IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 9/1 iphe. 23-26
  • Iphulo LamaMennonite Lokufuna Inyaniso YeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iphulo LamaMennonite Lokufuna Inyaniso YeBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Imixholwana
  • Ngoobani AmaMennonite?
  • AmaMennonite Namhlanje
  • Indlela Eyahlwayelwa Ngayo Imbewu Yenyaniso
  • Ukuvavanywa Ngenxa Yenyaniso
  • Ukufumana Abazalwana Abanothando
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 9/1 iphe. 23-26

Iphulo LamaMennonite Lokufuna Inyaniso YeBhayibhile

NGENYE intsasa yangoNovemba 2000, abavangeli basemazweni abangamaNgqina kaYehova eBolivia babona ngefestile yekhaya labo elincinane amadoda namabhinqa awayenxibe impahla yomgangatho ophantsi nawayebonakala esoyika, emi esangweni. Bakuvula isango abavangeli basemazweni, into yokuqala eyathethwa zezo ndwendwe yile, “Sifuna inyaniso yeBhayibhile.” Ezo ndwendwe yayingamaMennonite. Amadoda ayenxibe iiovaroli, amabhinqa enxibe iifaskoti ezimdaka ngebala yaye xa bethetha bodwa babethetha isiJamani. Babebonakala besoyika. Babemana belaqaza bejonga ukuba akukho mntu ubalandelayo kusini na. Noko ke, kwanaxa benyuka kwizinyuko eziya endlwini, omnye wabafana wathi, “Ndifuna ukwazi abantu abasebenzisa igama likaThixo.”

Zakungena endlwini ezi ndwendwe zaphiwa izimuncumuncu yaye zaqala ukukhululeka. Zazivela kummandla weefama othe qelele. Kangangeminyaka emithandathu zazifumana iphephancwadi IMboniselo ngeposi. Zathi: “Sifunde ukuba kuza kubakho iparadesi apha emhlabeni. Ngaba yinyaniso leyo?” AmaNgqina azibonisa impendulo esuka eBhayibhileni. (Isaya 11:9; Luka 23:43; 2 Petros 3:7, 13; ISityhilelo 21:3, 4) Ebhekisa kwabanye, omnye umfama wathi: “Niyabona! Yinyani. Kuza kubakho iparadesi emhlabeni.” Abanye babemana besithi: “Ndicinga ukuba siyifumene inyaniso.”

Ngoobani amaMennonite? Akholelwa entwenini? Ukuze siphendule le mibuzo, masibuyele umva kwinkulungwane ye-16.

Ngoobani AmaMennonite?

Kwiminyaka yee-1500, ukuguqulelwa nokushicilelwa kweeBhayibhile ngeelwimi ezininzi zaseYurophu kwavuselela umdla wokufundisisa iBhayibhile kubantu balapho. UMartin Luther nabanye abaHlaziyi bazigatya iimfundiso ezininzi zeCawa yamaKatolika. Ukanti, iicawa zamaProtestanti ezazisandul’ ukusekwa zabambelela kwizithethe ezininzi ezingasekelwanga eBhayibhileni. Ngokomzekelo, abaninzi babelindele ukuba usana olusandul’ ukuzalwa lubhaptizwe ecaweni. Noko ke, abanye ababehlolisisa inyaniso yeBhayibhile bafumanisa ukuba umntu uba lilungu lebandla lamaKristu emva kokuba enze isigqibo esicingisisiweyo ngaphambi kokuba abhaptizwe. (Mateyu 28:19, 20) Abashumayeli abanenzondelelo ababekukholelwa oku baqalisa ukutyhutyha iidolophu needolophana befundisa abantu iBhayibhile yaye bebabhaptiza. Ngenxa yoko, babizwa ngokuba ngama-Anabaptist, oko kukuthi “abantu ababhaptiza okwesibini.”

Omnye umntu owakha wawakhel’ umkhanya ama-Anabaptist kwiphulo lakhe lokufuna inyaniso nguMenno Simons, umfundisi wamaKatolika owayehlala kwidolophana yaseWitmarsum kumntla weNetherlands. Ngowe-1536 wayesele eluqhawule lonke ulwalamano necawa yaye wayezingelwa oku kwenyamakazi. Ngowe-1542 uMlawuli woBukhosi Obungcwele baseRoma uCharles V wathi xa uMenno enokubanjwa uya kukhupha intlawulo yee-guilder ezili-100. Sekunjalo, uMenno waqokelela ama-Anabaptist waza waseka amabandla. Yena kunye nabalandeli bakhe babizwa ngokuba ngamaMennonite.

