IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 1/15 iphe. 5-9
  • Babehlanganisene Njengabadumisi Abanovuyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Babehlanganisene Njengabadumisi Abanovuyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Dumisani UYehova, Nina Bantu . . . Yibani Novuyo!’
  • ‘Masinyuse Ngamaxesha Onke Kuye UThixo Umbingelelo Wendumiso’
  • ‘Yibani Nemihlali, Nigcobe Ngonaphakade’
  • Ahlulelwe Ukuba Ngabakhonzi Abanovuyo Ehlabathini Lonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • “Abadumisi Abanovuyo” Indibano Yesithili YamaNgqina KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Abenzi BeLizwi LikaThixo Bafumana Ulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • “Abavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo” Bahlanganisene Kunye Ngovuyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 1/15 iphe. 5-9

Babehlanganisene Njengabadumisi Abanovuyo

ABANTU bamandulo bakaYehova uThixo bayalelwa ukuba ‘bavuye kuphele’ xa behlanganisene ukuze banqule. (Duteronomi 16:15) IiNdibano Zesithili “Zabadumisi Abanovuyo” zowe-1995/96 ngokuqinisekileyo ziye zanika amaNgqina kaYehova izizathu ezibambekayo zokuvuya.

Ukususela ekuqaleni kolu ngcelele lweendibano, ziye zakha ukholo. Kwakhona ziye zabonisa indlela yokufumana uvuyo kwihlabathi elingenaluvuyo. Masikhe siqwalasele usuku lwendibano lube lunye ngexesha.

‘Dumisani UYehova, Nina Bantu . . . Yibani Novuyo!’

Lo mxholo ungasentla wosuku lokuqala lwendibano wawusekelwe kwiNdumiso 149:1, 2 (NW) Kwintetho ethi “Sinesizathu Sokumemelela Ngovuyo” kwahlolisiswa indlela esisebenza ngayo isiprofeto esikuIsaya isahluko 35. Sazaliseka kuSirayeli wamandulo yaye sizaliseke ngokukhethekileyo kumhla wethu ngokubuyiselwa kwabanquli bakaYehova kwinkqubela nakwimpilo kwiparadisi yokomoya. Ngaloo ndlela, ababekule ndibano babenesizathu sokumemelela ngovuyo ngenxa yenjongo kaThixo ngabantu bakhe kwiparadisi yokomoya nakwiParadisi yokoqobo esemnyango.

Intetho engumxholo ethi, “Sahlulwe Njengabadumisi Abanovuyo Ehlabathini Lonke,” yaphendula umbuzo othi: Yintoni esahlulayo kweli hlabathi? Kukumanyana kwethu ekunquleni uYehova. Ingakhathaliseki indawo akuyo amaNgqina kaYehova kulo mhlaba, athetha aze afundise ngendlela efanayo. Kwakhona, ayavuya ngenxa yenjongo ezukileyo kaYehova yokungcwalisa igama lakhe elingcwele nokuthethelela ulongamo lwakhe ngoBukumkani bakhe. Noko ke, usinceda njani uYehova ukuba sibe nendawo kwinjongo yakhe? Usiphathise inyaniso yeLizwi lakhe elingcwele. UThixo usinike umoya wakhe oyingcwele. Usisikelele ngobuzalwana bazwenibanzi nangelungiselelo lonqulo olunyulu. Intsapho yethu yezizwe ngezizwe iyasinceda sikhonze uYehova sinovuyo olukhulu lwentliziyo.

Intetho ethi “Ukuhlala Sahlukile Yaye Singadyojwa Lihlabathi” yagxininisa imfuneko yokuphepha ukudyojwa kukukhetha ubuso nokucalucalula abantu ngokodidi abakulo. (Yakobi 2:5-9) Abanye basenokubutha kuphela nabo banemvelaphi efanayo neyabo okanye abakumgangatho ofanayo ngokwemali, bewatyeshela amaKristu akhonza kunye nabo angamahlwempu okanye ahlelelekileyo. Abanye basenokuthanda abo banezikhundla zembopheleleko ebandleni. Bayalibala ukuba elona lungelo likhulu nabani na anokuba nalo lelokuba liNgqina likaYehova. Ngoko ke, asifanele sivumele utyekelo lwehlabathi lusidyobhe luze luphazamise uxolo ebandleni.—2 Petros 3:14.

Intetho ethi “Ngaba Ndikulungele Ukutshata?” yabonisa ukuba abaninzi bayawungxamela umtshato. Bambi batshata ukuze babaleke imeko enzima yasekhaya okanye kuba oontanga babo betshata. Noko ke, izizathu ezibambekayo zokutshata ziquka umnqweno ovela kubo bobabini wokuphumeza usukelo lobuthixo, uthando lokwenene, ukufuna iqabane nonqabiseko, nomnqweno wokukhulisa abantwana. Ingqeqesho engokomoya ibalulekile xa ulungiselela umtshato. Phakathi kwezinye izinto, kukho imfuneko yokukhulisa iimpawu ezinqwenelekayo ngokwambatha ubuntu obutsha. Kwakhona kububulumko ukuqonda enoba lowo uza kuba liqabane lakho uzingqina enolwalamano lokwenene noYehova yaye ubaphatha ngentlonelo abanye kusini na. Kwakhona ukufuna icebiso kumaKristu aqolileyo kububulumko.—IMizekeliso 11:14.

