IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 1/15 iphe. 4-7
  • Ngaba Ububi Buye Boyisa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ububi Buye Boyisa?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Abantu Banokuzilawula Ngokuphumelelayo?
  • Ngaba USathana Unokubenza Bonke Abantu Bangamthobeli UThixo?
  • Lisifumbathele Ntoni Ikamva?
  • Uya Kuba Kwiliphi Icala?
  • Abalawuli Abakummandla Womoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • USathana UMtyholi
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • Hlalani Nithe Qwa—USathana Ufuna Ukuniqwenga!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 1/15 iphe. 4-7

Ngaba Ububi Buye Boyisa?

ULUVO lokuba kukho umlo phakathi kwemikhosi yokulungileyo nokubi ukutyhubela imbali luye lwakhokelela kwiingcamango ezininzi zababhali nezithandi zobulumko. Noko ke, kukho incwadi equlethe imbali echanileyo ngomlo phakathi kukaThixo noMtyholi. Loo ncwadi yiBhayibhile. Inikela inkcazelo ngokuphathelele lo mlo ize ichaze lowo ngokwenene woyisileyo.

Kungekudala emva kokudalwa kwendoda nebhinqa lokuqala, isidalwa sokomoya esingabonakaliyo, uSathana uMtyholi, wacel’ umngeni ulawulo lukaThixo. Njani? Ngobuchule wathi uThixo ubandeza izidalwa zakhe izinto ezilungileyo yaye abantu baya kuphila kamnandi nangakumbi ukuba bazimele geqe kulawulo lwakhe.—Genesis 3:1-5; ISityhilelo 12:9.

Kamva, kwimihla kasolusapho uYobhi, uSathana wavelisa enye imbambano. Efuna ukuba uYobhi alahle ingqibelelo yakhe kuThixo, uSathana wathi: “Ulusu ngenxa yolusu, yaye yonke into anayo umntu uya kuyinikela ngenxa yomphefumlo wakhe.” (Yobhi 2:4) Olu yayilucelomngeni lokwenene kumntu wonke! Ngokusebenzisa ibinzana eliqukayo elithi “umntu” kunokuthi uYobhi, uSathana wayethandabuza ingqibelelo yabantu bonke. Eneneni wayesithi: ‘Umntu unokwenza nantoni na ukusindisa ubomi bakhe. Ndiphe nje ithuba, ndinokubenza bonke abantu bangamthobeli uThixo.’

Ukuba ngubani oweyisayo kumlo ophakathi kukaThixo noMtyholi oko kunokubonwa ngokuphendula le mibuzo mibini: Ngaba umntu uyakwazi ukuzilawula ngokuphumelelayo? Ngaba uMtyholi uye wakwazi ukwenza bonke abantu bangamthobeli uThixo wokwenyaniso?

Ngaba Abantu Banokuzilawula Ngokuphumelelayo?

Kangangeminyaka emininzi, abantu baye bazama iindlela ezahlukahlukeneyo zolawulo. Kuye kwazanywa oorhulumente abahlukahlukeneyo ukutyhubela imbali, njengolawulo lookumkani, ulawulo lwezihandiba, idemokhrasi, ulawulo loozwilakhe, ulawulo lobuFasi nobuKomanisi. Ngaba isibakala sokuba bekusoloko kuzanywa iindlela ezahlukahlukeneyo zolawulo akubonisi ukuba aziphumeleli?

UH. G. Wells kwincwadi ethi A History of the World, epapashwe ngowe-1922 ubhala esithi: “Abantu baseRoma bengaqondanga bazifumanisa belinga iindlela ezahlukahlukeneyo zolawulo.” Uhlabela mgama esithi: “Ulawulo lwalusoloko luguquguquka, yaye aluzange luzinze. Ngamanye amazwi imizamo yabo ayizange iphumelele. Oko kuthetha ukuba basazama nangoku, yaye namhlanje iYurophu neMerika isazama ukucombulula iingxaki ezibangelwa lulawulo olwaqaliswa ngabantu baseRoma.”

Ukuzama iindlela ezahlukahlukeneyo zolawulo kuye kwaqhubeka ukutyhubela inkulungwane yama-20. Loo nkulungwane iphele kusamkelwa idemokhrasi kunanini na ngaphambili. Idemokhrasi kuthiwa imele ibe lulawulo oluquka umntu wonke. Kodwa ngaba idemokhrasi iye yabonakalisa ukuba umntu unokuzilawula ngokuphumelelayo ngaphandle kukaThixo? UJawaharlal Nehru, owayesakuba yinkulumbuso yaseIndiya, wathi idemokhrasi ilungile kodwa wongezelela esithi: “Ndikuthetha oku kuba ezinye iindlela zolawulo zimbi kakhulu.” Owayesakuba ngumongameli waseFransi uValéry Giscard d’Estaing wathi: “Sibona amanyundululu kubameli bedemokhrasi.”

Nakwinkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, isithandi sobulumko esingumGrike uPlato wabona amakhwiniba kulawulo lwedemokhrasi. Ngokutsho kwencwadi ethi A History of Political Theory, wagxeka “ukungabi nalwazi nobuchule kwabezobupolitika, nto leyo eyingxaki ephambili kulawulo lwedemokhrasi.” Abantu abaninzi bezobupolitika namhlanje bakhalaza besithi kunzima ukufumana abantu abanobuchule abaza kusebenzela urhulumente. IThe Wall Street Journal ithi abantu “bacatshukiswa ziinkokeli ezibonakala zingenabuchule ngoxa zona iingxaki ziya ziba nkulu.” Yongezelela isithi: “Baziva bephoxekile xa befumanisa ukuba iinkokeli ziyazilazila xa zifanele zenze izigqibo yaye azithembekanga xa zifanele zinikele uncedo.”

Ngoku makhe siqwalasele ulawulo lukaKumkani uSolomon wakwaSirayeli wamandulo. UYehova uThixo wamnika uSolomon ubulumko obubalaseleyo. (1 Kumkani 4:29-34) Lwaqhuba njani uhlanga lwakwaSirayeli ebudeni bolawulo lukaSolomon lweminyaka engama-40? IBhayibhile iphendula isithi: “UYuda noSirayeli babebaninzi njengentlabathi yolwandle, besidla kwaye besela benemihlali.” Le ngxelo ikwathi: “UYuda noSirayeli baqhubeka behleli ngonqabiseko, wonk’ ubani phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, ukusuka kwaDan kuse eBher-shebha, yonke imihla kaSolomon.” (1 Kumkani 4:20, 25) Ekubeni lwalulawulwa ngukumkani osisilumko njengommeli obonakalayo woYena Mlawuli Mkhulu ongabonakaliyo, uYehova uThixo, olu hlanga lwaluzinzile, lume kakuhle yaye lonwabile.

Hayi indlela olwahluke ngayo ulawulo lwabantu kolukaThixo! Ngaba ukho umntu ngokwenene onokuthi uSathana woyisile kwimbambano yolawulo? Nakanye, kuba umprofeti uYeremiya ngokuchanileyo wathi: “Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23.

Ngaba USathana Unokubenza Bonke Abantu Bangamthobeli UThixo?

Ngaba uSathana uye waphumelela kwibango lakhe lokuba unokubenza bonke abantu bangamthobeli uThixo? Kwisahluko 11 sencwadi yeBhayibhile yamaHebhere, umpostile uPawulos ubala amagama amadoda namabhinqa athembekileyo exesha langaphambi kobuKristu. Wandula ke athi: “Lingaphela ixesha ndibalisa ngoGidiyon, uBharaki, uSamson, uYifeta, uDavide noSamuweli nabanye abaprofeti.” (Hebhere 11:32) UPawulos ubhekisela kwaba bakhonzi banyanisekileyo bakaThixo ‘njengelifu elikhulu lamangqina.’ (Hebhere 12:1) Igama lesiGrike elisetyenziswe apha eliguqulelwe ngokuthi ‘ilifu,’ lithetha kungekhona nje amafu athe gqa gqa, amile okanye amakhulu ngendlela ethile, kodwa lithetha ingqimba enkulu yamafu. Oku kufanelekile kuba abakhonzi bakaThixo abathembekileyo bangaphambili baye babaninzi kangangokuba bafana nengqimba enkulu yamafu. Ewe, ukutyhubela iinkulungwane, abantu abaninzi gqitha baye ngokuzithandela bakhetha ukuthembeka kuYehova uThixo.—Yoshuwa 24:15.

Sibona ntoni kwixesha lethu? Inani lamaNgqina kaYehova emhlabeni wonke liye landa langaphezu kwezigidi ezintandathu phezu kwako nje ukutshutshiswa nokuchaswa kwawo ebudeni benkulungwane yama-20. Abantu abangakumbi abanokuba zizigidi ezisithoba banxulumana nawo, yaye abaninzi kwaba bathabatha amanyathelo angqalileyo ukuze babe nolwalamano olusenyongweni noThixo.

UNyana kaThixo uYesu Kristu waliphendula ngeyona ndlela iphumelelayo ibango likaSathana lokuba unokubenza bonke abantu bangamthobeli uYehova. Kwaneentlungu ezingcungcuthekisayo ngoxa ekumthi wentuthumbo azizange zimenze ayilahle ingqibelelo yakhe. Njengoko uYesu wayesifa wathi: “Bawo, ndiwuyekela ezandleni zakho umoya wam.”—Luka 23:46.