AmaMennonite Namhlanje

Ekuhambeni kwexesha, ngenxa yentshutshiso, amaMennonite angamawaka asaba kwiNtshona Yurophu aya kumNtla Merika. Akufika apho afumana ithuba lokuqhubeka nephulo lawo lokufuna inyaniso nokusasaza isigidimi sawo kwabaninzi. Kodwa ayengasenayo inzondelelo ababenayo ookhokho bawo yokuqhubeka nofundisiso lweBhayibhile nokushumayela esidlangalaleni. Abaninzi kuwo babambelela kwiimfundiso ezithile ezingasekelwanga eBhayibhileni, njengoBathathu Emnye, ukungafi komphefumlo womntu nesihogo somlilo. (INtshumayeli 9:5; Hezekile 18:4; Marko 12:29) Namhlanje, amaMennonite anikela ingqalelo kakhulu ekuhambeni enyanga abantu nasekubancedeni kwimibandela ethile yezentlalo kunokuba ahambise ivangeli.

Kuthelekelelwa ukuba ngoku kukho ama-Mennonite asisi-1 300 000 ahlala kumazwe angama-65. Ukanti, amaMennonite akhoyo namhlanje akhalazela ukungabikho komanyano nto leyo yayikhalazelwa nguMenno Simons kwiinkulungwane ezadlulayo. Ebudeni beMfazwe Yehlabathi I, ukubethabethana kwezimvo ngokuphathelele ungquzulwano lwehlabathi kwabangela uqhekeko olukhulu. Abaninzi kumNtla Merika babengavumi ukungenela inkonzo yasemkhosini kuba iBhayibhile ikwalela oko. Kodwa incwadi ethi An Introduction to Mennonite History ithi: “Ngowe-1914, kwiicawa zamaMennonite ezikwiNtshona Yurophu yayisele iyekiwe into yokwala ukungenela inkonzo yasemkhosini.” Namhlanje, amanye amaMennonite sele ephila ngendlela yezi mini ukusa kumlinganiselo othile. Amanye asaqhosha impahla yawo ngamakhonkco kunokuba aqhoshe ngamaqhosha yaye akholelwa ukuba amadoda afanele angazichebi iindevu.

Kuba efuna ukuzahlula kwihlabathi lezi mini, amanye amaMennonite aye afudukela kwiindawo apho oorhulumente bawavumelayo ukuba angaphazanyiswa. Ngokomzekelo, eBolivia kukho amaMennonite amalunga nama-38 000 ahlala kwimimindla eliqela ekwanti yaye ngamnye kule mimandla unemigaqo eyahlukileyo yokuziphatha. Kweminye imimandla akuvumelekanga ukuba nemoto, kusetyenziswa amahashe neenqwelo kuphela. Kweminye akuvumelekanga ukudlala unomathotholo, umabonwakude nomculo. Abanye abawavumeli amalungu abo ukuba afunde ulwimi oluthethwa kwilizwe ahlala kulo. Omnye ohlala kweminye yale mimandla wathi: “Abashumayeli abasivumeli ukuba sifunde iSpanish ukwenzela ukuba bakwazi ukusilawula kakuhle.” Abanye baziva becinezelekile yaye basoloko besoyika ukugxothwa—nto leyo yoyikekayo kumntu ongazange ahlale kwenye indawo ngaphandle kwakummandla wamaMennonite.

Indlela Eyahlwayelwa Ngayo Imbewu Yenyaniso

Kwakuphantsi kobo bugxwayiba ke awathi umfama ongumMennonite ogama linguJohann wafumana umbhalo wephephancwadi IMboniselo kwikhaya lommelwane wakhe. Intsapho kaJohann yafuduka eKhanada yaya eMexico yaza kamva yafudukela eBolivia. Kodwa uJohann wayesoloko elufuna uncedo kwiphulo lakhe lokufuna inyaniso yeBhayibhile. Waliboleka eli phephancwadi.

Kamva, ngoxa wayesesixekweni eye kuthengisa izinto awayezifumana kwifama yakhe, uJohann waya kwelinye iNgqina elalihambisa IMboniselo emarikeni. Lamthumela komnye umvangeli wasemazweni owayethetha isiJamani yaye kungekudala uJohann wayefumana IMboniselo yesiJamani ngeposi. Nkupho nganye yephephancwadi efikayo, iintsapho zazibolekisana ngayo ziyifunde ngokucokisekileyo de iguge. Maxa wambi, iintsapho zazihlanganisana zize zifundisise iphephancwadi IMboniselo de kube sezinzulwini zobusuku, zifunda imibhalo yeBhayibhile ecatshulweyo. UJohann weyiseka kwelokuba ngamaNgqina kaYehova amanyeneyo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo emhlabeni wonke. Phambi kokuba afe, uJohann wathi kwinkosikazi nabantwana bakhe: “Ningayeki ukufunda IMboniselo. Iya kuninceda niyiqonde iBhayibhile.”

