kubaluleke kangakanani ukuba simthande uYehova?

“OWONA mthetho uphambili kuyo yonke nguwuphi na?” umbhali othile wabuza loo mbuzo kuYesu. Kunokuba achaze imbono yakhe, uYesu wamphendula ngokucaphula eLizwini likaThixo kwiDuteronomi 6:4, 5. Waphendula: “Owona ungaphambili . . . ngulo: Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi inye; uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.”—Marko 12:28-30.

2. (a) UYesu kwafuneka ajamelane nayiphi inkcaso? (b) Maxa wambi yintoni enokwenza kube nzima ukukholisa uYehova?

2 Ukuthobela oko uYesu wakubiza ngokuthi ngowona mthetho uphambili—owona ubalulekileyo—kuthetha ukuba ngalo lonke ixesha senza okumkholisayo uYehova. UYesu wenjenjalo, nangona ngesinye isihlandlo umpostile uPetros engazange avumelane nekhondo likaYesu, yaye ngesinye izalamane zakhe nazo zingazange zivumelane nalo. (Mateyu 16:21-23; Marko 3:21; Yohane 8:29) Kuthekani ukuba uzifumana ukwimeko efanayo? Masithi amalungu entsapho afuna uyeke ukufundisisa iBhayibhile nokunxulumana namaNgqina kaYehova. Ngaba uya kubeka uThixo kuqala ngokwenza oko kumkholisayo? Ngaba uThixo uza kuqala, kwanaxa amalungu entsapho esenokuyichasa imigudu yakho yokumkhonza?

Umgibe Wenkcaso Yentsapho

3. (a) Inokuba yintoni imiphumo yeemfundiso zikaYesu entsatsheni? (b) Amalungu entsapho anokubonisa njani ukuba ngubani amthanda ngakumbi?

3 UYesu akazange abujongele phantsi ubunzima obusenokubangelwa kukuba abanye entsatsheni belichasa ilungu elamkela iimfundiso zakhe. UYesu wathi: “Iintshaba zomntu ziya kuba ngabendlu yakhe.” Sekunjalo, phezu kwayo nje loo miphumo ibuhlungu, uYesu wabonisa ukuba ngubani ofanele eze kuqala ngokuthi: “Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna.” (Mateyu 10:34-37) Sibeka uYehova uThixo kuqala ngokulandela iimfundiso zoNyana wakhe, uYesu Kristu, ‘ongumbhalo wenkqu’ kaThixo.—Hebhere 1:3; Yohane 14:9.

4. (a) UYesu wathi kwakubandakanyeke ntoni ekubeni ngumlandeli wakhe? (b) AmaKristu amele awathiye ngayiphi ingqiqo amalungu eentsapho zawo?

4 Ngesinye isihlandlo xa uYesu wayexubusha ngoko kubandakanyekileyo ekubeni ngumlandeli wakhe wokwenene, wathi: “Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam.” (Luka 14:26) Ngokucacileyo uYesu wayengathethi ukuba abalandeli bakhe babefanele bawathiye ngokoqobo amalungu eentsapho zabo, ekubeni wayalela abantu ukuba bathande kwaneentshaba zabo. (Mateyu 5:44) Kunoko, apha uYesu wayethetha ukuba abalandeli bakhe bamele bathande amalungu entsapho ngaphantsi kunokuba bethanda uThixo. (Thelekisa uMateyu 6:24.) Ngokuvisisana noko, iBhayibhile ithi uYakobi ‘wayemthiyile’ uLeya ethanda uRakeli, okuthetha ukuba uLeya wayengamthandi njengokuba wayethanda udadewabo, uRakeli. (Genesis 29:30-32) UYesu wathi ‘kwanobomi’ bethu sifanele sibuthiye, okanye sibuthande ngaphantsi, kunokuba sithanda uYehova!

