IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 1/1 iphe. 31
  • Yoliswa Kukucamngca

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yoliswa Kukucamngca
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 1/1 iphe. 31

Yoliswa Kukucamngca

KWABANYE abantu ukucamngca kuyinto eyoyikisayo. Basenokucinga ukuba ukucamngca yinto enzima efuna ingqalelo ekhethekileyo. Basenokuba buhlungu kuba bengacamngci, ngokukodwa xa befunda ngokubaluleka kwako. (Filipi 4:8) Noko ke, ukucamngca ngeenyaniso esiye sazifunda ngoYehova, iimpawu zakhe ezintle, izinto aye waziphumeza, izinto afuna sizenze nenjongo yakhe ezukileyo zonke ezi zizinto esifanele siyoliswe kukucamngca ngazo. Ngoba?

UYehova uThixo, nguMlawuli Ophakamileyo wendalo iphela kwaye uxakekile ukuze aphumeze injongo yakhe ebalaseleyo. (Yohane 5:17) Nakuba kunjalo, unomdla wokwazi izinto esicamngca ngazo. Umdumisi uDavide wayekwazi oku kwaye wabhala eqhutywa ngumoya oyingcwele wathi: “Owu Yehova, undigocagocile, yaye uyandazi. Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokuvuka kwam. Uziqwalasele iingcamango zam ukude.”—INdumiso 139:1, 2.

Xa eqala ukufunda la mazwi omdumisi omnye umntu usenokudimazeka. Usenokucinga athi, ‘Nangona uThixo ekude, uyazibona izinto ezimbi endizicingayo.’ Ewe kuhle ukuqonda ukuba uyazibona izinto ezimbi esizicingayo. Kunokusinceda sixhathise iingcinga ezingafanelekanga, xa iingcinga ezinjalo zifika engqondweni yethu kungakuhle ukuziphalaza kuThixo, sinentembelo yokuba uya kusixolela ngenxa yokuba sinokholo kwidini lentlawulelo likaYesu. (1 Yohane 1:8, 9; 2:1, 2) Kwangaxeshanye kufuneka sikhumbule ukuba, uYehova uyazibona nezinto ezintle ezenziwa ngabakhonzi bakhe. Unikela ingqalelo xa sicamngca ngaye.

Usenokubuza ukuba, “Ngaba uYehova wazi zonke izinto ezilungileyo ezicingwa zizigidi zabakhonzi bakhe?” Ngokuqinisekileyo kunjalo. UYesu wachaza umdla anawo uYehova kuthi xa wathi uYehova unomdla nakoongqatyana, waze woleka wathi: “Nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.” (Luka 12:6, 7) Oongqatyana abanakucamngca ngoYehova. Ukuba uyabanyamekela oongqatyana, umele ukuba usikhathalele ngakumbi ekubeni sikwazi ukucamngca ngaye! Ewe njengoDavide, singathandaza sithi: ‘Ukucamngca kwentliziyo yam, makukukholise, Yehova Liwa lam noMkhululi wam.’—INdumiso 19:14.

Obunye ubungqina obubonisa ukuba unomdla kwizinto abacamngca ngazo abakhonzi bakhe abanyanisekileyo bufumaneka kumazwi aphefumlelweyo omprofeti uMalaki. Ethetha ngomhla wethu, waxela kwangaphambili ukuba: “Ngelo xesha abo bamoyikayo uYehova bathetha omnye komnye, ngamnye neqabane lakhe, yaye uYehova wanikela ingqalelo ephulaphule. Kwaye incwadi yokukhumbuza yabhalwa phambi kwakhe ngenxa yabo bamoyikayo uYehova nangenxa yabo bacinga ngegama lakhe.” (Malaki 3:16) Ukuba sihlala sikhumbula ukuba uYehova ‘unikela ingqalelo’ xa sicinga ngaye siya kuyoliswa kukucamngca ngaye. Ngamana ke singatsho amazwi omdumisi owabhala wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiya kucamngca ngayo yonke imisebenzi yakho, ndizixhalabise ngezenzo zakho.”—INdumiso 77:12.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share