Ibali Lobomi
Ukubethelela Uthando NgoYehova Ezintliziyweni Zabantwana Bethu
NGOKUBALISWA NGUWERNER MATZEN
Kwiminyaka ethile edluleyo, unyana wam olizibulo, uHans Werner wandinika iBhayibhile. Ngaphakathi kwiqweqwe layo wabhala: “Tata Othandekayo, Ngamana njengentsapho iLizwi likaYehova lingaqhubeka lisikhokelela kwindlela yobomi. Enkosi, elakho izibulo.” Ukuba ungumzali uya kuyiqonda indlela endaba nombulelo ndaza ndavuya ngayo xa ndafumana loo mazwi. Ngelo xesha ndandingenalo nofifi locelomngeni esasiseza kujamelana nalo njengentsapho.
NDILIBONE ilanga ngowe-1924 eHalstenbek, emalunga neekhilomitha ezingama-20 ukusuka kwizibuko laseJamani iHamburg, phofu ndikhuliswa ngumama notatomkhulu. Emva kokuba ndiqeqeshelwe ukwenza izixhobo zokusebenza, ngowe-1942 ndagayelwa ukuba ndiye emkhosini eWehrmacht. Into eyandehlela kwiMfazwe Yehlabathi II ngoxa ndandisilwa eRashiya ibuhlungu gqitha kangangokuba ndiphelelwa ngamazwi nokuba sekusithiwa mandiyibalise. Ndahlaselwa yicesina kodwa ndaphinda ndathunyelwa emkhosini emva konyango. NgoJanuwari 1945, ndandiseLodz, ePoland, apho ndenzakala ngokumanyumnyezi ndaza ndasiwa kwisibhedlele somkhosi. Imfazwe iphele ndiselapho. Ndithe ndisesibhedlele kamva nakwinkampu yamabanjwa eNeuengamme, ndafumana ithuba lokucingisisa nzulu ngezinto. Ndandisoloko ndizibuza, Ngaba ngokwenene ukho uThixo? Ukuba kunjalo, kutheni evumele inkohlakalo engaka?
Kungekudala emva kokukhululwa kwinkampu yamabanjwa, ngoSeptemba 1947, ndatshata noKarla. Sasikhulele kwidolophu enye, kodwa nakuba uKarla wayengumKatolika, mna ndandingenanto yakwenza nonqulo ekukhuleni kwam. Umfundisi owayesitshatisa wacebisa ukuba ubuncinane senze kunye uMthandazo weNkosi ngokuhlwa. Sayenza loo nto, nangona enyanisweni sasingayazi eyona nto sasiyithandazela.
Kwadlula nje unyaka, kwazalwa uHans Werner. Malunga nelo xesha, uWilhelm Ahrens, endandisebenza naye wandidibanisa namaNgqina kaYehova. Wandibonisa eBhayibhileni ukuba iimfazwe ziya kuphela ngenye imini. (INdumiso 46:9) Ngokwindla lowe-1950, ndahlulela ubomi bam kuYehova ndaza ndabhaptizwa. Hayi indlela endavuya ngayo xa nomfazi wam endimthandayo wabhaptizwa ngonyaka olandelayo!
Ukukhulisela Abantwana Kwiindlela ZikaYehova
Ndafunda eBhayibhileni ukuba umtshato wasekwa nguYehova. (Genesis 1:26-28; 2:22-24) Ukubakho ngoxa kuzalwa abantwana bethu—uHans Werner, uKarl-Heinz, uMichael, uGabriele, noThomas—kwandenza ndazimisela ukuba ngumyeni nobawo olungileyo. Mna noKarla sasinemincili engathethekiyo ekuzalweni kwakhe ngamnye kwaba bantwana bethu.
Indibano yowe-1953 yamaNgqina kaYehova eNuremberg yayisisihlandlo esibalulekileyo kwintsapho yethu. NgoLwesihlanu emva kwemini, ebudeni bentetho enomxholo othi “Ukukhulisela Abantwana Kwibutho Lehlabathi Elitsha,” isithethi savelisa ingongoma esingazange siyilibale sisithi: “Elona lifa likhulu esinokulinika abantwana bethu ngumnqweno wokuba ngabakhonzi bakaThixo.” Ngoncedo lukaYehova, mna noKarla sasifuna ukwenza kanye loo nto. Kodwa sasiza kuyiqala ngaphi?