Le ngxubusho ikhanyisayo yalandelwa yenye enomxholo othi “Abazali Abayoliswa Ngabantwana Babo.” Ngokuqhelekileyo ukuzalwa komntwana kuba lixesha lokuvuya. Noko ke, ukuba nabantwana kukwazisa imbopheleleko enkulu. (INdumiso 127:3) Ngaloo ndlela, kubalulekile ukuba abantwana bafundiswe ukuthanda uYehova. Abazali banokukwenza oku ngokusoloko bethetha ngoYehova kubantwana babo nangokusebenzisa imigaqo yeLizwi lakhe entsatsheni.

Usuku lokuqala lwendibano lwaphela ngento ethile eyayingalindelwanga—ukukhutshwa kwencwadana entsha enemifanekiso ethi AmaNgqina kaYehova Nemfundo. Le ncwadana inemifanekiso icacisa mhlophe ukuba amaNgqina “akhuthaza abaselula bawo ukuba bazibhokoxe baze bayithabathe nzulu imisebenzi abayinikwa esikolweni.” Kwakhona le mpapasho icacisa imiphumo ephawulekayo yeeklasi zokufunda ukulesa nokubhala eziye zaqhutywa ngamaNgqina kaYehova kangangeminyaka emininzi eNigeria, eMexico nakwamanye amazwe. Le ncwadana inemifanekiso ifanele ibancede abafundisi-ntsapho babone ukuba imfundo siyijonga njengento ebalulekileyo.

‘Masinyuse Ngamaxesha Onke Kuye UThixo Umbingelelo Wendumiso’

Lo mxholo ukhankanywe ngasentla wosuku lwesibini wawusekelwe kumaHebhere 13:15. Ucwangciso lwakusasa lwalunongcelele lweentetho olunomxholo othi “Ukusabela Kwisibongozo Sokudumisa UYehova.” Ubudala abungomqobo ekusabeleni kwesi sibongozo. INdumiso 148:12, 13 ibongoza umlisela, umthinjana, amadoda amakhulu nabafana ukuba badumise uYehova. Abaninzi kubakhonzi bakaYehova abanovuyo baye bakwazi ukwandisa indumiso yabo. Ehlabathini lonke, bangaphezu kwama-600 000 abanesabelo kumsebenzi wokushumayela wexesha elizeleyo, okanye inkonzo yobuvulindlela. Bangaphezu kwe-15 000 abakumsebenzi wobuvulindlela obukhethekileyo, baze babe ngaphezu kwe-15 000 abakwinkonzo yaseBheteli.

Intetho ethi “Ukukhonza Ngokunyaniseka Nentlangano KaYehova” yayibonisa ukuba ukunyaniseka kubalulekile kubakhonzi bakaThixo. Ukunyaniseka kuYehova kuthetha ukunamathela kuye ngokuzinikela ngamandla njengesinamathelisi esinamandla. Ukunyaniseka kufuna ukuba siphephe ukwaphula imiyalelo yeBhayibhile ngabom, enoba abanye bayasibona okanye abasiboni. Kwakhona kufuna ukuba ngokunyaniseka siphakamise iimfundiso zeBhayibhile ezifumaneka kwiphephancwadi IMboniselo noVukani! kwanako konke okunye ukutya kokomoya okulungiselelwa yiWatch Tower Society. Le ntetho yalandelwa yintetho yobhaptizo. Olunjani lona uvuyo olwabakho xa ababeza kubhaptizwa bangqina ukuzahlulela kwabo kuYehova!

Amazwi akuHoseya 4:1-3 abeka isiseko sentetho yasemva kwemini ethi “Isidima Okanye Ukungcola—Yiyiphi Oyisukelayo?” Nangona imbono yehlabathi ngesidima iye yawohloka, amaKristu afanele ‘akukhuthalele’ ukubalasela ngokuziphatha okuhle. (2 Petros 1:5) Oku kuqala ngendlela ubani acinga ngayo. Ukuba ucinga izinto ezinesidima, uya kuthetha izinto ezicocekileyo, ezifanelekileyo nezakhayo kwaye uya kuzabalazela ukunyaniseka kwiinkqubano zakhe nabanye. Ukusukela isidima kubandakanya ukuzabalazela ukuba ngoqondayo nonovelwano kumKristu okhonza kunye naye othwaxwa kukuxinezeleka okanye udandatheko.—1 Tesalonika 5:14.

Enye intetho ethi, “Yilumkele Imigibe KaMtyholi,” yalumkisa amaKristu ngokuzenza isisulu seempembelelo zeedemon. Kumbandela wokunyangwa kwezifo, amaKristu kufuneka abe neliso elibukhali kubugcisa obunjengenkqubo yokulalisa ngomlingo, obunemvelaphi yobugqi. Ngoko ke, oko abantu ngabanye bakwenzayo ukuze banyamekele impilo yabo kungumcimbi wobuqu.

