IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 2/15 iphe. 8-12
  • Abantu Abakwiidolophu ZaseBolivia Ezikwanti Beva Iindaba Ezilungileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abantu Abakwiidolophu ZaseBolivia Ezikwanti Beva Iindaba Ezilungileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Imixholwana
  • Ukuncama Ubomi Obutofotofo Basezidolophini
  • Uhambo Oluya Kwimimandla Enxuse Umlambo
  • Ngaba Abantu Abanomdla Baza Kuza?
  • Ucelomngeni Lokubhalisa Imitshato Ngokusemthethweni
  • Ukomelezwa Ngumoya KaYehova
  • Inxila Elingumngcakazi Liyaphulaphula
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 2/15 iphe. 8-12

Abantu Abakwiidolophu ZaseBolivia Ezikwanti Beva Iindaba Ezilungileyo

SINGABANTU abamalunga nama-20 ngaselunxwemeni silungele ukutyelela kwimimandla enxuse umlambo. Sikumazantsi eAndes, kwimimandla esithabazi ekwingingqi yeAmazon apho ugaleleka khona umlambo iBeni. Le ndawo intle ngendlela emangalisayo.

Noko ke, thina asingobakhenkethi. Abanye bethu baphuma kwalapha ekuhlaleni; uninzi lwethu lwafudukela kulo mmandla waseRurrenabaque luphuma kwizixeko ezikude. Le dolophana izaliswe yimithi eneentyatyambo, izindlu ezifulelwe ngengca yaye izitalato zayo zithe nkcwe, kuvakala nje ingxolo yezithuthuthu ezisetyenziswa njengeeteksi nezidlula manqaphanqapha. Luhambo lwantoni olu?

Lufana nqwa noko kwenzeka kwezinye iindawo zaseBolivia. AmaNgqina kaYehova asuka kwizixeko zawo nakwamanye amazwe esisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kwiidolophana ezincinane.—Mateyu 24:14.

IBolivia imi kumbindi woMzantsi Merika. Eli lizwe liwuphinda kabini ummandla waseFransi kodwa linabemi abamalunga ne-10 ekhulwini xa kuthelekiswa nabaseFransi. Abaninzi kubantu balapha bahlala ezixekweni nakwiidolophu ezinemigodi ezikwiindawo eziphakamileyo okanye kumaziko ezolimo asezintlanjeni. Noko ke, iidolophu ezikwimimandla yeleenjiko esithabazi zahlukaniswe ngamahlathi amakhulu anabileyo.

Ngeminyaka yee-1950 neyee-1960, abavangeli basemazweni abanenkalipho, uBetty Jackson, uElsie Meynberg, uPamela Moseley, kunye noCharlotte Tomaschafsky, baqalisa ukusebenza kwiidolophu ezininzi ezikwanti. Bafundisa abantu abanyanisekileyo inyaniso yeBhayibhile yaye bafak’ isandla ekumiselweni kwamabandla amancinane. Kwiminyaka yee-1980 neyee-1990, inani lamaNgqina kaYehova laphindaphindeka kathandathu, ingakumbi ezixekweni. Ngoku kwinxalenye nganye yeso sixeko kukho amabandla. Akho kwizithili ezimi kakuhle, apho abantu basebenza kwiiofisi ezikwizakhiwo eziphakamileyo, behlala kumapomakazi athi ndijonge yaye bethenga kwiivenkile ezinkulu. Ukanti akhona nakwiindawo ezikufuphi ezikwanti, ezinabantu abahlala kwizindlu ezenziwe ngezitena zodaka, abathenga kwiivenkile ezisempengempengeni, benxiba iimpahla zomthonyama eziyimibalabala. Yintoni enokwenziwa ukuze kuncedwe abantu abangakumbi abahlala kwiindawo ezisemagqagaleni bamazi uYehova?