Saqala ngokukwenza umkhwa ukuthandaza kunye njengentsapho imihla ngemihla. Oko kwabethelela ebantwaneni indlela obaluleke ngayo umthandazo. Mntwana ngamnye wayifunda esemncinane into yokuba siyathandaza ngaphambi kokutya. Beseziintsana, babethi bakubona ibhotile, ubone bequbuda baze basonge ezo zandlana zabo zincinane. Ngenye imini, sasimenywe komnye umtshato wezalamane zasebukhweni, ezazingengomaNgqina. Emva komsitho, abazali bomtshakazi bamema iindwendwe ekhayeni labo ukuze ziye kufumana izimuncumuncu. Wonke umntu wayengxamele ukutya. Kodwa uKarl-Heinz owayeneminyaka emihlanu ubudala ngoko akazange ayithande loo nto. Wathi: “Makuthandazwe kuqala.” Iindwendwe zamjonga, zajonga kuthi, zagqibela ngowayezimemile. Ngelokuphepha ukuphoxeka, ndacela ukuthandazela oko kutya, wavuma ke lowo wayesimemile.
Loo nto yandikhumbuza amazwi kaYesu athi: “Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele indumiso.” (Mateyu 21:16) Siqinisekile ukuba imithandazo esasiyenza rhoqo nesuka entliziyweni yabanceda aba bantwana bamgqale uYehova njengoBawo onothando wasezulwini.
Imbopheleleko Yethu KuYehova
Ukuze ufundise abantwana ukuba bamthande uThixo kufuneka ufundisiso oluthe rhoqo lweLizwi lakhe. Ngenxa yoku, sasisiba nesifundo sentsapho veki nganye, ubukhulu becala ngokuhlwa ngoMvulo. Ekubeni izibulo kwanethunjana babeshiyana ngeminyaka esithoba, aba bantwana babeneemfuno ezingafaniyo, ngoko sasingafundi umbandela ofanayo nabo bonke.
Ngokomzekelo, xa sasifundisa abantwana abangekakwazi ukufunda, izinto sasizenza lula. UKarla wayebafundela isibhalo seBhayibhile sibe sinye, okanye asebenzise imifanekiso ekwiimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni. Kusandivuyisa nangoku xa ndikhumbula sivuswa kwasekuseni ngabantwana bethu abancinane bekhwela kumandlalo wethu ukuze basibonise imifanekiso abayithandayo kwincwadi ethi The New World.a
UKarla waba nobuchule bokubafundisa ngomonde abantwana bethu izizathu ezininzi esinazo zokuthanda uYehova. Oko kusenokuvakala kuyinto nje elula, kodwa enyanisweni lo yayingumsebenzi onzima kakhulu yaye ubandakanya iimvakalelo zam nezikaKarla. Sekunjalo, asizange sinikezele. Sasifuna ukubethelela okuthile kwezo ntliziyo zabo njengoko bengekaqoli, ngaphambi kokuba baphenjelelwe ngabantu abangamaziyo uYehova. Ngenxa yoko sasiqiniseka ukuba abantwana bethu babakho kwisifundo sentsapho bakukwazi nje ukuhlala.
Njengabazali, mna noKarla sayiqonda indlela ekubaluleke ngayo ukumisela abantwana bethu umzekelo omhle kunqulo. Yaye enoba sasisitya, sisebenza esitiyeni, okanye sibethwa ngumoya, sasizama ukomeleza ulwalamano lomntwana ngamnye noYehova. (Duteronomi 6:6, 7) Sasiqiniseka ukuba mntwana ngamnye uneBhayibhile yakhe esemncinane. Ngaphezu koko, xa sifumana amaphephancwadi, ndandibhala igama lelungu ngalinye lentsapho kumbhalo walo. Loo nto yenza ukuba mntwana ngamnye alwazi uncwadi lwakhe. Sacinga ukuba sabele abantwana amanqaku athile kaVukani! ukuba bawafunde. Emva kwesidlo sasemini ngeCawa babesibalisela ngendlela abawuqonde ngayo loo mbandela.
Ukunika Abantwana Ingqalelo Abayifunayo
Kambe ke, izinto zazingasoloko zilula. Njengoko abantwana bekhula, safumanisa ukuba ukubethelela uthando ezintliziyweni zabo kwakufuna ukuba sazi oko sele kusezintliziyweni zabo. Kwafuneka sibaphulaphule. Maxa wambi abantwana bethu babekhalaza, ngoko mna noKarla sasihlala nabo phantsi size sithethe ngaloo nto. Sasithi sakuphela isifundo sentsapho sibe nesiqingatha seyure esikhethekileyo. Nabani na wayevumelekile ukuba aphalaze imbilini yakhe.