5. Ngobuqili uSathana ulisebenzisa kakubi njani ilungiselelo lentsapho?

5 NjengoMdali noMniki-bomi, uYehova ufanelwe kukuba bonke abakhonzi bakhe bazinikele ngokupheleleyo kuye. (ISityhilelo 4:11) Umpostile uPawulos wabhala: “Ndiyawagoba amadolo am kuye uYise . . . ebizwe ngaye yonke imizalwane [“iintsapho,” NW] esemazulwini nesemhlabeni.” (Efese 3:14, 15) UYehova walidala ngendlela emangalisayo ilungiselelo lentsapho ukuze amalungu entsapho abe nomsa wemvelo elinye kwelinye. (1 Kumkani 3:25, 26; 1 Tesalonika 2:7) Noko ke, ngobuqili uSathana uMtyholi uwusebenzisa kakubi lo msa wemvelo wentsapho, oquka umnqweno wokukholisa abathandwayo. Ukhwezela inkcaso yentsapho, yaye abaninzi bakufumanisa kulucelomngeni ukuyimela ngokuqinileyo inyaniso yeBhayibhile xa bejamelene nayo.—ISityhilelo 12:9, 12.

Ukuhlangabezana Nolu Celomngeni

6, 7. (a) Amalungu entsapho anokuncedwa njani aqonde ukubaluleka kofundisiso lweBhayibhile nonxulumano lwamaKristu? (b) Sinokubonisa njani ukuba siwathanda ngokwenene amalungu entsapho yethu?

6 Uya kwenza ntoni ukuba unyanzeleka ukuba ukhethe phakathi kokukholisa uThixo okanye ukukholisa ilungu lentsapho? Ngaba uya kuqiqa ngelithi uThixo akalindelanga ukuba sifundisise iLizwi lakhe size sisebenzise imigaqo yalo ukuba ukwenjenjalo kubangela ukungavisisani entsatsheni? Kodwa khawucinge ngoku. Ukuba uyoyisakala uze uyeke ukufundisisa iBhayibhile okanye ukunxulumana namaNgqina kaYehova, abo ubathandayo baya kuze bakuqonde njani ukuba ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile lungumbandela wobomi nokufa?—Yohane 17:3; 2 Tesalonika 1:6-8.

7 Le meko sinokuyizekelisa ngolu hlobo: Mhlawumbi ilungu lentsapho liyindla-manzi ngokwenene. Ngaba ukuliyeka okanye ukuyinyamezela ingxaki yalo yotywala bekuya kuba yingenelo ngokwenene kulo? Ngaba bekuya kulunga ngakumbi ukugcina uxolo ngokuyekelela uze ungenzi nto ngengxaki yalo? Akunjalo, umele ukuba uyavuma ukuba bekuya kulunga ngakumbi ukuzama ukulinceda loyise ingxaki yalo yotywala, kwanokuba oko kuthetha ukujamelana nomsindo nezisongelo zalo. (IMizekeliso 29:25) Ngokufanayo, ukuba uwathanda ngokwenene amalungu entsapho yakho, akuyi kunikezela kwimigudu yawo yokukuyekisa ukufundisisa iBhayibhile. (IZenzo 5:29) Kuphela kungokuma ngokuqinileyo onokuthi uwancede aqonde ukuba ukuphila ngokuvisisana neemfundiso zikaKristu kuthetha ubomi bethu.

8. Singenelwa njani ngenxa yokuba uYesu wenza ukuthanda kukaThixo ngokuthembeka?

8 Ukubeka uThixo kuqala kunokuba nzima gqitha ngamaxesha athile. Kodwa khumbula, uSathana wenza kwanzima nangoYesu ukwenza ukuthanda kukaThixo. Sekunjalo uYesu akazange anikezele; wanyamezela kwanentlungu engcungcuthekisayo yomthi wentuthumbo ngenxa yethu. IBhayibhile ithi: ‘uYesu Kristu nguMsindisi wethu.’ ‘Wasifela.’ (Tito 3:6; 1 Tesalonika 5:10) Ngaba asinambulelo kuba uYesu engazange anikezele kwinkcaso? Ngenxa yokuba wanyamezela ukufa njengedini, sinethemba lobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha elinoxolo lobulungisa ngokuba nokholo kwigazi lakhe elaphalalayo.—Yohane 3:16, 36; ISityhilelo 21:3, 4.

