UHenry VIII Kunye NeBhayibhile
KWINCWADI yakhe ethi History of the English-Speaking Peoples (Umqulu 2), uWinston Churchill wabhala: “Kwezonqulo uHlaziyo lwazisa utshintsho olukhulu. IBhayibhile yaba negunya nempembelelo enkulu. Isizukulwana esidala sasinemvo yokuba uMbhalo Ongcwele wawuyingozi kubantu abangafundanga nokuba wawufanele ufundwe ngabefundisi kuphela.”
Le ngxelo ihlabela mgama isithi: “IiBhayibhile ezishicilelweyo ezipheleleyo, ezaguqulelwa kulwimi lwesiNgesi nguTyndal noCoverdale, zabonakala okokuqala ngasekupheleni kokwindla lowe-1535, yaye ngoku kuveliswa iintlelo eziliqela zazo. URhulumente wayalela abefundisi ukuba bakhuthaze ufundo lweBhayibhile.” Emva kweenkulungwane kungaziwa nto ngeBhayibhile, ngoku elaseNgilani laliza kufundiswa, kodwa oko kwenziwa ngurhulumente kaHenry VIII kungekhona icawa.a
“Enye into eyabangela umothuko omkhulu kwisizukulwana esidala kukuba uRhulumente wayalela elaseParis ukuba lishicilele isixa esikhulu seeBhayibhile zesiNgesi, ezazikumgangatho ophakamileyo kuneentlelo zangaphambili, yaye ngoSeptemba 1538 wayalela zonke iinqila ezikwelo lizwe ukuba zithenge umqulu omkhulu weBhayibhile yesiNgesi, ubekwe kwicawa nganye, ukuze amarhamente akwazi ukuwufumana ngokulula aze awufunde. Kwabekwa imibhalo emithandathu kwindlu yecawa yaseSt Paul, kwisiXeko saseLondon, yaye izihlwele zazithontelana kuloo ndlu yecawa imini yonke zize kufunda loo mibhalo, kuthiwa, ngokukodwa xa ziye zafika kukho umntu onelizwi elivakala ngokucacileyo onokufunda ngokuvakalayo.”
Okulusizi kukuba, kumazwe amaninzi, abantu abaninzi abalixhakamfuli elo lungelo lokufunda iBhayibhile rhoqo. Oku kubangela inkxalabo enkulu, ekubeni iyiBhayibhile kuphela ‘ephefumlelwe nguThixo kwaye iyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni.’—2 Timoti 3:16.
[Umbhalo osemazantsi]
a UKumkani uHenry VIII walawula ilizwe laseNgilani ukususela ngowe-1509 ukusa kowe-1547.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 32]
Henry VIII: Painting in the Royal Gallery at Kensington, from the book The History of Protestantism (Vol. I)