Iya Kuhlala Ikhumbuleka
NYAKA ngamnye, amaNgqina kaYehova kumazwe ahlala kuwo ayahlanganisana kwiindibano ezincinane nezinkulu zamaKristu. Enza oku ukuze anandiphe imfundo yokomoya eyakhayo nonxulumano. Kodwa nezinye iinkalo zeendibano zawo zinokuhlala zikhumbuleka kwiindwendwe ezizileyo.
Ngokomzekelo, ngoJulayi 1999 amawaka amaNgqina aseMozambiki adibana iintsuku ezintathu awayefundiswa ngazo kwiiNdibano ‘ZeLizwi LikaThixo Lesiprofeto.’ Abaninzi kwabo babelapho babeqala ukuya endibanweni. Abazange bachukunyiswe koko bakuva eqongeni nje kuphela kodwa bachukunyiswa nakoko bakubonayo.
Omnye umntu kwiHolo yeNdibano yaseMaputo wagqabaza wathi: “Andizange ndiyibone indawo entle ngolu hlobo ebomini bam bonke! Amagumbi okuhlambela ayenesepha nezipili, yaye ayenuka kamnandi. Kwakuseluxolweni kungekho ngxolo yabantwana balwayo. Yaye kwakungekho kutyhilizana! Ndabona abantu abaselula nabonwabileyo bencokola ngendlela ekhuthazayo. Kwakhona ndayithanda indlela wonke ubani awayenxibe kakuhle ngayo. Kwixesha elizayo, ndiya kuzisa abantwana bam ndize ndeyisele umyeni wam ekubeni size kule ndibano.”
Ewe, ukunyaniseka, ingqibelelo, nokucoceka kwasemzimbeni kwamaNgqina kaYehova kuyaphawulwa. Kutheni amaNgqina ahlukile? Kuba ngokwenene azama ukusebenzisa oko akufunda eBhayibhileni. Kutheni ungahlanganisani nawo kulo nyaka kwiindibano zawo zelizwe okanye kwiintlanganiso zawo zeveki ngeveki kwiHolo yoBukumkani yasekuhlaleni uze uzibonele ngawakho amehlo?
[Umfanekiso okwiphepha 32]
EZAMBIA
[Umfanekiso okwiphepha 32]
EKENYA
[Umfanekiso okwiphepha 32]
EMOZAMBIKI