Umvuzo Otyebileyo Esinokuwufumana

9. (a) AmaKristu anokuba nesabelo njani ekusindiseni abanye? (b) Yayinjani imeko kwintsapho yakuloTimoti?

9 Ngaba ubuqonda ukuba nawe unokuba nesabelo ekusindiseni abanye, kuquka izalamane zakho ozithanda ngokungazenzisiyo? Umpostile uPawulos wabongoza uTimoti: “Hlala uhleli kwezo zinto [wazifundiswayo]; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.” (1 Timoti 4:16, akekeliswe sithi.) UTimoti wayehlala kwikhaya elahluleleneyo, ekubeni uyise ongumGrike wayengakholwa. (IZenzo 16:1; 2 Timoti 1:5; 3:14) Nangona singazi nokuba uyise kaTimoti ekugqibeleni wakholwa na, amathuba oko andiswa kakhulu yihambo yokuthembeka yomfazi wakhe, uYunike, nekaTimoti.

10. AmaKristu anokuwenzela ntoni amaqabane awo angakholwayo?

10 IZibhalo zibonisa ukuba amadoda nabafazi ababambelela ngokuqinileyo kwinyaniso yeBhayibhile banokuba negalelo ekusindiseni amaqabane abo angengomaKristu ngokuwanceda abe ngamakholwa. Umpostile uPawulos wabhala: “Ukuba kukho mzalwana uthile unomfazi ongakholiweyo, aze umfazi lowo athande ukuhlala naye, makangamali. Nomfazi onendoda engakholiweyo, ize yona ithande ukuhlala naye makangayali. Kuba, wazi ngani na, mfazi, ukuba woyisindisa indoda yakho? Wazi ngani na, ndoda, ukuba womsindisa umfazi wakho?” (1 Korinte 7:12, 13, 16) Umpostile uPetros wachaza indlela abafazi, eneneni, abanokuwasindisa ngayo amadoda abo, ngokubabongoza enjenje: “Wathobeleni awenu amadoda, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalivayo ilizwi, athi ngehambo yabafazi, lingekho ilizwi, azuzeke.”—1 Petros 3:1.

11, 12. (a) Nguwuphi umvuzo ofunyenwe ngamawaka amaKristu, yaye enze ntoni ukuze awufumane? (b) Balisa amava elungu lentsapho elavuzwa ngenxa yokuba nomonde ngokuthembeka.

11 Kwiminyaka yakutshanje amawaka amaninzi aye aba ngamaNgqina kaYehova emva kweenyanga kwaneminyaka bechasa umsebenzi wobuKristu wezalamane zabo ezingamaNgqina. Onjani umvuzo oku okunguwo kumaKristu aye ahlala eqinile, yaye enjani intsikelelo okuyiyo kwabo babechasile! Ethetha ngokusuka entliziyweni, omnye umdala ongumKristu oneminyaka engama-74 ubudala wabalisa: “Ndimbulela ngokufuthi umfazi nabantwana bam ngokunamathela enyanisweni ebudeni beminyaka endandibachasa ngayo.” Wathi kangangeminyaka emithathu ngeenkani wayengamvumeli umfazi wakhe athethe nokuthetha naye ngeBhayibhile. Wathi: “Kodwa wandishiya ngengqondo, waza waqalisa ukunikela ubungqina kum xa endihlikihla iinyawo. Hayi indlela endinombulelo ngayo kuba engazange anikezele kwinkcaso yam!”

