Indlela Onokukubethelela Ngayo Ukuthanda UThixo Emntwaneni Wakho
NAMHLANJE kunzima ngokwenene ukuba nolwalamano olusondeleyo noYehova uThixo. (INdumiso 16:8) Njengoko kwaprofetwayo, siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ Abantu abaninzi ‘bathanda iziyolo kunokuba bathande uThixo.’ (2 Timoti 3:1-5) Eneneni, namhlanje kunqabile ukuthanda uThixo ngokunyanisekileyo.
Asinakuyiyekela kumabona-ndenzile into yokuba abantwana bathande uThixo. Sifanele sikubethelele ezintliziyweni zabo ukuthanda uYehova uThixo. Sinokukwenza njani oko?
Masithethe Nabo Ngokukhululekileyo
Ukuze sincede abantwana bethu bathande uThixo, sifanele sibe thina kuqala siyamthanda. (Luka 6:40) IBhayibhile ikubeka ngolu hlobo oku: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke. La mazwi ndikuyalela wona namhlanje amele abe sentliziyweni yakho; uze uwabethelele kunyana wakho.”—Duteronomi 6:4-7.
Sinokwenza ntoni ukuze abantwana bamthande ngeentliziyo zabo zonke uThixo? Okokuqala, simele sazi oko kusezintliziyweni zabo. Emva koko, simele ke nathi sibatyhilele oko kukwezethu iintliziyo.
Xa wayesendleleni eya e-Emawusi nabafundi bakhe ababini, uYesu Kristu waqala ngokubakhuthaza ukuba bathethe ngezinto ezibavuyisayo nezibaxhalabisayo. Emva kokuba eve konke oko babekuthetha, walungisa indlela abacinga ngayo esebenzisa iZibhalo. Kamva bathi: “Bezingavuthi na iintliziyo zethu njengoko ebethetha nathi?” Loo ncoko yayingumzekelo wendlela yokuthetha ngokukhululekileyo. (Luka 24:15-32) Sinokuyazi njani indlela abavakalelwa ngayo abantwana bethu?
Kutshanje, kuye kwabuzwa abazali abathile abanabantwana abasele bekhulile okanye abakwishumi elivisayo nabangumzekelo wokuba nokholo ngokuphathelele lo mba wokuthetha ngokukhululekileyo. Ngokomzekelo, uGlen waseMexico unabantwana abane abasele bekhulile.a Uthi: “Asinto izenzekelayo ukuba abantwana bathethe ngokukhululekileyo nabazali. Mna nomfazi wam sasizibekela bucala izinto ezingabalulekanga ukuze sichithe ixesha nabantwana bethu. Xa babekwishumi elivisayo, sasikhe sichithe ubusuku bonke nabo, sithetha ngayo nantoni na abafuna sithethe ngayo. Naxa sisitya, siphulaphule izinto abazithethayo, sasiye siphawule iingxaki ezithile kwizinto abazicingayo nabazenzayo, size bengaqondanga sizilungise ngobuchule.”
Ukuthetha ngokukhululekileyo kuquka ukuphalaza imbilini yethu. UYesu wathi: “Umntu olungileyo uvelisa okulungileyo kubuncwane obulungileyo bentliziyo yakhe, . . . kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Luka 6:45) UToshiki, onabantwana abathathu abangabalungiseleli bexesha elizeleyo eJapan, uthi: “Ndandihlala ndibaxelela isizathu sokuba ndibe nokholo kuYehova—indlela endakholelwa ngayo ukuba ukho nendlela izinto endityhubele kuzo ebomini ezindiqinisekise ngayo ukuba iBhayibhile iyinyaniso yaye ilolona khokelo ebomini.” UCindy waseMexico, uthi: “Umyeni wam wayesoloko ethandaza nabantwana bethu. Xa besiva indlela azityand’ igila ngayo, babeqonda ukuba uYehova ngumntu wokwenene.
Impembelelo Yomzekelo Wethu
Eyona nto ibaluleke ngaphezu kokuthetha, yindlela esiphila ngayo, kuba yenza abantwana bethu babone enoba siyamthanda kusini na uThixo. Bebona indlela uYesu Kristu awayemthobela ngayo uYehova, abantu baqonda ukuba umthanda ngokunzulu uThixo. UYesu wathi: “Ukuze ihlabathi lazi ukuba ndiyamthanda uBawo, kwananjengoko uBawo endinike umyalelo wokwenza, ndenjenjalo.”—Yohane 14:31.
UGareth, oliNgqina likaYehova eWales, uthi: “Abantwana bethu bamele babone ukuba siyamthanda uYehova ibe sizama ukwenza izinto ngendlela afuna ngayo. Ngokomzekelo, abantwana bam bayazi ukuba ndiyazivuma iimpazamo zam, kuba uThixo ufuna loo nto. Ngenxa yoko, nabo bazeka mzekweni.”
UGreg, waseOstreliya, uthi: “Sasifuna icace ebantwaneni bethu ukuba inyaniso ibalulekile ebomini bethu. Xa siceba ngomsebenzi esiza kuwenza okanye indlela esiza kuzonwabisa ngayo, siqale sijonge ukuba iimbopheleleko zethu njengamaKristu azisayi kuphazamiseka kusini na. Kuyasivuyisa ukubona ukuba intombi yethu eneminyaka eli-19 ubudala yenza okufanayo xa kufikelelwa kumsebenzi wayo wokuba nguvulindlela ongumncedani.”
