IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 10/15 iphe. 19-21
  • Ixesha Lemigcobo KwiiBalkans

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ixesha Lemigcobo KwiiBalkans
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Imixholwana
  • Inkqubela Engokomoya KwiiBalkans
  • Abantu BakaYehova Banezizathu Zokuvuya
  • Umsebenzi Okhethekileyo
  • Umhla Wovuyo
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 10/15 iphe. 19-21

Ixesha Lemigcobo KwiiBalkans

Kwakungowe-1922. ABafundi beBhayibhile, njengoko amaNgqina kaYehova ayesaziwa njalo, babenentlanganiso eInnsbruck, eOstriya. Omnye wabantu ababekho yayinguFranz Brand, umfana waseApatin eVojvodina, eSerbia. Xa isithethi sakhankanya igama likaThixo, uYehova, ihlokondiba labantu laqalisa ukwenza ingxolo, nto leyo eyenza kwanzima ukuba isithethi siqhubeke nentetho yaso, yaye loo ntlanganiso yaphela. Sekunjalo, oko uFranz wayekuvile kwamchukumisa, yaye waqalisa ukushumayela ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani. Esi yayisisiqalo esincinane solwando lokomoya olubangel’ ihlombe kwelinye lamazwe akwiiBalkans.

INKOLISO yabantu namhlanje, xa isiva igama elithi Yugoslavia kuthi qatha imfazwe nendyikitya yokufa. Ikhumbula ibona abantu abaninzi bebulawa ngolunya, iimbacu ezixhwalekileyo, izindlu ezingamabhodlo, neenkedama ezilusizi. Ayinakuchazwa intlungu nonxunguphalo olwabangelwa yimfazwe eyadlakaza iBalkan Peninsula ukususela ngowe-1991 ukusa kowe-1995, itshabalalisa lonke ithemba lenkqubela nekamva eliqaqambileyo elibangelwa yimizamo yabantu. Ngenxa yale mfazwe, abantu belizwe elalisakuba yiYugoslavia batsala nzima kwezoqoqosho yaye bangamahlwempu.a

Ngenxa yembandezelo enjalo, ubani ebengayi kulindela ukuba kubekho abantu abonwabileyo kwelo lizwe. Noko ke, nakuba oko kusenokuba ngumnqa, bakho bantu abonwabileyo. Kaloku, ngasekupheleni kwenkulungwane yama-20 baba nezinto ezithile ezikhethekileyo ezabavuyisayo. UFranz Brand, umfana okhankanywe ekuqaleni, ungena phi kuko konke oku?

Inkqubela Engokomoya KwiiBalkans

UFranz Brand wayezivuyela iinyaniso ezintsha awayezivile yaye wagqiba kwelokuba umele azisasaze ezi ndaba zilungileyo. Wafumana umsebenzi wokuba ngumchebi weenwele eMaribor, isixeko esiseSlovenia kufuphi nomda waseOstriya, yaye waqalisa ukushumayela kwabo babeze kucheba, ngokuqhelekileyo ababedla ngokuhlala baze baphulaphule ngokuzolileyo ngoxa bechetywa. Ngenxa yemigudu yakhe, kwabakho iqela elincinane labavakalisi boBukumkani eMalbor ngasekupheleni kweminyaka yee-1920. Iintetho zeBhayibhile zazinikelwa kwindlu yokutyela, eyathi kamva yabizwa ngokuba yiNovi svet (Ihlabathi Elitsha) Seafood Restaurant.

Ekuhambeni kwexesha, iindaba ezilungileyo zasasazwa kulo lonke elo lizwe. Ukusetyenziswa kwe-“Photo-Drama of Creation” (umboniso othabatha iiyure ezisibhozo oquka umboniso bhanyabhanya, iislides nezinto ezirekhodiweyo) kwaba negalelo kolu lwando. Kwandula ke ngeminyaka yee-1930 xa amaNgqina kaYehova ayetshutshiswa ngokuqatha eJamani, amanye eYugoslavia omelezwa gqitha ngokuba noovulindlela baseJamani ababebaleke kwilizwe labo. Engacingi ngokuphila ubomi obutofotofo, enza umgudu wokufikelela kweyona mimandla ekwanti yeli lizwe lineentaba ukuze aye kushumayela. Ekuqaleni, abantu abazange babonakalise mdla ungako kwisigidimi sabo. Ebutsheni beminyaka yee-1940, ngabavakalisi abali-150 kuphela abafaka ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini.

