Ngaba Ufuna Ukuba Nabahlobo Abalungileyo?
INKOLISO yabantu ifuna ukuba nabahlobo abalungileyo. Ukwabelana ngamava noogxa bakho kubenza bube myoli ubomi bakho. Kodwa ungabafumana njani abahlobo bokwenene? Phantse kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo, uYesu wathi undoqo ukuze ube nolwalamano oluhle nabantu luthando lokungazingci. Wafundisa ukuba: “Kanye njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.” (Luka 6:31) Ngokuqhelekileyo lo mgaqo ubizwa ngokuba Ngumthetho Omkhulu, ubonisa ukuba ukuze ube nabahlobo kufuneka ube ngumntu ongazingciyo nonesisa. Ngamanye amazwi ukuze ube nomhlobo kufuneka ube nobuhlobo. Njani?
Ubuhlobo obusenyongweni akusi bukho njengeqabaka. Ngapha koko, abahlobo asingobantu abaqheleneyo nje kuphela. Ngabantu osondelelene nabo ngokweemvakalelo. Ukwakha nokulondoloza ubuhlobo kufuna umgudu. Ukuba ngumhlobo kuthetha ukuba iintswelo zomhlobo wakho uzibeka kuqala kunezakho. Abahlobo ababi ngobahlobo xa kumnandi nje kuphela kodwa nangamaxesha kaxakeka.
Uya kuba ungumhlobo wokwenene ngakumbi ukuba unceda umntu ofuna uncedo ngokweemvakalelo nangezinye iindlela. IMizekeliso 17:17 ithi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” Maxa wambi, amaqhina obuhlobo omelela ngakumbi kunaweentsapho ezithile. IMizekeliso 18:24 ithi: “Wambi amaqabane ayonakalisana, kodwa kukho umhlobo onamathela ngokusondele ngakumbi kunomntakwenu.” Ngaba ungathanda ukwazi ukuba unokubafumana njani abahlobo abanjalo? Ngaba ungathanda ukuba phakathi kwabantu abaziwa ngokuthandana? (Yohane 13:35) Ukuba kunjalo, amaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo aya kukuvuyela ukukunceda ufumane abahlobo abanjalo.