Abanye kwintsapho kaJohann baqalisa ukuthetha nabamelwane babo ngezinto ababezifunda eBhayibhileni. Babesithi: “Umhlaba awuzukutshatyalaliswa. Kunoko uThixo uza kuwenza iparadesi. UThixo akathuthumbisi bantu esihogweni.” Ezi ndaba zafikelela ezindlebeni zabashumayeli yaye bayityityimbisel’ umnwe intsapho kaJohann besithi baza kuyigxotha ukuba ayiyeki ukushumayela kubamelwane. Kamva, kwenye ingxubusho yentsapho ngokuphathelele ukucinezelwa kwayo ngabadala abangamaMennonite, omnye umfana wavakalisa imbilini yakhe. Wathi: “Andisazi isizathu sokuba sikhalazele abadala becawa yethu. Sonke siyalwazi unqulo lokwenyaniso yaye asikhange senze nto ngaloo nto.” La mazwi alo mfana amchukumisa uyise. Kungekudala, abalishumi kumalungu aloo ntsapho banduluka kungekho mntu ukwaziyo oko, baya kukhangela amaNgqina kaYehova bada baya kufika kwikhaya labavangeli basemazweni, njengoko siye sakhankanya ekuqaleni.

Ngosuku olulandelayo, abavangeli basemazweni baya kutyelela aba bahlobo babo batsha kwindawo ababehlala kuyo. Imoto yabavangeli basemazweni kwakukuphela kwayo endleleni. Njengoko babedlula kwiinqwelo ezirhuqwa ngamahashe, abahlali baloo mmandla babebajonga ngomdla ukanti nabo abavangeli basemazweni babebona abemi ababangel’ umdla. Kungekudala, abavangeli basemazweni babehleli etafileni namaMennonite alishumi, angamalungu eentsapho ezimbini.

Ngaloo mini, bachitha iiyure ezine befunda isahluko soku-1 sencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade.a Amafama ayeyifunde yonke imibhalo yeBhayibhile ecatshulweyo kwisiqendu ngasinye yaye ayefuna ukwazi enoba ayeyiqonda kusini na intsingiselo yayo. Emva kombuzo ngamnye kwakusithi cwaka kangangemizuzu eliqela kuba amafama ayeqale axubushe ngesiJamani ngaphambi kokuba ummeli weqela anikele impendulo ngeSpanish. Yaba lusuku olungalibalekiyo olo kodwa loo mafama ayengazi ukuba ayeza kudibana neembila zithutha. Ayeza kujamelana nobunzima njengoko noMenno Simons watyhubela ebunzimeni kwiphulo lakhe lokufuna inyaniso yeBhayibhile malunga neenkulungwane ezintlanu ezadlulayo.

Ukuvavanywa Ngenxa Yenyaniso

Kwiintsuku ezimbalwa emva koko, kwafika abadala becawa kwikhaya likaJohann baza basongela bonke abo babenomdla kwisigidimi, besithi: “Sivile ukuba benityelelwe ngamaNgqina kaYehova. Ningawavumeli ukuba aphinde abuye yaye ukuba anisiniki iincwadi zawo ukuba sizitshise niza kugxothwa.” Babefunde iBhayibhile kwakanye kuphela namaNgqina yaye ngoko olu yaba luvavanyo olunzima.

“Asinakukwazi ukuyenza le nto niyifunayo,” yaphendula njalo enye yeentloko-ntsapho. “Aba bantu bebeze kusifundisa iBhayibhile.” Basabela njani abadala? Babagxotha ngenxa yokufundisisa iBhayibhile! Enjani yona inkohlakalo! Inqwelo yomzi-mveliso owenza itshizi kummandla ababehlala kuwo yayingemisi ithabathe ubisi kwikhaya lenye intsapho yaye ngenxa yoko yayingafumani ngeniso ekubeni leyo yayikuphela kwendlela eyayiziphilisa ngayo. Enye intloko-ntsapho yagxothwa emsebenzini. Ukanti enye yayingavunyelwa ukuba ithenge kwivenkile yalapho yaye intwazana yayo eneminyaka elishumi yagxothwa esikolweni. Abamelwane barhangqa ikhaya lenye indoda beze kulanda inkosikazi yomnye umfana besithi le nkosikazi ayinakuhlala nendoda egxothiweyo. Nangona zazitshutshiswa ngolu hlobo, iintsapho ezazifundisisa iBhayibhile azizange ziyekelele kwiphulo lazo lokufuna inyaniso.