Ngowe-1941, kwaqalisa intshutshiso eqatha, eyaqhubeka de kwangowe-1952. Hayi indlela ekwakuyimincili ngayo xa ekugqibeleni ngoSeptemba 9, 1953, amaNgqina kaYehova abhaliswa ngokusemthethweni, ngoxa kwakulawula uNjengele Tito owayengumKomanisi! Ngaloo nyaka, kwakukho abavakalisi beendaba ezilungileyo abangama-914, yaye inani labo landa ngokuthe ngcembe. Ngowe-1991, inani labavakalisi lalande laya kufikelela kuma-7 420 yaye eSikhumbuzweni kwakuze abantu abangama-16 072 ngaloo nyaka.

Ukususela ngoAgasti 16 ukusa kumhla we-18, 1991, kwaqhutywa indibano yokuqala yezizwe ngezizwe yamaNgqina kaYehova kweli lizwe eZagreb, eCroatia. Abantu ababezile besuka kwelo lizwe nakwamanye asemzini babengama-14 684. Le ndibano engasayi kuze ilibaleke yabenza abantu bakaYehova balungela iimvavanyo zexesha elizayo. Phakathi kwezithuthi zokugqibela ukudlula umda owawuphakathi kweCroatia neSerbia yayiziibhasi ezazigodusa iindwendwe zaseSerbia. Emva kokuba ibhasi yokugqibela idlule, umda wavalwa kwaza kwaqalisa imfazwe.

Abantu BakaYehova Banezizathu Zokuvuya

Iminyaka yemfazwe yangqineka ilixesha lemvavanyo eqatha kumaNgqina kaYehova kwiiBalkans. Sekunjalo, babenesizathu sokuvuya kuba uYehova uye wabasikelela abantu bakhe apho ngolwando olumangalisayo. Ukususela ngowe-1991, inani labavakalisi boBukumkani kummandla owawusakuba yiYugoslavia liye landa ngaphezu kwama-80 ekhulwini. Ngonyaka wenkonzo wama-2001 kuye kwakho incopho yabavakalisi abangama-13 472.

Iiofisi zaseZagreb naseBelgrade (eSerbia) zazidla ngokunyamekela umsebenzi wamaNgqina kaYehova kulo lonke elalisakuba yiYugoslavia. Ngenxa yolwando nenguqulelo kwezobupolitika, kuye kwayimfuneko ukuba kusekwe iiofisi ezintsha eLjubljana (eSlovenia), naseSkopje (eMacedonia), ukongezelela ekufunyanweni kweeofisi ezintsha eBelgrade naseZagreb. Phantse ngamalungu ali-140 asebenza kwezi ofisi. Inkoliso yawo iselula yaye inenzondelelo nothando ngoYehova. Inani elikhulu kuwo linenxaxheba ekuguquleleni iincwadi zokufundisisa iBhayibhile kwisiCroatia, kwisiMacedonia, kwisiSerbia nakwisiSlovenia. Hayi indlela ekuyintsikelelo ngayo ukuba inkoliso yamaphephancwadi neencwadi zamaNgqina kaYehova kwezi lwimi zipapashwa kwangaxeshanye nohlelo lwesiNgesi! Ezi mpapasho zinceda abantu abaninzi ukuba bafumane intuthuzelo nethemba.

Esinye isizathu esingakumbi sokuvuya yinkxaso enikelwa ngokungazingci ngabakhonzi abakwixesha elizeleyo abaninzi abakwamanye amazwe. Kuye kwakhiwa iiHolo zoBukumkani ezininzi nezintle kwiminyaka yakutshanje, nto leyo eye yongezelela uvuyo kula mabandla. Sekunjalo, kwakusekho into eza kwenzeka eyayiza kubavuyisa. Babeza kuvuyiswa yintoni?

