Ukoyisa Iingxaki Esihlangabezana Nazo Xa Sihambisa Iindaba Ezilungileyo
ILORI esihamba ngayo ifika kwindawo ekuhlolwa kuyo izithuthi enamagosa axhobileyo angamadoda, abafazi nabantwana abakwishumi elivisayo abamalunga nama-60. Abanye banxibe iimpahla zomkhosi; ukanti abanye bazinxibele nje iimpahla zabo. Uninzi lwabo luphethe oombayimbayi. Kubonakala ngathi bebelinde thina. Balapho ngenxa yezidubedube ezigquba kwelo.
Sihambe iintsuku ezine, sithwele iitoni ezilishumi zoncwadi lweBhayibhile. Siyazibuza enoba siza kuvunyelwa sidlule kusini na. Asizi kubizwa mali bethu? Kuza kusithabatha ixesha elingakanani ukucacisela la majoni ukuba thina asilwi namntu?
Enye indoda ekwakubonakala ukuba iyakuthanda ukudubula, yatsho isithonga emoyeni izama ukusibonisa ukuba yiyo ebamb’ iintambo. Yabona iifowuni zethu yaza yazifuna ngenkani. Kwathi kwakubonakala ngathi siyakrikriza, yasibonisa ngesandla ukuba iya kusinquml’ imiqala, nto leyo eyatsho sacacelwa koko kunokusehlela xa singavumi. Ngenene sayinika.
Singalindelanga elinye ibhinqa elinxibe iimpahla zomkhosi laxhakamfula umbayimbayi walo leza kuthi. Eli bhinqa “lingunobhala,” yaye nalo lalifuna sibe nento esilinika yona. Ubomi bunzima, ngoko umntu waneliswa yiyo nantoni na “ayiphiwayo.” Elinye ijoni lavula itanki yamafutha kule lori sihamba ngayo laza layifunxela kwinkonkxa yalo. Saba nganqanda, suke lasixelela ukuba lithobela nje umyalelo. Akukho nto sasinokuyenza. Sazithembisa ngelokuba alikho elinye eliya kwenza okufanayo.
Ekugqibeleni, savunyelwa ukuba sidlule. Zehla izibilini. Kwakungelula, kodwa sada saqhelana nezi ndawo kuhlolwa kuzo zirhiphul’ izibilini. Phakathi kuka-Aprili 2002 noJanuwari 2004, sehla sinyuka kule ndlela kangangezihlandlo ezili-18 sisuka kwizibuko laseDouala eCameroon sisiya eBangui, elikomkhulu laseCentral African Republic. Olo hambo lweekhilomitha ezili-1 600 luzaliswe ziingozi nezinto ezothusayo.a
UJoseph noEmmanuel, abaqhubi beelori abayihambe kakhulu le ndlela bathi: “Olu hambo lusifundise izinto ezininzi. Ubulumko kukusoloko uthandaza ngokusuk’ entliziyweni uze uzole. Umdumisi wabhala wenjenje: ‘Ndikholosa ngoThixo. Andiyi koyika. