Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba ngoku uYesu uyalazi ixesha lokufika kweArmagedon?
Kubonakala kusengqiqweni ukukholelwa ukuba uyalazi.
Bambi basenokungasiqondi nesizathu sokuba kuphakame umbuzo onjalo. Mhlawumbi kungenxa yamazwi kaYesu afumaneka kuMateyu 24:36: “Ngokuphathelele loo mhla nelo lixa akukho bani waziyo, azazi neengelosi zamazulu engazi noNyana, kodwa nguBawo kuphela.” Phawula ibinzana elithi “engazi noNyana.”
Le ndinyana yinxalenye yempendulo kaYesu kumbuzo wabapostile: “Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokuqosheliswa kwenkqubo yezinto?” (Mateyu 24:3) Kwisiprofeto sakhe esidumileyo sezinto eziyila “umqondiso,” wathi emhlabeni kwakuza kubakho iimfazwe, ukunqongophala kokutya, iinyikima zomhlaba, ukutshutshiswa kwamaKristu, nezinye izinto ezaziya kungqina ubukho bakhe. Ngalo mqondiso abalandeli bakhe babenokusibona isiphelo xa sisondele. Lo mqondiso wawufanisa nexesha laxa umthi womkhiwane uqalisa ukuvelisa amagqabi, nto leyo ebonisa ukuba ihlobo lisondele. Wongezelela: “Ngokunjalo kwanani, xa nizibona zonke ezi zinto, yazini ukuba ukufuphi eminyango.”—Mateyu 24:33.
Kodwa uYesu akazange alichaze ngokuthe ngqo ixesha lokufika kwesiphelo. Kunoko, wathetha oko sikufunda kuMateyu 24:36. Leyo yindlela afundeka ngayo kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, nezinye iiBhayibhile ezininzi zanamhlanje zifundeka ngendlela efanayo. Sekunjalo, ezinye iinguqulelo zakudala azitsho ukuba “engazi noNyana.”
Ngokomzekelo, iDouay Version yamaKatolika ifundeka ngolu hlobo: “Kodwa ngokuphathelele loo mini nelo lixa akukho bani waziyo, kuquka neengelosi zezulu, kodwa nguBawo kuphela.” IKing James Version ifundeka ngendlela efanayo. Kutheni ibinzana elithi “engazi noNyana” lishenxisiwe, ngoxa lifumaneka kuMarko 13:32? Kungenxa yokuba ekuqaleni kwenkulungwane ye-17 xa kwakusenziwa ezo nguqulelo zimbini, imibhalo-ngqangi eyayisetyenziswa ngabaguquleli yayingenalo eli binzana. Noko ke, ngoku kuye kwafunyanwa imibhalo-ngqangi emininzi yesiGrike emidala. Le mibhalo-ngqangi, esondele ngakumbi kumbhalo kaMateyu wantlandlolo, inalo ibinzana elikuMateyu 24:36 elithi “engazi noNyana.”
Okubangel’ umdla kukuba iJerusalem Bible yamaKatolika inalo eli binzana, yaye kumbhalo osemazantsi ithi iVulgate yesiLatini yalisusa eli binzana “mhlawumbi ngenxa yeenkolelo zonqulo.” Ewe, kumele ukuba kunjalo! Abaguquleli okanye abakhupheli ababekholelwa kuBathathu Emnye basenokuba bafuna ukulishenxisa ibinzana elibonisa ukuba kukho izinto angazaziyo uYesu ezaziwa nguYise kuphela. Wayenokuthini uYesu ukungayazi into ethile ukuba yena noYise babeyinxalenye yoThixo oneziqu ezithathu?
Ngokufanayo, incwadi ethi A Textual Commentary on the Greek New Testament, ebhalwe nguB. M. Metzger, ithi: “Ibinzana elithi ‘engazi noNyana’ alifumaneki kwinkoliso [yemibhalo-ngqangi] yencwadi kaMateyu, kuquka nombhalo waseByzantium wamva. Kwelinye icala, imibhalo ephambili ka-Alesandire, yelaseNtshona nekaKesare inalo eli binzana. Kubonakala ukuba eli binzana lashenxiswa ngenxa yokungavisisani nemfundiso yalo kunokuba libe longezelelwa” kuMarko 13:32.—Akekeliswe sithi.
Loo mibhalo-ngqangi yakudala ‘iphambili’ ixhasa isibakala sokuba ulwazi lufumaneka ngokuthe ngcembe. Iingelosi zazingalazi ilixa lesiphelo; engazi noNyana; kodwa inguBawo kuphela. Yaye oku kuvisisana namazwi kaYesu afumaneka kuMateyu 20:23, apho wavuma ukuba wayengenalo igunya lokuphisa ngezikhundla eziphambili eBukumkanini, kodwa nguYise owayenalo.
Ngoko, amazwi kaYesu abonisa ukuba ngoxa wayesemhlabeni, wayengawazi umhla ‘wesiphelo sehlabathi.’ Ngaba uyawazi ngoku?
ISityhilelo 6:2 sichaza uYesu njengohleli kwihashe elimhlophe yaye ephuma “esoyisa nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe.” Emva kwakhe kulandela abakhweli bamahashe abafanekisela iimfazwe, indlala nembubhane, zinto ezo ebezikho ukususela ekuqaliseni kweMfazwe Yehlabathi I ngowe-1914. AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba ngowe-1914, uYesu wabekwa etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini, yaye uya kukhokela kwidabi elisemnyango nxamnye nobungendawo obusemhlabeni. (ISityhilelo 6:3-8; 19:11-16) Ekubeni ngoku uYesu enikwe igunya lokoyisa egameni likaThixo, kubonakala kusengqiqweni ukuba uYise umxelele ixesha lokufika kwesiphelo, xa eya ‘kuphelelisa ukoyisa kwakhe.’
Thina basemhlabeni asiwuchazelwanga loo mhla, ngoko amazwi kaYesu asasebenza kuthi: “Hlalani nikhangele, hlalani nivukile, kuba anazi ukuba ixesha elimisiweyo linini na. . . . Oko ndikutsho kuni ndikutsho kubo bonke, Hlalani nilindile.”—Marko 13:33-37.