Ngokomzekelo, uThomas noGabriele, abona bantwana bethu bancinane, babevakalelwa kukuba thina bazali sinekhethe ngomkhuluwa wabo. Ngeny’ imini, balitsho laphuhla elokuba: “Tata, sicinga ukuba wena noMama nisoloko nimyeka uHans Werner enze unothanda.” Ekuqaleni ndandingathi ndiyaphupha. Noko ke, emva kokuba siwuqwalasele kakuhle lo mbandela, mna noKarla kwafuneka sivume ukuba abantwana banyanisile. Ngoko senza unako-nako wokuba bonke abantwana sibaphathe ngokufanayo.
Maxa wambi, ndandikhe ndibohlwaye ngokukhawuleza aba bantwana okanye ndibadlel’ indlala. Xa kunjalo kwakufuneka thina bazali sifunde ukucel’ uxolo. Emva koko, sasithandaza kuYehova. Kwakubalulekile ukuba abantwana baqonde ukuba uyise wayekulungele ukucela uxolo kuYehova nakubo njengabantwana. Loo nto yaphumela ekubeni sibe ngabahlobo babo abasenyongweni. Babesoloko besixelela besithi, “Ningabona bahlobo bethu basenyongweni.” Yayisivuyisa gqitha loo nto.
Ukusebenza ngaxhatha-linye njengentsapho kuyamanyanisa. Ngenxa yoku, mntu ngamnye wayenemisetyenzana yakhe yasekhaya afanele ayenze. Isabelo sikaHans Werner sasikukuya kuthenga ukutya nezinye izinto kanye ngeveki, nto leyo ethetha ukuba sasimnika imali noludwe lwezinto aza kuzithenga. Ngenye iveki, akazange alufumane olo ludwe okanye imali. Waya kubuza kunina, yaye wamxelela ukuba asikabi namali. Kwathi kusenjalo sabeva besebeza, baza bonke bathabatha iibhokisi zabo zemali bazikhuphela etafileni. Baza bakhwaza bonke bathi: “Mama, singaya kuthenga ngoku!” Ewe, aba bantwana bafunda ukunceda xa kunzima, yaye loo nto yayenza yamanyana nangakumbi intsapho yethu.
Njengoko bekhula, aba bafana baqalisa ukuphandlwa ziintombi. Ngokomzekelo, uThomas waba nomdla kwelinye iNgqina elineminyaka eli-16 ubudala. Ndamcacisela ukuba, ukuba wayezimisele kule ntombazana, kwakufuneka akulungele ukuyitshata nokuthabatha imbopheleleko yomfazi nabantwana. UThomas waqonda ukuba wayengekawulungeli umtshato, ekubeni wayeneminyaka eli-18 kuphela ubudala.
Ukwenza Inkqubela Njengentsapho
Besebancinane, aba bantwana babhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo belandelelana. Sasiziphulaphula ngenyameko iintetho zabo, kwaye kwakusikhuthaza ukubona ukuba aba bantwana bamthanda ngokusuka entliziyweni uThixo. Abaveleli besiphaluka nabesithili ababedla ngokuhlala nathi babesibalisela amava abo okanye basifundele iBhayibhile. La madoda nabafazi bawo baba negalelo ekuhlakuleleni uthando ngenkonzo yexesha elizeleyo ezintliziyweni zentsapho yethu.
Sasikhangela phambili kwiindibano. Zazinegalelo elikhulu kwimigudu yethu yokuhlakulela umnqweno wokukhonza uThixo ebantwaneni bethu. Yayiba yintw’ enkulu kubo ukunxiba amaqweqwe ebheji ngaphambi kokuya kummandla wendibano. Kwasichukumisa gqitha ukubukela uHans Werner ebhaptizwa eneminyaka elishumi ubudala. Abantu abaninzi babecinga ukuba mncinane gqitha ukuba angazahlulela kuYehova, kodwa eneminyaka engama-50 ubudala, wandixelela indlela anombulelo ngayo kuba eye wakhonza uYehova kangangeminyaka engama-40.
Sababonisa abantwana bethu ukuba ulwalamano noYehova lubalulekile, kodwa asizange sibanyanzele ukuba bazahlulele. Kanti, savuya xa nabanye benza inkqubela baza babhaptizwa ngexesha labo elifanelekileyo.
Ukufunda Ukuyilahlela KuYehova Imithwalo Yethu
Savuya ngeyona ndlela xa ngowe-1971, uHans Werner waphumelela njengelungu leklasi yama-51 yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi waza wabelwa ukusebenza njengomvangeli wasemazweni eSpeyin. Mntwana ngamnye uye wachitha ixesha elithile engumlungiseleli wexesha elizeleyo, nto leyo eye yasivuyisa gqitha njengabazali. UHans Werner wandinika laa Bhayibhile ndithethe ngayo ekuqaleni kweli nqaku malunga nelo xesha. Sasonwabe ngeyona ndlela njengentsapho.