12 Enye indoda eyayiyichasile intsapho yayo yabhala: ‘Ndandilolona tshaba lukhulu kwinkosikazi yam kuba emva kokuba ifumene inyaniso, ndandiyisongela, yaye sasixabana imihla yonke; oko kukuthi, ndandisoloko ndiqala ingxabano. Kodwa andizange ndiphumelele; inkosikazi yam yabambelela eBhayibhileni. Kwadlula iminyaka eli-12 ndisilwa idabi elingaphele ndawo nenyaniso nenkosikazi nomntwana wam. Kubo bobabini, ndandinguMtyholi emntwisiwe.’ Ekugqibeleni le ndoda yaqalisa ukuhlolisisa ubomi bayo. Yacacisa: ‘Ndabona indlela endandikhohlakele ngayo. Ndayifunda iBhayibhile, yaye ngenxa yemiyalelo yayo, sithetha nje ndiliNgqina elibhaptiziweyo.’ Cinga ngomvuzo ozukileyo wale nkosikazi, ewe, ukunceda ‘ekusindisweni komyeni wayo’ ngokuyinyamezela ngokuthembeka inkcaso yakhe iminyaka eli-12!

Ukufunda KuYesu

13. (a) Sisiphi isifundo esiyintloko amadoda nabafazi abafanele basifunde kwikhondo lobomi bukaYesu? (b) Abantu abakufumanisa kunzima ukuzithoba ekuthandeni kukaThixo banokungenelwa njani kumzekelo kaYesu?

13 Esona sifundo siyintloko amadoda nabafazi abafanele basifunde kwikhondo lobomi bukaYesu kukuthobela uThixo. UYesu wathi: “Mna ndihleli ndizenza izinto ezikholekileyo kuye.” “Andifuni kuthanda kwam, ndifuna ukuthanda kukaBawo owandithumayo.” (Yohane 5:30; 8:29) Kwanaxa ngesinye isihlandlo uYesu wafumanisa ukuba inkalo ethile yokuthanda kukaThixo wayengayi kuyinandipha, wathobela. Wathandaza wathi: “Ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe kum.” Kodwa ngokukhawuleza wongezelela: “Kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.” (Luka 22:42) UYesu akazange acele ukuba uThixo aguqule ukuthanda Kwakhe; wabonisa ukuba wayemthanda ngokwenyaniso uThixo ngokuthi ngokuthobeka avumele nantoni na eyayikukuthanda kukaThixo ngaye. (1 Yohane 5:3) Ukubeka ukuthanda kukaThixo kuqala ngalo lonke ixesha, njengokuba uYesu wenzayo, kubaluleke ngokwenene kungekuphela nje kubomi bomntu ongatshatanga kodwa nakubomi bomtshato nobentsapho. Khawuqwalasele isizathu sokuba kube njalo.

14. Wambi amaKristu aqiqa njani ngendlela engachananga?

14 Njengokuba siphawulile ngaphambilana, xa amakholwa ebeka uThixo kuqala, afuna ukuhlala namaqabane awo angakholwayo yaye ngokufuthi ayakwazi ukuwanceda abe nethemba lokufumana usindiso. Kwanaxa amaqabane omabini ekholwa, umtshato wawo usenokungabi ngogqibeleleyo. Ngenxa yotyekelo lwesono, amadoda nabafazi abasoloko beneengcinga zothando omnye ngomnye. (Roma 7:19, 20; 1 Korinte 7:28) Bambi bade bazame nokufuna iqabane elahlukileyo, nangona bengenazizathu zisekelwe eZibhalweni zoqhawulo-mtshato. (Mateyu 19:9; Hebhere 13:4) Baqiqa ngelokuba oku kokona kubalungeleyo, besithi ukuthanda kukaThixo kokuba amadoda nabafazi bangahlukani kunzima kakhulu. (Malaki 2:16; Mateyu 19:5, 6) Ngokungathandabuzekiyo lo ngomnye umzekelo wokucinga iingcinga zabantu kunezikaThixo.

