“Unyamezele Kwada Kwasekupheleni”
KWIVIDIYO yowe-1993 eboniswa amalungu amatsha ekomkhulu lamaNgqina kaYehova, uLyman Alexander Swingle wavakalisa indlela avakalelwa ngayo ngokukhonza uYehova xa wathi: “Yifa unxibe iibhutsi zakho!”a
UMzalwan’ uSwingle obeneminyaka engama-90 ubudala wenze kanye oko akhuthaze abanye ukuba bakwenze. “Unyamezele kwada kwasekupheleni.” (Mateyu 24:13) Nangona wayesiva iintlungu emzimbeni, ngoLwesithathu, umhla kaMatshi 7, waya kwintlanganiso yeQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova awayelilungu lalo. NgoLwesibini olandelayo imeko yakhe yaba mbi kakhulu, kwaza kwathi ngeye-4:26 kusasa, ngoMatshi 14, ugqirha wakhe wathi ufile.
ULyman Swingle waqalisa ukukhonza kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eBrooklyn, eNew York ngoAprili 5, 1930. Ukhonze apho kangangeminyaka engama-71. UMzalwan’ uSwingle waqala wabelwa ukuba asebenze kwindawo yokudibanisa iincwadi, wandula waya kusebenza kwigumbi lokushicilela yaye wancedisa ekwenzeni i-inki. Eneneni, uMzalwan’ uSwingle uchithe iminyaka ephantse ibe ngama-25 kwigumbi lokwenza i-inki. Ukwachithe malunga neminyaka engama-20 elilungu lesebe lokubhala lekomkhulu. Kwiminyaka eli-17 yokugqibela yobomi bakhe, usebenze kwiOfisi kaNondyebo.
UMzalwan’ uSwingle ube ngumvakalisi woBukumkani bukaThixo okhaliphileyo. Kwiminyaka yokufika kwakhe eBrooklyn, yena nalowo wayehlala naye egumbini, uArthur Worsley, babedla ngokuhamba ngelinye iphenyane lamaNgqina kuMlambo iHudson. Besebenzisa izixhobo zokwandisa ilizwi, babechitha iimpela-veki ezininzi besasaza isigidimi soBukumkani kwimimandla eselunxwemeni.
UMzalwan’ uSwingle wazalwa ngoNovemba 6, 1910, eLincoln, eNebraska, kodwa ngokukhawuleza emva koko intsapho yakokwabo yafudukela kwisiXeko saseSalt Lake, eUtah. Apho abazali bakhe ngowe-1913 baba ngaBafundi beBhayibhile, njengoko amaNgqina kaYehova ayebizwa ngolo hlobo. Kuyo yonke loo minyaka, intsapho yakwaSwingle yayisamkela izithethi ezininzi ezivela kwikomkhulu lamaNgqina eliseBrooklyn, yaye la madoda aba nempembelelo entle kuMzalwan’ uSwingle. Ngowe-1923, xa wayeneminyaka eli-12 ubudala, wabhaptizwa efuzisela ukuzahlulela kwakhe kuThixo.
Emva kokukhonza ngaphezu kweminyaka engama-26 eBrooklyn engatshatanga, ubomi bukaMzalwan’ uSwingle bavuzwa ngokungathethekiyo xa wazimanya ngeqhina lomtshato noCrystal Zircher ngoJuni 8, 1956. Kwakungangeni moya phakathi kwabo bobabini, besoloko bekunye kubulungiseleli basentsimini de uCrystal wafa ngowe-1998. Phantse iminyaka emithathu ngaphambi koko, uCrystal wahlaselwa sistroke esamshiya engumlwelwe gqitha. Ukubandakanyeka kukaMzalwan’ uSwingle mihla le ekumnyamekeleni kwaba ngumzekelo wokuzinikela owawuchukumisa kubo bonke ababaziyo, ingakumbi abo babembona uMzalwan’ uSwingle ngothando eqhuba uCrystal ngesitulo sokuhamba kwizitrato zasekuhlaleni ngoxa yena ehambisa IMboniselo noVukani! kubantu abadlulayo.
UMzalwan’ uSwingle wayengumntu othetha phandle, onobubele obethandwa ngabo bamaziyo. Njengoyise nonina, wayenethemba elisekelwe eBhayibhileni lokuphila noYesu Kristu kuBukumkani basezulwini, ithemba esiqinisekileyo ukuba ngoku lizalisekile.—1 Tesalonika 4:15-18; ISityhilelo 14:13.
[Umbhalo osemazantsi]
a Oku kuthetha ukufa uxakeke ngamandla emsebenzini wakho.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
UMzalwan’ uSwingle usebenze kwigumbi lokwenza i-inki iminyaka enokuba ngama-25
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Kwakungangeni moya phakathi koMzalwan’ uSwingle noCrystal