Umsebenzi Okhethekileyo

Abavakalisi abaninzi ngokufuthi bebezibuza ukuba, ‘Ngaba siya kuze sibe nayo INguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwethu?’ Minyaka le, babesoloko benethemba lokuva eso saziso kwindibano yesithili. Sekunjalo, umsebenzi omkhulu kangaka wawuza kwenziwa njani, ekubeni iqela labaguquleli bezi lwimi besandul’ ukuqalisa kwiminyaka nje embalwa edluleyo yaye bembalwa?

Emva kokuhlolisisa iimeko, iQumrhu Elilawulayo laye lavuma ukuba iqela labaguquleli besiCroatia, besiMacedonia nabesiSerbia basebenze ndawonye, ngaloo ndlela, qela ngalinye lizuza kumsebenzi welinye. Kwakuza kufuneka kukhokele iqela lesiCroatia.

Umhla Wovuyo

AmaNgqina kaYehova akwiiBalkans akasoze awulibale umhla kaJulayi 23, 1999. Kwakuza kuqhutywa ungcelele lweeNdibano Zesithili ‘Zelizwi LikaThixo Lesiprofeto’ kwangaxeshanye eBelgrade, eSarajevo (eBosnia-Herzegovina), eSkopje naseZagreb. Kwangangethuba elithile kwakungaqinisekwanga enoba iindibano zazinokuqhutyelwa eBelgrade kuba ebudeni bokuqhushumbisa kweNATO, kwakungavumelekanga ukuba neentlanganiso esidlangalaleni. Hayi indlela abazalwana ababevuye ngayo xa bavunyelwa ukuba bahlanganisane ndawonye emva kweenyanga izinto zingaqinisekanga! Noko ke, kwenzeka into engaphezulu lee kunaleyo babeyilindele.

Ngemva kwemini yangoLwesihlanu kwenziwa isaziso esikhethekileyo kuzo zone ezo zixeko zendibano. Abantu abangama-13 497 ababelapho babesilindele ngolangazelelo eso saziso. Xa ekugqibeleni isithethi sakhulula INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngolwimi lwesiCroatia nesiSerbia saza saxelela abaphulaphuli ukuba inguqulelo yesiMacedonia iza kakuhle, abo bantu abazange bakwazi ukuzibamba. Intswahla yezandla yenza ukuba eso sithethi singakwazi ukugqibezela eso saziso. Kwindibano eyayiseSarajevo, abaphulaphuli bathi cwaka, bothuke ngeyona ndlela. Emva koko kwalandela intswahla enkulu. EBelgrade inkoliso yabantu ayizange ikwazi ukuzibamba iinyembezi, yaye isithethi sasiphazanyiswa kukuqhwatywa kwezandla ngokuphindaphindiweyo ngaphambi kokuba sigqibe ukwenza eso saziso. Wonke umntu wayevuya!

Esi sipho saxatyiswa nangakumbi xa kwavakala ukuba amaNgqina kaYehova aye avunyelwa ukuba ashicilele inguqulelo yeBhayibhile ngesiCroatia kwakunye nesiSerbia. Ngaloo ndlela, INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike kwezi lwimi zimbini yadityaniswa yaba ngumqulu omnye nenguqulelo yeZibhalo zesiHebhere kulwimi ngalunye. Ukongezelela koku, iBhayibhile yesiSerbia yashicilelwa ngoonobumba besiRoma nesiCyrillic.

Benombulelo ngazo zonke iintsikelelo nokhokelo abaye balufumana, abantu bakaYehova kwiiBalkans bavumelana ngokwenene namazwi kaDavide athi: “Nangona ndihamba kwintlambo yethunzi elimnyama, andoyiki nto imbi, kuba unam wena [Yehova].” Phezu kwabo nje bonke ubunzima abaqhubeka bejamelana nabo, bazimisele ukwenza ‘uvuyo lukaYehova igwiba labo.’—INdumiso 23:4; Nehemiya 8:10.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ilizwe elalisakuba yiYugoslavia libunjwa ziiriphabliki ezintandathu—iBosnia-Herzegovina, iCroatia, iMacedonia, iMontenegro, iSerbia neSlovenia.

[Umfanekiso okwiphepha 20]

Iqela labavakalisi bokuqala baseMaribor eSlovenia, bashumayela kwintsimi ethe qelele

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share