Abavangeli basemazweni bathi gqolo behamba loo ndlela inde veki nganye ukuya kuqhuba isifundo seBhayibhile. Hayi indlela esasizomeleza ngayo ezo ntsapho eso sifundo! Ezinye iintsapho zazihamba iiyure ezimbini ngenqwelo yamahashe ukuze zibekho kweso sifundo. Onjani wona ukuchukumisa umbono mhla ezo ntsapho zacela omnye wabavangeli basemazweni ukuba athandaze. Kwindawo awayehlala kuyo amaMennonite ayengathandazi ngokuvakalayo ngoko awazange akhe eve mntu uwathandazelayo. Amadoda ayenyembezana. Ngaba unokuwuthelekelela umdla awaba nawo xa abavangeli basemazweni babeze neteyiphu yokurekhoda? Kwakungavumelekanga ukudlala umculo kuloo mmandla. Ayezithanda gqitha iiKingdom Melodies kangangokuba agqiba kwelokuba acule iingoma zoBukumkani rhoqo emva kwesifundo! Sekunjalo, umbuzo yayingowokuba, Ayeza kuphumelela njani kuloo meko ayephila phantsi kwayo?

Ukufumana Abazalwana Abanothando

Ekubeni zazahlukanisiwe kwabanye abemi, ezi ntsapho zaqalisa ukuzenzela itshizi. Abavangeli basemazweni bazincedisa ukuba zifumane abathengi. Elinye iNgqina eliligqala lakumNtla Merika, elalikhulele kummandla wamaMennonite kuMzantsi Merika layiva le ntlungu yezi ntsapho. Laba nomdla wokunceda. Kungaphelanga neveki lakhwela inqwelo-moya laya kuzityelela eBolivia. Alizange lanele nje ukuzikhuthaza ngokomoya kodwa lazinceda ezi ntsapho ukuze zithenge ilori yokuya kwiintlanganiso ezaziqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani nokuya kuthengisa imveliso ezaziyifumana kwiifama zazo emarikeni.

Elinye ilungu lezo ntsapho lithi: “Iimeko zazimaxongo emva kokugxothwa kwethu phakathi kwabemi. Wawungafika sithe khunubembe xa sisiya kwiHolo yoBukumkani kodwa sasibuya iintliziyo zizele luvuyo.” Eneneni, amaNgqina asekuhlaleni ema bume azinceda. Amanye afunda isiJamani yaye elinye iqela lamaNgqina athetha isiJamani lasuka eYurophu laya eBolivia ukuze lincedise ekuqhubeni iintlanganiso zamaKristu ngesiJamani. Kungekudala, amalungu ali-14 amaMennonite ayeshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani kwabanye.

Ngo-Oktobha 12, 2001, kungaphelanga nonyaka emva kotyelelo lokuqala lwabavangeli basemazweni, amalungu ali-11 abo babefudula bengama-Anabaptist abhaptizwa kwakhona yaye olo bhaptizo lwalufanekisela ukuzahlulela kwawo kuYehova. Ukususela ngoko, baninzi abaye babhaptizwa. Kamva omnye wathi: “Njengokuba sifunde inyaniso yeBhayibhile, siziva njengamakhoboka akhululweyo.” Omnye wathi: “AmaMennonite amaninzi akhalazela ukungabikho kothando kwimimandla ahlala kuyo. Kodwa amaNgqina kaYehova akhathalelene. Ndiziva ndikhuselekile xa ndiphakathi kwawo.” Ukuba nawe ufuna ukuqonda inyaniso yeBhayibhile ngakumbi, usenokuhlangabezana neengxaki. Kodwa ukuba ufuna uncedo kuYehova uze ubonakalise ukholo nenkalipho njengokuba ezi ntsapho zenzayo, nawe uya kuphumelela uze wonwabe njengazo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Uchulumanco emva kokufumana uncwadi lweBhayibhile ngesiJamani

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Nakuba umculo wawusoloko ungavumelekanga, ngoku bayacula rhoqo emva kwesifundo seBhayibhile

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share