Ukunceda Abantwana Bethu Bazi UThixo
Asinako ukuthanda okanye sithembe umntu esingamaziyo. Xa wayefuna ukuba amaKristu aseFilipi amthande ngakumbi uYehova, umpostile uPawulos wawabhalela oku: “Ndiqhubeka ndithandazela ukuba uthando lwenu luphuphume ngakumbi nangakumbi lulwazi oluchanileyo nokuqonda okupheleleyo.” (Filipi 1:9) UFalconerio, wasePeru onabantwana abane, uthi: “Ukusoloko ufunda nabo iBhayibhile kuyalomeleza ukholo lwabo. Ndithi ndakungakwenzi oko, ndibone beyeka ukuthanda uThixo.” UGary waseOstreliya uthi: “Ndidla ngokubonisa abantwana bam ubungqina bokuba iziprofeto zeBhayibhile ziyazaliseka. Ndiyabachazela nendlela ekuluncedo ngayo ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Eyona nto isigcina sinokholo olomeleleyo kukungasilibali isifundo seBhayibhile njengentsapho.”
Iintliziyo zabantwana zifikeleleka bhetele xa nikhululekile kwangaxeshanye kukho nocwangco. (Yakobi 3:18) UShawn noPauline baseBritani, abanabantwana abane, bathi: “Xa kuqhutywa isifundo sentsapho, sasikuphepha ukubangxolisa abantwana naxa sibona ukuba bafuna ukungalawuleki. Isifundo sasisiqhuba ngeendlela ezahlukeneyo. Maxa wambi sasiyekela kubo ukuba bakhethe into abathanda sifunde ngayo. Sasisebenzisa iividiyo zentlangano kaYehova. Maxa wambi sasiphinda inxalenye ethile okanye simise ividiyo ukuze sixubushe ngayo.” Omnye umama waseBritani, uKim, uthi: “Isifundo ndisilungiselela ngohlobo lokuba ndibe nemibuzo eza kufikelela iintliziyo zabantwana bam. Siba mnandi kakhulu. Kuyahlekwa konwatywe.”
Ukukhetha Abahlobo
Abantwana bethu banokumthanda ngakumbi uYehova nonqulo oluyinyaniso ukuba basoloko bekunye nabantu abangabahlobo bakaThixo. Akuyondlwan’ iyanetha ukufunela abantwana bethu abantu abafanelekileyo bokuncokola nokudlala. Kodwa simele sikwenze oko! Ngaphezu koko, kungakuhle ukuba abantwana bethu sibadibanise namanye amaNgqina kaYehova akwinkonzo yexesha elizeleyo. Abaninzi abakule nkonzo bancedwe kukunxulumana nabakhonzi bakaThixo abanenzondelelo. Udade owaba ngumvangeli wasemazweni uthi: “Abazali bam babedla ngokumema oovulindlela ukuba beze kutya nathi. Wawungayifuniseli into yokuba bonwabile emsebenzini wabo kangangokuba loo nto yandenza ndafuna ukukhonza uThixo kanye njengabo.”
Kakade ke, abantwana bethu banokuphenjelelwa ngezinto ezilungileyo okanye ezimbi. Noko ke, kufuneka ubuchule ukuze abazali bakwazi ukunceda abantwana babo kwiingozi zonxulumano olubi. (1 Korinte 15:33) Obu buchule buya kukunceda ufundise abantwana ukuba baphephe ukunxulumana nabantu abangamthandiyo uYehova nabangamaziyo. (IMizekeliso 13:20) UShawn, ekuthethwe ngaye ngaphambili, uthi: “Abantwana bethu sabafundisa ukuba basebenzisane nabanye esikolweni, kodwa olo lwalamano luphelele apho. Babesiqonda isizathu sokuba bengenakuba nanxaxheba kwizinto ezingenakuthanani nemfundo yabo okanye kwimidlalo.”
Ukubaluleka Koqeqesho
Xa siqeqesha abantwana bethu ukuba bakwazi ukuncokola ngeenkolelo zabo, oko kuya kubanceda bakuvuyele ukuthetha ngendlela abamthanda ngayo uThixo. UMark waseUnited States uthi: “Sasifuna ukuba oonyana bethu bancokole ngokukhululekileyo ngeenkolelo zabo nanini na, kungekuphela nje xa besentsimini. Ngoko xa sisiya kwiindawo zokuzonwabisa, njengasepakini, elwandle okanye ehlathini, sihamba neeBhayibhile zethu neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni, size sithethe nabantu ngezinto esizikholelwayo. Oonyana bethu bakuthanda gqitha ukushumayela nathi ngale ndlela. Baba nenxaxheba kwiingxubusho esiba nazo baze bathethe ngokholo lwabo.”
Umpostile uYohane owayesele aluphele wanceda abantu abaninzi bamthanda ngakumbi uThixo. Ethetha ngabo wathi: “Andinaluvuyo lungaphezu kolu lokuba ndive ukuba abantwana bam [bokomoya] bahamba enyanisweni.” (3 Yohane 4) Siya kufumana uvuyo olungathethekiyo xa sinceda abantwana bethu bathande uThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Ukuthetha ngokukhululekileyo ngezinto eziphathelele ukholo akwenzeki ngamabona-ndenzile
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Qeqesha abantwana bakho bathethe phandle ngendlela abamthanda ngayo uThixo
[Inkcazelo]
Courtesy of Green Chimneys Farm