Usuku lwesibini lwaphela ngento evuyisayo eyayingalindelekanga—ukukhutshwa kwempapasho entsha elingene ipokotho elungiselelwe ukunceda abantu abantliziyo zinyanisekileyo benze inkqubela ngokukhawuleza ukuze bazahlulele baze babhaptizwe. Le ncwadi entsha enamaphepha ali-192 inomxholo othi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Le ncwadi ethi Ulwazi iyichaza ngendlela eyakhayo inyaniso. Ayibethi ibuyelela ibhenca iimfundiso ezibubuxoki. Ukusetyenziswa kwentetho ecacileyo nendlela ezilandelelaniswe ngokusengqiqweni ngayo iingongoma kufanele kwenze kube lula ukusebenzisa le ncwadi ukuze siqhube izifundo zeBhayibhile size sincede abantu bafumane ulwazi olufudumeza intliziyo ngoThixo.

‘Yibani Nemihlali, Nigcobe Ngonaphakade’

La mazwi athatyathwe kuIsaya 65:18, (NW) ayengumxholo wosuku lwesithathu lwendibano. Ukuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile kwalatha kowe-1914 njengonyaka eyathi le nkqubo ingendawo yangena kwimihla yayo yokugqibela. Ngenxa yoko, ungcelele lweentetho olunomxholo othi “Abadumisi Abanovuyo Ebudeni Bokupheliswa Kwale Nkqubo” lwatsala ingqalelo epheleleyo yabaphulaphuli. Izithethi zabonisa indlela amawaka ezigidi aphenjelelwa ngamandla ngayo kukunyoluka nomoya wogonyamelo wehlabathi. Ngexesha elifanelekileyo, aza kugwetywa njengenxalenye yehlabathi elilawulwa nguSathana. Ngaloo ndlela, ngoku lixesha lokwenza ukhetho. Liliphi icala esifuna ukuba kulo? Ngaba sifuna ukunqula uYehova size siphakamise ulongamo lwakhe, okanye ngaba siza kuvumela uSathana abe ngumlawuli wethu ngokwenza izinto ezimkholisayo? Sonke sifanele sime kwicala likaYehova ngaphandle kokuthandabuza.

Intetho yesidlangalala yendibano, ebinomxholo othi “Dumisani UKumkani Wamaphakade!” yabenza bacinga nzulu bonke ababezile. Nangona kubantu ababuthathaka kubonakala kunzima ukuyiqonda ingcamango yephakade, uYehova uyiqonda ngokupheleleyo. Umdumisi wavuma esithi: “UYehova nguKumkani ngonaphakade kanaphakade.” (INdumiso 10:16) Lo Kumkani wamaphakade uye wavulela uluntu indlela yokuba lunandiphe ubomi obungenasiphelo ngoNyana wakhe, uYesu Kristu. (Yohane 17:3) Isithethi sathi: “Ewe, thina bantu banesono sisenokubufumana ubomi obungunaphakade ngemfundo yobuthixo nangokuba nokholo kwidini likaYesu lentlawulelo.”

Njengoko indibano yayisondela esiphelweni, abo babezile bakhiwa yintetho yokuqukumbela, eyayinomxholo othi “Ukudumisa UYehova Ngovuyo Iimini Ngeemini.” Kwakuchukumis’ intliziyo ukufumana iingxelo zokuhambela phambili komsebenzi wokwenza abafundi kuwo wonke umhlaba. Kwakhona ababeze endibanweni bashukunyiselwa ukuba ‘bambonge uYehova imihla yonke, balidumise igama lakhe ngonaphakade kanaphakade.’—INdumiso 145:2.

Izenzo ezihambis’ umzimba zenkohlakalo zibangela uvuyo lungabikho ehlabathini. Noko ke, abantu abakholelwa ngokupheleleyo kuYehova banokuba nalo uvuyo lobuthixo. Ngoko ke, njengobuzalwana bazwenibanzi, amaNgqina kaYehova anokuphinda la mazwi alandelayo eNdumiso 35:27, 28: “Mabamemelele, bavuye, abananze ubulungisa bam, bahlale besithi, Makabe mkhulu uYehova, ulonanze uxolo lomkhonzi wakhe. Ulwimi lwam luya kuxela ubulungisa bakho nendumiso yakho, imihla yonke.”

[Imifanekiso ekwiphepha 7]

Iintsapho ziya kungenelwa yincwadana ethi “AmaNgqina KaYehova Nemfundo”

[Imifanekiso ekwiphepha 8, 9]

Incwadi entsha ethi, “Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade,” ichaza iinyaniso zeBhayibhile ngendlela eyakhayo

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Abaninzi babhaptizwa befanekisela uzahlulelo lwabo kuYehova

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Ababeze endibanweni bachukunyiswa ngokunzulu ngumdlalo othi “Ukubeka Abafanelekileyo Kwiminyaka Yabo Yobudala”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share