Ekuqaleni Batshutshiswa Baza Bamkelwa Kamva
KWIMINYAKA ethile edluleyo uSantiago nomfazi wakhe, uLourdes, bafudukela kwidolophu entle yaseHuillcapata, ePeru, besiya kushumayela isigidimi seBhayibhile kubantu balapho. Akuzange kube kudala, kwafika umfundisi weCawa yamaRoma Katolika evela eCuzco waza wagaya abahlali. Lo mfundisi walumkisa abantu bale ndawo wathi ubukho bamaNgqina kaYehova buza kubangela isibetho esingubhubhani nekhephu eliya kubulala iinkomo zabo lize litshabalalise nezilimo zabo.
Abantu abaninzi basikholelwa esi “siprofeto,” kangangokuba ngaphezu kwesiqingatha sonyaka, akakho umntu owayevuma ukufundisisa iBhayibhile noSantiago noLourdes. Igosa eliphezulu, uMiguel owayelisekela lerhuluneli kule dolophu, labagxotha laze labaxuluba nangamatye. Kodwa babesoloko beziphatha kakuhle ngoxolo ngendlela yamaKristu.
Ekuhambeni kwexesha, bambi kubantu ababehlala kuloo dolophu basamkela isifundo seBhayibhile. Nkqu noMiguel, watshintsha kwisimo sengqondo sakhe. Waqalisa ukufundisisa noSantiago, wayeka ukunxila, waze wangumntu othanda uxolo. Ekugqibeleni uMiguel, nomfazi wakhe, nentombi zakhe ezimbini bayamkela inyaniso yeBhayibhile.
Namhlanje, kukho ibandla lamaNgqina kaYehova kule dolophu. UMiguel uvuyiswa kukuba xa wayexuluba uSantiago noLourdes ngamatye waye wabaphosa ngaphezu koko ubamba ngazibini ngomzekelo omhle wesi sibini wokuthanda uxolo.
[Imifanekiso ekwiphepha 32]
Isimo sengqondo sokuthanda uxolo sikaSantiago noLourdes (ngasentla) sanceda uMiguel (ngasekunene) watshintsha