IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 3/1 iphe. 30-31
  • UYehova Ubakhathalele Abathobekileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Ubakhathalele Abathobekileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Imixholwana
  • Iingenelo Zokuthobeka
  • Uphawu LukaThixo
  • Ukuthobeka KukaYesu Kristu
  • AmaKristu Amele Ahlakulele Ukuthobeka
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 3/1 iphe. 30-31

UYehova Ubakhathalele Abathobekileyo

UYEHOVA ukujonga njengento ebaluleke gqitha ukuthobeka. Nangona uThixo kungekho nto ayityala abantu, kodwa ngenxa yobubele obungasifanelanga ukulungele ukubonisa inceba kwabo bazithobayo kuye ibe uyakholiswa ngabo. Abo babonisa ukuba abakholosanga ngeziqu zabo okanye abazigwagwisi kodwa bafuna ukhokelo lwakhe nokwenza ukuthanda kwakhe. Njengoko umbhali ophefumlelweyo ongumKristu uYakobi esitsho: “UThixo ubachasile abanekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abathobekileyo.”—Yakobi 4:6.

Kwanabo babesenza izinto ezimbi ngaphambili banokuzithoba kuYehova bamcele abenzele inceba, ibe uya kubaphulaphula. Ngokomzekelo, uKumkani uManase walukuhla abemi bakwaYuda nabaseYeresulem “ukuba benze okubi ngakumbi kuneentlanga ezo uYehova wayezibhubhisile phambi koonyana bakaSirayeli.” Sekunjalo, emva kokuba uYehova emvumele ukuba athinjwe ngukumkani waseAsiriya, uManase “waqhubeka ezithoba kakhulu ngenxa kaThixo wookhokho bakhe. Yaye waqhubeka ethandaza Kuye, kangangokuba Yena wasabela kwisibongozo sakhe ibe Yena wakuva ukucela kwakhe ubabalo wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe; wamazi ke uManase uYehova ukuba unguThixo oyinyaniso.” Ngaloo ndlela uManase wafunda ukuthobeka.—2 Kronike 33:9, 12, 13.

Iingenelo Zokuthobeka

Lowo uzithobayo kuThixo unokulindela ukukhokelwa nguThixo. Xa umprofeti uDaniyeli wayethinjwe eBhabhiloni, wafumana ilungelo elikhulu lokutyhilelwa yingelosi umbono ovela kuThixo, kuba wazithoba kuThixo efuna ukhokelo nokuqonda.—Daniyeli 10:12.

Kwelinye icala, abo bazikhukhumalisayo befuna uzuko abayi kuphumelela, njengokuba kwenzekayo kuKumkani u-Uziya wakwaYuda, owazikhukhumalisayo waza ngokungekho mthethweni wenza imisebenzi yababingeleli: “Wathi kamsinya nje akomelela, intliziyo yakhe yaba nekratshi ukusa kwinqanaba lokonakala, kangangokuba wenza ngokungathembeki kuYehova uThixo wakhe wangena etempileni kaYehova ukuba atshise isiqhumiso esibingelelweni sesiqhumiso.” Xa waba nomsindo kubabingeleli kuba bemluleka, wabethwa ngeqhenqa.—2 Kronike 26:16-21.

Ukuthobeka kunokumnceda gqitha ubani xa ejamelene nobunzima. Xa ehlelwa ziintlekele, ukuthobeka kuya kumnceda anyamezele aze aqhubeke ekhonza uThixo. UKumkani uDavide wehlelwa bubunzima obuninzi. UKumkani uSawule wayemzingela njengesaphuli-mthetho. Kodwa akazange amkhalazele uThixo okanye aziphakamise ngaphezu komthanjiswa kaYehova. (1 Samuweli 26:9, 11, 23) Xa wona uYehova ngokukrexeza noBhatshebha waza walulekwa ngokuqatha ngumprofeti kaThixo uNatan, wazithoba kuThixo.—2 Samuweli 12:9-23.

Uphawu LukaThixo

UYehova uThixo ubonisa ukuthobeka ngokuba nenceba nemfesane enkulu kuboni abathobekileyo. Isibakala sokuba ebakhathalele aboni, wanikela nangoNyana wakhe ukuba abe lidini lezono zabantu sibonisa ukuba uthobekile. Ngenxa yobubele obungasifanelanga, wabonisa inceba kwinzala ka-Adam, eyinika ithuba lokufumana ubomi obungunaphakade.—Roma 8:20, 21.

UKumkani uDavide walubona waza waluxabisa olu phawu lukaThixo. Emva kokuba uYehova emhlangule kwiintshaba zakhe, wavuma ingoma: “Uya kundinika ikhaka lakho losindiso, yaye yintobeko yakho endenza ndibe mkhulu.” (2 Samuweli 22:36) Nangona uYehova enobungangamsha yaye ehlala kwawona mazulu aphakamileyo, sekunjalo kunokuthethwa la mazwi ngaye: “Ngubani na onjengoYehova uThixo wethu, yena ohlala phezulu? Uyazithoba ukuze akhangele ezulwini nasemhlabeni, uvusa eluthulini isisweli; uphakamisa ihlwempu eluthuthwini, ukuze alihlalise nezidwangube, nezidwangube zabantu balo.”—INdumiso 113:5-8.

