Ngaba Usakhumbula?
Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ukuba kunjalo, bona enoba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:
• Yintoni uvelwano, yaye kutheni amaKristu afanele aluhlakulele?
Kukukwazi ukuzibeka kwimeko yomnye umntu, njengokuva intlungu yomnye umntu entliziyweni yethu. AmaKristu ayalelwa ukuba ‘avelane, abe nomsa wobuzalwana nemfesane.’ (1 Petros 3:8) UYehova wasibekela umzekelo wokuba siwulandele ekubonakaliseni uvelwano. (INdumiso 103:14; Zekariya 2:8) Sinokuba novelwano nangakumbi ukuba siyaphulaphula, sineliso elibukhali size sizibeke kwimeko akuyo omnye umntu.—4/15, iphepha 24-6.
• Ukuze ubani onwabe ngokwenene, kutheni ukuphiliswa ngokomoya kufanele kuze kuqala ngaphambi kwesicombululo sokugqibela sokuphiliswa kweziphene ezisemzimbeni?
Abantu abaninzi abasempilweni emzimbeni abonwabanga, yaye baneengxaki ezininzi. Ngokwahlukileyo koko, amaKristu amaninzi namhlanje aneziphene emzimbeni onwabe gqitha ekhonza uYehova. Abo bazuzayo ekuphilisweni ngokomoya baya kuba nethuba lokubona iziphene ziphelisiwe kwihlabathi elitsha.—5/1, iphepha 6-7.
• Kutheni amaHebhere 12:16 enxulumanisa uEsawu nomhenyuzi?
Ingxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba uEsawu wabonakalisa isimo sengqondo sokufuna ukuzanelisa ngokukhawuleza waza akabonakalisa uxabiso ngezinto ezingcwele. Ukuba namhlanje ubani uzivumela ukuba abe nesimo sengqondo esinjalo, oko kunokukhokelela kwisono esinzulu, esinjengohenyuzo.—5/1, iphepha 10,11.
• Yayingubani uTertullian, yaye wayesaziwa njani?
Wayengumbhali nomfundisi wezakwalizwi wenkulungwane yesibini neyesithathu yeXesha lethu Eliqhelekileyo. Wayesaziwa ngokubhala iincwadi ezininzi ezazithethelela oko kufane kubizwe ngokuba bubuKristu. Ngoxa ebuthethelela, wavelisa iingcamango eziyintandabulumko ezaba sisiseko seemfundiso ezingachananga, njengekaBathathu Emnye.—5/15, iphepha 29-31.
• Kutheni imizila yemfuza ingabekek’ ityala ngokupheleleyo ngezifo, indlela esiziphatha ngayo nangokufa?
Izazinzulu ziye zagqiba ngelithi kubonakala ukuba imfuza inendima ethile kwizifo ezahlukahlukeneyo zabantu, yaye abanye bakholelwa kwelokuba indlela yokuziphatha ixhomekeke kwimizila yethu yemfuza. Sekunjalo, iBhayibhile ichaza imvelaphi yoluntu, kuquka indlela isono nokungafezeki okwaluthwaxa ngayo uluntu. Nangona imizila yemfuza inendima ethile ekwakheni ubuntu bethu, ukungafezeki kwethu nendawo esihlala kuyo nazo zinempembelelo enkulu.—6/1, iphepha 9-11.
• Isiqwenga sombhalo-ngqangi esafunyanwa eOxyrhynchus, e-Egypt, sikubonisa njani ukusetyenziswa kwegama likaThixo?
Esi siqwenga sikaYobhi 42:11, 12 esivela kwiSeptuagint yesiGrike siqulethe iTetragrammaton (oonobumba abane besiHebhere begama likaThixo). Obu bubungqina bokuba igama likaThixo ngesiHebhere lalivela kwiSeptuagint, ngokufuthi licatshulwa ngababhali beZibhalo zamaKristu zesiGrike.—6/1, iphepha 30.
• Imidlalo yokulwa ngekrele nenogonyamelo nekwakubulawa kuyo abantu kuBukhosi baseRoma iye yathelekiswa nayiphi imidlalo yale mihla?
Ngokuquka ividiyo eyayibonisa ukulwa kweenkunzi zenkomo, iimbethi manqindi ezivunyiweyo, nokutyobozana kweenqwelo-mafutha nezithuthuthu, nezixholoxholo ezenziwa ngababukeli kweminye imidlalo, umboniso wakutshanje eColosseum eRoma, eItali, wawubonisa indlela imidlalo yamandulo efana ngayo neyale mihla. AmaKristu okuqala ayesazi ukuba uYehova akaluthandi ugonyamelo okanye abo banogonyamelo, yaye namaKristu namhlanje akafanele aluthande. (INdumiso 11:5)—6/15, iphepha 29.
• Njengoko sizabalazela ukuba ngabafundisi abaphumelelayo, sinokufunda ntoni kumzekelo kaEzra?
UEzra 7:10 ubalaselisa izinto ezine uEzra awazenzayo, izinto esinokulwela ukuzixelisa. Uthi: “UEzra [1] wayeyilungisile intliziyo yakhe [2] ukuba ahlole umthetho kaYehova, [3] awenze aze [4] afundise uSirayeli imimiselo nokusesikweni.”—7/1, iphepha 20.
• Ziziphi iimeko ezimbini ekufaneleke kuzo ukuba umfazi ongumKristu athwale entloko?
Eyokuqala kuxa kuvela iimeko ezithile entsatsheni. Ukuthwala kwakhe kubonisa ukuba uyaqonda ukuba indoda yakhe yiyo enembopheleleko yokukhokela ekuthandazeni nasekufundiseni iBhayibhile. Eyesibini kuxa esenza imisebenzi yebandla, apho abonisa ukuba uyaqonda ukuba amadoda abhaptiziweyo ngawo agunyaziswe ngokweZibhalo ukufundisa nokukhokela. (1 Korinte 11:3-10)—7/15, iphepha 26-7.
• Kutheni amaKristu eyigqala iyoga ingengomthambo nje yaye iyingozi?
Injongo yeyoga kukukhokelela ubani ukuba abe nolwalamano nesidalwa somoya esinamandla angaphezu kwaqhelekileyo. Ngokwahlukileyo kulwalathiso lukaThixo, iyoga iquka ukuyeka ukusebenzisa amandla okucinga. (Roma 12:1, 2) Iyoga inokwenza ubani abe sengozini yokunxibelelana nemimoya nokukhafula. (Duteronomi 18:10, 11)—8/1, iphepha 20-2.