Ukuncama Ubomi Obutofotofo Basezidolophini

Kwiinkulungwane ezimbini ezidluleyo, uninzi lwabantu oluvela kwiidolophu ezinemigodi zaseBolivia nasezilalini belufudukela ezixekweni. Akunto iqhelekileyo ukuba abantu basuke esixekweni bafudukele ezilalini. Kwezinye iilali kusetyenziswa ifowuni enye kuphela yaye umbane ubakho iiyure nje ezimbalwa ngosuku uphinde umke. AmaNgqina ahlala kwezi ndawo abonana namanye kuphela xa eye kwiindibano zonyaka, yaye ukuya kwezi ndibano kuziindleko, kuyingozi yaye kuyadinisa. Izikolo zasezilalini zifundisa nje izinto ezisisiseko. Ngoko, yintoni eyabangela ukuba amaNgqina kaYehova asuke kwizixeko awayehlala kuzo afudukele ezilalini?

ULuis ebesandul’ ukuthi, “Ndandinethuba lokufumana umsebenzi kwisixeko saseLa Paz. Kodwa abazali bam babesoloko bendixelela ukuba owona msebenzi ubalulekileyo ngowokwenza abafundi. Ngoko ndaya kufundela umsebenzi wokwakha ithutyana nje elifutshane. Ngoxa ndandisekhefini eRurrenabaque, ndaphawula indlela ababenomdla ngayo abantu kwiindaba ezilungileyo. Ndathi ndakubona indlela abambalwa ngayo abazalwana abalapho, ndavakalelwa kukuba ndimele ndize kunceda. Ngoku ndiqhuba izifundo zeBhayibhile ezili-12. Ngokomzekelo, ndiqhubela umfana nenkosikazi yakhe abanabantwana abane isifundo. Wayeka ukuba yindlamanzi nokungcakaza yaye uxelela abahlobo bakhe izinto azifundayo ngoYehova. Ulungiselela rhoqo. Akubi mnandi xa eza kuya kugawula ehlathini iintsuku ezintathu okanye ezine kuba ufuna ukubakho kuyo yonke imisebenzi yamaKristu. Xa ndikunye nabo bonke ezintlanganisweni, ndivakalelwa kukuba ukuba lapha ayikokudlala ngexesha.”

UJuana ngumzali ongenamyeni. Uthi, “Ndandisisicakakazi eLa Paz. Ngoxa unyana wam wayesemncinane, ndandingumshumayeli wexesha elizeleyo kweso sixeko. Xa ndandityelele eRurrenabaque, ndaqonda ukuba mkhulu umsebenzi endinokuwufeza xa ndinokufudukela apha. Ngoko safuduka, ndaza ndafumana umsebenzi wokuba sisicakakazi. Ekuqaleni, kwakunzima ngenxa yobushushu nezinambuzane. Kodwa sele sineminyaka esixhenxe silapha. Veki nganye ndiqhubela abantu abaninzi izifundo zeBhayibhile, yaye uninzi lwabo luyeza ezintlanganisweni.” UJuana nonyana wakhe bayinxalenye yaba bantu babekhwele inqanawa besiya kwimimandla enxuse umlambo. Nawe siyakumema kolu hambo.

Uhambo Oluya Kwimimandla Enxuse Umlambo

Iphenyane liyagquma njengoko sisinge kwisikhewana esiphakathi kweentaba. Kutswina umhlambi wezikhwenene ucatshukiswa bubukho bethu apho. Sitshizwa ngamanzi anodaka ahla evela ezintabeni ngoxa umqhubi enqumla umsinga ngobuchule. Lingekaqini ilanga iphenyane lisehlisa kwilali encinane. Apho sidibana nomdala weBandla laseRurrenabaque, osalathisa indawo esiza kushumayela kuyo.