15. Kutheni kukhusela ukubeka uThixo kuqala?

15 Hayi indlela okukhusela ngayo ukubeka uThixo kuqala! Izibini ezitshatileyo ezenza oko ziya kuzama ukuhlala kunye nokucombulula iingxaki zazo ngokusebenzisa isiluleko seLizwi likaThixo. Ngaloo ndlela ziphepha bonke ubuhlungu bentliziyo obuba ngumphumo wokungathotyelwa kokuthanda kwakhe. (INdumiso 19:7-11) Oku kuzekeliswa sisibini esiselula, esathi xa sasisecicini lokuqhawula umtshato, sagqiba ekubeni silandele isiluleko seBhayibhile. Emva kweminyaka eliqela xa umfazi wayecinga ngovuyo awaba nalo emtshatweni wakhe, wathi: “Kuthi mandihlale phantsi ndiziphe kanobom kule nto yabantwana xa ndicinga ukuba ngekwakwenzekile ndahlukana nomyeni wam yonke le minyaka. Ndandula ke ndithandaze kuYehova uThixo ndize ndimbulele ngesiluleko nokhokelo lwakhe olwasihlanganisa kulwalamano olonwabisa kangaka.”

Madoda, Bafazi—Xelisani UKristu!

16. UYesu wawamisela wuphi umzekelo amadoda nabafazi?

16 UYesu, obeka uThixo kuqala ngalo lonke ixesha, umisela umzekelo obalaseleyo kumadoda nakubafazi, yaye benza kakuhle ukunikela ingqalelo kuwo. Amadoda abongozwa ukuba axelise indlela uYesu abusebenzisa ngothantamiso ngayo ubuntloko bakhe kumalungu ebandla lobuKristu. (Efese 5:23) Yaye abafazi abangamaKristu banokufunda kumzekelo kaYesu ongenasiphako wokuzithoba kuThixo.—1 Korinte 11:3.

17, 18. UYesu wawamisela umzekelo omhle ngaziphi iindlela amadoda?

17 IBhayibhile iyayalela: “Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo.” (Efese 5:25) Indlela ebalulekileyo uYesu awalubonisa ngayo uthando lwakhe ngebandla lakhe labalandeli kwakungokuba ngumhlobo wabo osenyongweni. UYesu wathi: “Ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona.” (Yohane 15:15) Cinga ngalo lonke ixesha uYesu awalichitha ethetha nabafundi bakhe—iingxubusho ezininzi gqitha awaba nazo nabo—nentembelo awayenayo kubo! Ngaba lowo asingomzekelo obalaseleyo wokuxeliswa ngamadoda?

18 UYesu wayenomdla wokwenene kubafundi bakhe yaye wayebathanda ngokungazenzisiyo. (Yohane 13:1) Xa iimfundiso zakhe zazingacacanga kubo, ngomonde wayezipha ixesha ngasese kunye nabo ukuze abacacisele. (Mateyu 13:36-43) Madoda, ngaba impilo-ntle yokomoya yomfazi wakho ibalulekile ngokufanayo kuwe? Ngaba uchitha ixesha kunye naye, uqinisekisa ukuba nobabini nicacelwe ziinyaniso zeBhayibhile engqondweni nasentliziyweni? UYesu wayehamba nabapostile bakhe kubulungiseleli, mhlawumbi ebaqeqesha njengabantu ngabanye. Ngaba uyahamba nomfazi wakho kubulungiseleli, ube nesabelo kunye naye xa nityelela izindlu ngezindlu nasekuqhubeni izifundo zeBhayibhile?

19. Indlela uYesu awaqhubana ngayo nobuthathaka obuzingisileyo babapostile yawamisela umzekelo njani amadoda?

19 UYesu wawamisela umzekelo obalaseleyo amadoda ngokukodwa xa wayeqhubana nokungafezeki kwabapostile bakhe. Ebudeni besidlo sakhe sokugqibela nabapostile bakhe, wabona kuvela kwakhona umoya ozingisileyo wokusukuzana. Ngaba wabagxeka kabukhali? Hayi, kodwa ngokuthobeka wahlamba iinyawo zakhe ngamnye kubo. (Marko 9:33-37; 10:35-45; Yohane 13:2-17) Ngaba ubonisa umonde onjalo kumfazi wakho? Kunokuba ukhalaze ngobuthathaka obuzingisileyo, ngaba ngomonde uzama ukumnceda uze ufikelele intliziyo yakhe ngomzekelo owumiselayo? Ngokunokwenzeka abafazi baya kusabela kwimfesane yothando enjalo, njengokuba abapostile ekugqibeleni benjenjalo.