Ukuthobeka KukaYesu Kristu

Xa uYesu Kristu wayelapha emhlabeni, wamisela owona mzekelo mhle wokuba ngumkhonzi kaThixo othobekileyo. Ngobusuku obungaphambi kokufa kwakhe, wabhinqa itawuli waza wahlamba iinyawo zabapostile bakhe abali-12 wazosula, umsebenzi ngokuqhelekileyo owawusenziwa ngabantu abaphantsi namakhoboka. (Yohane 13:2-5, 12-17) Ngaphambili wayebaxelele oku abafundi bakhe: “Nabani na oziphakamisayo uya kuthotywa, yaye nabani na ozithobayo uya kuphakanyiswa.” (Mateyu 23:12) Umpostile uPetros, owayekho ngobo busuku, akazange awulibale loo mzekelo mhle kaYesu ibe kamva wabongoza amanye amaKristu wathi: “Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye . . . Zithobeni, ke ngoko, phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elililo.”—1 Petros 5:5, 6.

Umpostile uPawulos ukhuthaza amaKristu ukuba abe nesimo sengqondo esifana nesikaYesu Kristu; ubhekisela kwisikhundla esiphakamileyo soNyana kaThixo ngaphambi kokuba abe ngumntu xa wayekunye noYise uYehova emazulwini, ngokuzithandela waziqongqotha, ethabatha ubume bekhoboka, waza wafana nabantu. UPawulos wongezelela athi: “Ngaphezu koko, xa [uYesu] wayekwimo yomntu, wazithoba kwada kwasa ekufeni, ewe, ukufa kwisibonda sentuthumbo.” Amazwi kaYesu abonisa umvuzo wokuthobeka angqineka eyinyaniso kwimeko yakhe, njengoko lo mpostile ehlabela mgama esithi: “Ngenxa kanye yesi sizathu uThixo wamphakamisela kwisigxina esongamileyo waza ngobubele wamnika igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama.”—Filipi 2:5-11.

Okubalasele ngakumbi kukuba, nangona ekwisikhundla esiphakame kangako, xa esebenzisa “lonke igunya ezulwini nasemhlabeni” ukuze aphumeze injongo kaThixo ngomhlaba, uKristu uya kube esathobeke ngendlela efanayo ekupheleni kweMinyaka Eliwaka yoLawulo lwakhe. (Mateyu 28:18; 6:10) Ngenxa yoko, iZibhalo zisixelela oku: “Zakuba zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula ke noNyana ngokwakhe azithobe kuLowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.”—1 Korinte 15:28.

AmaKristu Amele Ahlakulele Ukuthobeka

Eluleka amanye amaKristu ukuba anxibe ubuntu ‘obenziwe babutsha ngokomfanekiso waLowo wabudalayo,’ umpostile uPawulos uthi: “Ngako oko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele nabathandwayo, yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo.” (Kolose 3:10, 12) Uphinda awabongoze athi: “Nyamekelanani; musani ukunyamekela izinto eziphakamileyo, kodwa sukelani izinto eziphantsi. Musani ukuba ziingqondi emehlweni enu.”—Roma 12:16.

Ukuthobeka kudala uxolo. Umntu othobekileyo akalwi nabazalwana bakhe abangamaKristu ukuze amisele amalungelo wakhe. Umpostile uPawulos wathi, nangona enenkululeko yokwenza yonk’ into, uya kwenza kuphela izinto ezakhayo, yaye ukuba izinto azenzayo zikhathaza isazela somnye umzalwana, uya kuziyeka.—Roma 14:19-21.

Kukwafuna ukuthobeka ukugcina uxolo ngokusebenzisa isiluleko sikaYesu sokuxolela abanye abasonileyo. (Mateyu 6:12-15) Xa umntu one omnye, kuya kufuneka athobeke ukuze akwazi ukuthobela umyalelo wokuya komnye aze avume ukuba wonile, acele uxolo. (Mateyu 5:23, 24) Okanye xa umntu owoniweyo esiza kuye, luthando nokuthobeka kuphela oluya kumenza avume ukuba wonile aze ngokukhawuleza alungise imicimbi. (Mateyu 18:15) Ukuthobeka ngaloo ndlela kubangela ubani abe noxolo luze lubekho nakwintlangano nto leyo eyodlula lee ukuziva uthotyiwe; kwakhona, uya kuqhubeka esenza izinto ngokuthobeka ngakumbi.

Ukuthobeka kuya kunceda umKristu aneliseke zizinto anazo, ibe kuya kumnceda ahlale onwabile yaye elungelelene. Abo bathobekileyo banokonwaba, nangona basenokuba baye bacinezelwa baze baphathwa kakubi ngabo banekratshi. Banokuthuthuzelwa ngala mazwi: “Funani uYehova, nonke balulamileyo bomhlaba, baqhelisele isigwebo Sakhe. Funani ubulungisa, funani ululamo. Mhlawumbi niya kufihlwa ngemini yomsindo kaYehova.”—Zefaniya 2:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share