Abantu bale lali basamkela ngezandla ezifudumeleyo, besamkelela phantsi komthunzi womthi okanye endlwini eyakhiwe ngoqalo (bamboo) yaza yafulelwa ngamagqabi esundu. Kungekudala sidibana nesibini esiselula sixakekile simfaxanga ummoba kumatshini wasekuhlaleni owenziwe ngomthi. Incindi yommoba ithontsizela kwisitya sobhedu. Emva koko siyayibilisa ide ibe yimolasses embala umdaka elungele ukuthengiswa edolophini. Esi sibini sisingenisa emzini waso yaye sisipheka sisophula ngemibuzo ephathelele iBhayibhile.

Siyaqhubeka sinyusa iilali ezinxuse umlambo sishumayela. Abaninzi bayakuvuyela ukuva oko kuthethwa yiBhayibhile ngokugula nokufa ukuba kuza kutshayelwa kuthi tu. (Isaya 25:8; 33:24) Ekubeni kunzima ukuba abantu bafumane unyango kule ndawo, iintsapho ezininzi zisentlungwini yokufelwa ngabantwana. Kunzima kubalimi nabalobi abasebenzela nje isisu nabanganqabisekanga. Ngenxa yoko, isithembiso sikaThixo sorhulumente oya kuphelisa ubuhlwempu esichazwe kwiNdumiso 72 sibangel’ umdla kwabaninzi. Nakubeni kunjalo, ucinga ukuba abantu abanomdla abahlala kwiindawo ezinjalo ezisemagqagaleni bangakwazi ukuya ezintlanganisweni? Nantso into eyayikhathaza uEric noVicky ababengabalungiseleli bexesha elizeleyo eSanta Rosa, ekumgama oziiyure ezintathu xa uhamba ngemoto usinge kwingingqi yeAmazon.

Ngaba Abantu Abanomdla Baza Kuza?

Kwiminyaka eli-12 edlulileyo, uEric noVicky bagaleleka eBolivia besuka eKhalifoniya, eUnited States. Omnye umveleli ohambahambayo wabacebisa ukuba bafudukele eSanta Rosa. UVicky uthi, “Zimbini kuphela iifowuni edolophini yaye akukho Internet. Kuxhaphake izilwanyana zasendle. Xa siye kwimimandla ethe qelele ngezithuthuthu zethu, sisoloko sibona iingwenya, iinciniba neenyoka ezinkulu. Noko ke, ngabantu ababangel’ umdla kunezilwanyana. Siqhuba isifundo seBhayibhile nesibini esiselula sakwaVaca, esinabantwana abane abancinane. Esi sibini sihlala kumgama omalunga neekhilomitha ezingama-26 ukusuka edolophini. Utata walapha wayelinxila, kodwa ngoku akaselilo. Veki nganye uhamba nentsapho yakhe yonke kunye nodadewabo omncinane xa esiya kwiHolo yoBukumkani. Ukhwelisa umfazi wakhe nomntwana kwindawo yeempahla ebhayisikileni yakhe enkulu. Omnye umntwana oneminyaka esithoba ukhwelisa udadewabo omncinane kwenye ibhayisikile, yena oneminyaka esibhozo uzihambela yedwa ngeyakhe. Bahamba iiyure ezintathu ukuya kufika ezintlanganisweni.” Le ntsapho imthanda ngokwenene uYehova yaye yenza konke okusemandleni ayo ukuze inxulumane nebandla.

Kwiinyanga nje ezili-18, abantu aba-3 babesele bekufanelekela ukubhaptizwa, yaye abamalunga nama-25 bayeza kwiHolo yoBukumkani entsha yaseSanta Rosa. Nakubeni bebaninzi abantu abafuna ukufunda iBhayibhile, abanye kufuneka basuse imiqobo enzima esendleleni yabo ukuze bakwazi ukukhonza uYehova.