Sandula ke safumanisa nokuba kwakufuneka sibambelele nangakumbi kuYehova. Ngoba? Ngenxa yokuba sabona abanye babantwana bethu abasele bekhulile bejamelana neengxaki ezaluvavanya ngokuqatha ukholo lwabo. Ngokomzekelo, intombi yethu esiyithandayo uGabriele waqalisa ukuba neengxaki. Ngowe-1976 watshata noLothar. Kungekudala emva kokuba betshatile umyeni wakhe wagula. Njengoko wayesiba buthathaka, uGabriele wamonga de wafa. Ukubukela ilungu lentsapho elisempilweni ligula lize life kwasikhumbuza indlela esilufuna ngayo uncedo olunothando lukaYehova.—Isaya 33:2.
Amalungelo Kwintlangano KaYehova
Xa ndamiselwa njengesicaka sebandla (namhlanje esibizwa ngokuba ngumveleli owongamelayo) ngowe-1955, ndandiziva ndingekayilungeli le mbopheleleko. Wawumninzi umsebenzi, kwaye ukuze ndiwugqibe, kwakuye kufuneke ndivuke ngentsimbi yesine ekuseni ngezinye iintsuku. Umfazi nabantwana bam babendixhasa gqitha, beqinisekisa ukuba andiphazamiseki ebusuku nanini na kusekho umsebenzi ekufuneka wenziwe.
Sekunjalo, njengentsapho sasichitha ixesha elininzi lokuphumla sikunye kangangoko sasinako. Maxa wambi, umqeshi wam wayedla ngokundivumela ndisebenzise inqwelo-mafutha ukuze ndibethwe ngumoya kunye nentsapho yam imini yonke. Kwakuba mnandi ebantwaneni xa sifunda IMboniselo ehlathini. Sasihambahamba kunye, maxa wambi sicule sincediswa yifleyiti yam ngoxa sihamba phakathi kwemithi.
Ngowe-1978, ndamiselwa njengomveleli wesiphaluka obambelayo (umlungiseleli ohambahambayo). Ndothukile ndathandaza ndathi: “Yehova, andiqondi ukuba ndiza kukwazi ukuwenza lo msebenzi. Kodwa ukuba ufuna ndizame, ndiza kwenza konke okusemandleni am.” Kwiminyaka emibini kamva, xa ndandineminyaka engama-54 ubudala, ishishinana lam ndalinika unyana wethu wokugqibela, uThomas.
Abantwana bethu babesele bebadala, nto leyo eyasincedayo sinoKarla safumana ithuba lokwenza okungakumbi enkonzweni kaYehova. Kwangaloo nyaka mnye, ndamiselwa njengomveleli wesiphaluka ndaza ndabelwa icandelo leHamburg nayo yonke iSchleswig-Holstein. Ngenxa yamava esinawo ekukhuliseni intsapho, sakwazi ukubonisa ukuqonda kubazali nakubantwana babo. Uninzi lwabazalwana lwalusithi singabazali besiphaluka sabo.
Emva kweminyaka elishumi sikunye kumsebenzi wesiphaluka, kwafuneka uKarla atyandwe. Yaye kwangaloo nyaka mnye, oogqirha bafumanisa ukuba ndinethumba ebuchotsheni. Ngenxa yoko, ndayincama inkonzo yam njengomveleli wesiphaluka ndaza ndenziwa utyando ebuchotsheni. Kwathabatha iminyaka emithathu ngaphambi kokuba ndiphinde ndibe ngumveleli wesiphaluka obambelayo. Ngoku mna noKarla sikwiminyaka yethu engama-70 ubudala kwaye asisekho kumsebenzi wokuhambahamba. UYehova wasinceda sabona ukuba akukho sizathu sakubambelela kwilungelo eliyimbopheleleko esasingasakwazi ukuyisingatha.
Xa sikhangel’ emva, mna noKarla siyambulela uYehova ngokusinceda sibethelele uthando ngenyaniso kwiintliziyo zabantwana bethu. (IMizekeliso 22:6) Kuyo yonke le minyaka, uYehova uye wasikhokela waza wasiqeqesha, esinceda ukuba sinyamekele iimbopheleleko zethu. Nangona sibadala kwaye siyimilwelwe, uthando lwethu ngoYehova lusavutha yaye lusaphilile.—Roma 12:10, 11.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova, kodwa ngoku ayisafumaneki.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Intsapho yethu ibethwa ngumoya ngakuMlambo iElbe, eHamburg, ngowe-1965
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Amanye amalungu entsapho kwindibano yezizwe ngezizwe eBerlin ngowe-1998
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ndinomfazi wam, uKarla