20. Yintoni abafazi abangamaKristu abangafanele bayilibale, yaye ngubani ongumzekelo wabo?

20 Abafazi nabo kufuneka bamqwalasele uYesu, ongazange alibale ukuba “intloko ke kaKristu nguThixo.” Ngalo lonke ixesha wayezithoba kuYise wasezulwini. Ngokufanayo, abafazi abafanele balibale ukuba “intloko ke yomfazi yindoda,” ewe, amadoda abo ziintloko zabo. (1 Korinte 11:3; Efese 5:23) Umpostile uPetros wabongoza abafazi abangamaKristu ukuba baqwalasele umzekelo ‘wabafazi abangcwele’ bamaxesha angaphambili, ngokukodwa uSara, ‘owamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi.’—1 Petros 3:5, 6.

21. Kutheni umtshato ka-Abraham noSara waphumelelayo kodwa okaLote nomfazi wakhe ungazange uphumelele?

21 Kubonakala ukuba uSara washiya ikhaya elitofotofo kwisixeko esiqhuba kakuhle ukuze ahlale ezintenteni kwilizwe lasemzini. Ngoba? Ngaba kwakungenxa yokuba wayekhetha obo bomi? Akunakwenzeka. Ngaba kwakungenxa yokuba indoda yakhe yamcela ukuba bahambe? Ngaphandle kwamathandabuzo esi sesinye sezizathu, ekubeni uSara wayemthanda yaye emhlonela uAbraham ngenxa yeempawu zakhe zokuhlonela uThixo. (Genesis 18:12) Kodwa isizathu esiyintloko sokuba wahambayo nomyeni wakhe yayiluthando lwakhe ngoYehova nomnqweno wakhe osuka entliziyweni wokulandela ulwalathiso lukaThixo. (Genesis 12:1) Kwakumyolisa ukuthobela uThixo. Kwelinye icala, umfazi kaLote waba madolw’ anzima ukwenza ukuthanda kukaThixo waza ngaloo ndlela wakhangela emva ngolangazelelo kwizinto awayezishiye kwidolophu eyayilikhaya lakhe iSodom. (Genesis 19:15, 25, 26; Luka 17:32) Hayi indlela owaphela kabuhlungu ngayo loo mtshato—ngenxa nje yokuba engazange amthobele uThixo!

22. (a) Kukuphi ukuzihlolisisa amalungu entsapho afanele ngobulumko akwenze? (b) Siza kuqwalasela ntoni kwisifundo sethu esilandelayo?

22 Ngoko njengendoda okanye umfazi, kubalulekile ukuba uzibuze, ‘Ngaba uThixo uza kuqala kwintsapho yethu? Ngaba ngokwenene ndizabalazela ukuzalisekisa indima yentsapho uThixo andinike yona? Ngaba ndenza umgudu wokwenene wokuthanda iqabane lam ndize ndilincede lizuze okanye lilondoloze ulwalamano oluhle noYehova?’ Kwiintsapho ezininzi kukho nabantwana. Ngokulandelayo siza kuqwalasela indima yabazali nemfuneko yokuba bona nabantwana babo babeke uThixo kuqala.

Uyakhumbula Na?

◻ Inokuba yintoni imiphumo yeemfundiso zikaYesu kwiintsapho ezininzi?

◻ Nguwuphi umvuzo ofunyenwe ngamawaka amaKristu aqinileyo?

◻ Yintoni eya kunceda amaqabane aphephe ukuziphatha okubi noqhawulo-mtshato?

◻ Amadoda anokufunda ntoni kumzekelo kaYesu?

◻ Abafazi banokuba negalelo njani kumtshato owonwabisayo?

[Umfanekiso okwiphepha 10]

USara waba negalelo njani ekuphumeleleni komtshato wakhe?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share