Ucelomngeni Lokubhalisa Imitshato Ngokusemthethweni

UMarina no-Osni, abavangeli basemazweni abakhonza kwiidolophu ezikwanti ezikufuphi nomda ophakathi kweBolivia neBrazil, bathi abantu abaninzi balapha abawujongi umtshato njengeqhina elingamele liqhawulwe. Into abayenzayo kukutshintshatshintsha amaqabane. UOsni uthi, “Le yingxaki ebangela ukuba bangahambeli phambili ngokomoya. Xa abantu befuna ukuba ngamaKristu okwenyaniso, kuba nzima. Abanye kuye kufuneke balungise imicimbi namaqabane abo angaphambili baze batshate ngokusemthethweni. Noko ke, abanye babesithi bakuva ukuba iZibhalo zithi umtshato mawubhaliswe ngokusemthethweni, basebenze nzima ukuze bafumane imali yokutshata ngokusemthethweni.”—Roma 13:1, 2; Hebhere 13:4.

UMarina ubalisa amava kaNorberto. “Wahlalisana namabhinqa amaninzi ngaphambi kokuba ahlalisane nebhinqa elalingumbhaki wezonka. Wayemdala kweli bhinqa ngeminyaka engama-35 yaye lafika kuNoberto linomntwana oyinkwenkwe. UNoberto wayefuna ukuyimisela umzekelo omhle le ntwana njengoko ikhula. Ngoko kwafika elinye iNgqina laza lacela ukubaqhubela isifundo. UNoberto wavuma ukuqhutyelwa isifundo nangona wayengakwazi ukufunda yaye wayesele eneminyaka engaphezu kwama-70 ubudala. Emva kokuba befunde ngezinto ezifunwa nguYehova, uNoberto neqabane lakhe bawubhalisa ngokusemthethweni umtshato wabo baza babhaptizwa. Le nkwenkwe ingumKristu oselula onokuthenjwa—kanye le nto uNoberto wayeyifuna. UNorberto wafunda ukulesa, yaye unikela iintetho ebandleni. Phezu kwayo nje impilo enkenenkene ebangelwa bubudala, unenzondelelo kubulungiseleli beendaba ezilungileyo.”

Ukomelezwa Ngumoya KaYehova

UYesu waxelela abalandeli bakhe oku: “Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni, yaye niya kuba ngamangqina am . . . nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukubona umoya kaThixo ushukumisela amadoda nabafazi abangamaKristu ukuba bafudukele kwiindawo ezithe qelele! Ngokomzekelo, ngowama-2004, amaKristu anenzondelelo angama-30 afumana izabelo zokuba ngoovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana kwiindawo ezisemagqagaleni. Bawuxabisa ngokwenene umzekelo wabazalwana abali-180 abasuka kumazwe angaphandle beze kuba ngoovulindlela, abaveleli beziphaluka, amatshantliziyo asebenza eBheteli okanye abavangeli basemazweni eBolivia. Abavakalisi boBukumkani baseBolivia abali-17 000 baqhubela abantu abanomdla abangama-22 000 izifundo zeBhayibhile.

Kubavuyisa kakhulu aba bazalwana ukwazi ukuba bakhokelwa ngumoya kaYehova. Ngokomzekelo, uRobert noKathy bafumana isabelo sokuba ngabavangeli basemazweni eCamiri. Le yidolophu ekwanti emi phakathi kweenduli eziluhlaza. URobert uthi, “Kubonakala ngathi sifike kanye ngexesha elifanelekileyo. Kwiminyaka emibini abantu abangama-40 baye baba ngabavakalisi beendaba ezilungileyo.”

Inxila Elingumngcakazi Liyaphulaphula

Abantu abaninzi abahlala edolophini bachukunyiswa kukutshintsha kobomi babo bafunda iBhayibhile. Ngokomzekelo, kwiminyaka emine edluleyo, uAriel owayengazazi negama kukunxila wayethe tywa ebhedini. Nakubeni wayedume ngokungcakaza, wayekwezinzulu iingcinga ngamatyala akhe, ngomtshato wakhe onamagingxigingxi, nangokutyeshela abantwana bakhe. Esekwezo ngcinga, kwafika omnye wamaNgqina kaYehova owayeshumayela kwindlu ngendlu. UAriel wayenikel’ ingqalelo njengoko lo mzalwana wayemxelela ngeZibhalo. Wahlala ebhedini yakhe wafunda ngobomi bentsapho obonwabileyo, iParadesi nendlela yokukhonza uThixo. Kamva wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.