USathana usebenzisa nantoni na esemandleni akhe—izilingo nentshutshiso—ukuze abagcine abantu bephantsi kwegunya lakhe. Esebenzisa “inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi” ukuze alukuhle abantu, ufuna ukubenza bangamthobeli uYehova. (1 Yohane 2:16) Kwakhona uSathana uye “wamfamekisa iingqondo zabangakholwayo, ukuze ukhanyiso lweendaba ezilungileyo ezizukileyo ezingoKristu, . . . lungakhanyi.” (2 Korinte 4:4) Yaye uSathana uyabasongela aze aboyikise abantu ukuze aphumeze injongo yakhe.—IZenzo 5:40.

Noko ke, abo bakwicala likaThixo aboyiswa nguMtyholi. Baye bamazi uYehova uThixo baza ‘bamthanda ngentliziyo yabo iphela nangomphefumlo wabo uphela nangengqondo yabo iphela.’ (Mateyu 22:37) Ewe, ukunyaniseka kukaYesu Kristu nabantu abaninzi ngokungagungqiyo kuye kwangqina ukuba uSathana uMtyholi woyiswe ngokupheleleyo.

Lisifumbathele Ntoni Ikamva?

Ngaba abantu baya kuhlala bezama iindlela ezahlukahlukeneyo zolawulo? Umprofeti uDaniyeli waprofeta esithi: “Ngemihla yabo kumkani uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Daniyeli 2:44) UBukumkani uThixo wezulu abumisayo ngurhulumente wasezulwini olawulwa nguYesu Kristu. UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandazele obo Bukumkani. (Mateyu 6:9, 10) Obo Bukumkani buya kutshabalalisa bonke oorhulumente babantu “kwimfazwe [ezayo] yemini enkulu kaThixo uSomandla” yaye iya kuchaphazela wonke umhlaba.—ISityhilelo 16:14, 16.

Kuya kwenzeka ntoni kuSathana? IBhayibhile ichaza oko kuya kwenzeka isithi: “[Ingelosi kaYehova] yayibamba inamba, loo nyoka yantlandlolo, enguMtyholi, uSathana, yaza yayibopha iminyaka eliwaka. Yayiphosa enzonzobileni yaza yayivala, yayitywina, ukuze ingabi nakuzilahlekisa iintlanga kwakhona de kuphele iminyaka eliwaka.” (ISityhilelo 20:1-3) Ulawulo lukaYesu Kristu Lweminyaka Eliwaka luya kuqalisa kuphela emva kokuba uSathana ephoselwe enzonzobileni.

Hayi indlela ekuya kuba mnandi ngayo emhlabeni ngelo xesha! Ububi buya kuba bungekho kwanabo babubangelayo. IBhayibhile ithembisa isithi: “Kuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa . . . Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:9-11) Ayikho into eya kuphazamisa uxolo lwabo—umntu okanye isilwanyana. (Isaya 11:6-9) Kwanabantu abaninzi, abathe ngenxa yokungazi okanye ngokungafumani thuba lokwazi uYehova, bangakwicala likaMtyholi kwixesha elidluleyo baya kubuyiselwa ebomini baze bafundiswe nguThixo.—IZenzo 24:15.

Ekupheleni koLawulo Lweminyaka Eliwaka, umhlaba uya kuba yiparadesi, yaye abantu baya kwenziwa bafezeke. Uya kwandula ke uSathana akhululwe “ithuba elincinane,” emva koko uya kutshatyalaliswa ngonaphakade kunye nabo bonke abo bachasa ulawulo lukaThixo.—ISityhilelo 20:3, 7-10.

Uya Kuba Kwiliphi Icala?

Kwinkulungwane yama-20 uSathana uye wagquba ngamandla emhlabeni. Noko ke, kunokuba kubonakale ngathi uye woyisa, iimeko ezisemhlabeni zibonisa ukuba sikwimihla yokugqibela yeli hlabathi lingendawo. (Mateyu 24:3-14; ISityhilelo 6:1-8) Indlela ububi obande ngayo emhlabeni neendlela uninzi lwabantu olucinga ngayo akubonisi ukuba ngubani owoyisileyo. Eyona mbambano ibalulekileyo kukuba lulawulo lukabani olufanelekileyo yaye enoba kuye kwakho abantu abakhonza uThixo kuba bemthanda. Kwezi meko zombini, uYehova uye woyisa.

Ukuba ixesha uSathana alinikiweyo liye langqina ukuba wayexoka, kutheni uThixo evumele ubungendawo buqhubeke? UYehova unomonde “ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Ukuthanda kukaThixo ‘kukuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Timoti 2:4) Ngamana ungasebenzisa eli xesha liseleyo ekufundisiseni iBhayibhile uze ‘ungenise ulwazi ngokuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo amthumileyo, uYesu Kristu.’ (Yohane 17:3) AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda ukuba ufumane olo lwazi ukuze nawe ube phakathi kwezigidi ezimi ngokuqinileyo kwicala eloyisayo.

[Imifanekiso ekwiphepha 5]

Ngokugcina ingqibelelo, amaNgqina kaYehova aye abonisa ukuba uSathana woyisiwe

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Baninzi abanyanisekileyo abangakwicala likaYehova

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share