IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 2/15 iphe. 3-4
  • Ngaba Sifuna UMesiya?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Sifuna UMesiya?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • UMesiya! Ilungiselelo LikaThixo Lokusindisa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • “Simfumene UMesiya”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • “Simfumene UMesiya”!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • UMesiya—Ngaba Lithemba Lokwenene?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 2/15 iphe. 3-4

Ngaba Sifuna UMesiya?

USENOKUBUZA uthi, “Ngaba sifuna uMesiya?” Ewe, kusengqiqweni ukuzibuza enoba uMesiya uya kuba luncedo kuwe siqu kusini na.

Ukuba ubuza abantu abaqolileyo baya kukuphendula ngaphandle kwamathandabuzo bathi: Ngokuqinisekileyo sonke siyamfuna uMesiya. Enye ingcali yomthetho wamaYuda yenkulungwane yokuqala yabhala yathi ngoMesiya: “Kungakhathaliseki ukuba zininzi kangakanani na izithembiso zikaThixo, ziye zaba nguEwe ngaye.” La mazwi abalaselisa indima eyintloko ephunyezwa nguMesiya, ekukuzalisekisa injongo yoMdali yokusikelela zonke iintlanga nomhlaba. (2 Korinte 1:20) Le ndima ephunyezwa nguMesiya ibaluleke kakhulu kangangokuba iBhayibhile iphela ithetha ngokuza kwakhe nokuphila kwakhe emhlabeni. Kwincwadi yeembekiselo eyayisetyenziswa zizigidi zabantu ngaphezu kweminyaka engama-70, uHenry H. Halley wabhala wathi: “ITestamente Endala yabhalwa ngenjongo yokusichazela Ngokuza [kukaMesiya].” Kodwa ngaba ukuza kwakhe kuyimfuneko? Kutheni ufanele ube nomdla ekuzeni kwakhe?

Igama elithi “uMesiya” lithetha “Umthanjiswa” okanye “uKristu,” olelona gama lisetyenziswayo ngokuqhelekileyo.” Lo Mesiya, ochazwa yiEncyclopædia Britannica, uHlelo lowe-1970, ngokuthi “ngoyena mhlanguli umkhulu,” umele eze ngenxa yokungahloneli Thixo kwesibini sokuqala esingabantu, uAdam noEva. Badalwa befezekile, benethemba elimangalisayo lobomi obungenasiphelo eParadesi, kodwa baphulukana nalo elo themba. Ingelosi evukelayo, eyaba nguSathana uMtyholi, yabaxelela ukuba uMdali wabo wayengqongqo ngokugqithiseleyo, yaye babenokuphila kamnandi gqitha ukuba babenokuzigqibela ngokwabo okulungileyo nokubi.—Genesis 3:1-5.

UEva wakhohliswa waza wabukholelwa obo buxoki. UAdam walandela ikhondo lomfazi wakhe kunokuba anyaniseke kuThixo, baza ngaloo ndlela baba nenxaxheba kwimvukelo kaMtyholi. (Genesis 3:6; 1 Timoti 2:14) Izenzo zabo aziphelelanga nje ngokubenza bona bobabini baphulukane nobomi obungenasiphelo eparadesi. Kodwa badlulisela kwinzala yabo isono nokufa.—Roma 5:12.

Ngoko nangoko, uMdali wethu uYehova, wenza amalungiselelo okulungisa umonakalo owabangelwa yiloo mvukelo. Walandela umgaqo osisiseko kuMthetho kaMoses othi—ubomi bubuyiselwa ngobomi. (Duteronomi 19:21; 1 Yohane 3:8) Kwakumele kulandelwe lo mgaqo ukuze inzala ka-Adam noEva ibe nokufumana ubomi obungunaphakade kwiparadesi yasemhlabeni, nto leyo eyayiyinjongo yoMdali ngoluntu. Ingena xa kulapho ke indima kaMesiya.

Xa wayegweba uMtyholi, uYehova uThixo wavakalisa isiprofeto sokuqala seBhayibhile esithi: “Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe. Yona iya kukutyumza intloko uze wena uyityumze isithende.” (Genesis 3:15) Omnye umphengululi weBhayibhile wathi “esi siprofeto sesokuqala kwizithembiso eziluthotho ezikhoyo eZibhalweni eziphathelele ukuza kukaMesiya.” Kanti omnye umphengululi yena wathi uMesiya sisixhobo sikaThixo “sokuphelisa wonke umonakalo obangelwe sisono,” aze aluzisele iintsikelelo uluntu.—Hebhere 2:14, 15.

Noko ke, usenokuba uphawulile ukuba okwangoku uluntu alukazifumani ezo ntsikelelo. Kunoko, luphila ebugxwayibeni yaye luphelelwe lithemba. Ngenxa yoko, iThe World Book Encyclopedia ithi “amaYuda amaninzi asalinde ukuza kukaMesiya” ukuze “aphelise ububi obukhoyo kwaneentshaba zabantu.” Noko ke, iBhayibhile ithi uMesiya sele efikile. Ngaba sikho isizathu sokukholelwa oko iBhayibhile ikutshoyo? Lo mbuzo uza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share