Xa babefika eCamiri abavangeli basemazweni, inkosikazi ka-Ariel, uArminda, yayisele ifundelwa, kodwa yayingakufakanga ngqondweni kangako oko. Yathi, “Ndingenza nantoni na enokumbangela ukuba ayeke ukusela. Kodwa andiqondi ukuba ikho enokumyekisa. Ndimncamile.” Noko ke, isifundo seBhayibhile sasibangel’ umdla ngakumbi kunokuba yayicinga. Kwisithuba esingangonyaka, yabhaptizwa, ibe yayishumayela kwintsapho yakowayo. Kungekudala abanye kwizalamane zayo bazinikela kuYehova.

Kwakunzima ukuba uAriel ayeke utywala, icuba nokungcakaza. Izinto zatshintsha mhla wamemela bonke abahlobo bakhe kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Wayezixelele oku: “Kwabangezanga, iyaphela into ebesidibene ngayo. Ndiza kufunda iBhayibhile nabo bezileyo.” Ngaloo ndlela waqalisa ukuqhuba izifundo zeBhayibhile ezithathu. Kwanangaphambi kokuba abe ngumvakalisi, wayefundela isalamane sakhe esabhaptizwa ngaxeshanye naye. UArminda uthi: “Akasenguye laa Ariel ndimaziyo konke konke.”

URobert uthi: “Ukugqibela kwam, abangama-24 kule ntsapho babengaphoswa ziintlanganiso. Abalishumi babhaptiziwe yaye abanye abasibhozo bangabavakalisi abangabhaptizwanga. Nabanye ababebona indlela obutshintshe ngayo ubomi baba baqalisa ukufunda iBhayibhile yaye bayeza nakwiintlanganiso. Inani labezayo ezintlanganisweni liye landa ukususela kwi-100 ukusa kwi-190. Mna noKathy siqhuba izifundo zeBhayibhile ezimalunga nama-30, yaye zonke ziyeza kwiintlanganiso. Siyakuvuyela ukuba lapha.”

Kwiidolophu ezikwanti zaseBolivia kwenzeka inxalenye yoko kwaxelwa kwangaphambili kwiSityhilelo isahluko sesi-7, esithetha ‘ngemini yeNkosi’ apho kuza kube kuhlanganiswa abo baza kusinda kwimbandezelo enkulu. (ISityhilelo 1:10; 7:9-14) Kwimbali yoluntu akuzange kwenzeke ukuba izigidi zabantu abaphuma kwiintlanga zonke zimanyane ekunquleni okuphela koThixo oyinyaniso. Hayi indlela obubangel’ imincili ngayo obu bungqina bubonisa ukuba sele kumbovu ukuba kuzaliseke izithembiso zikaThixo!

[Umfanekiso okwiphepha 9]

UBetty Jackson

[Umfanekiso okwiphepha 9]

UElsie Meynberg

[Umfanekiso okwiphepha 9]

UPamela Moseley

[Umfanekiso okwiphepha 9]

UCharlotte Tomaschafsky, ngasekunene

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Veki nganye intsapho yakwaVaca inyova iibhayisikile zayo iiyure ezintathu iye eHolweni yoBukumkani

[Umfanekiso okwiphepha 10]

UEric noVicky beza kukhonza apho kukho imfuneko engakumbi yabavakalisi boBukumkani

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Abantu abahlala kwiilali ezikufuphi nomlambo iBeni baziphulaphula ngenyameko iindaba ezilungileyo

[Umfanekiso okwiphepha 12]

URobert noKathy bangabavangeli basemazweni eCamiri

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share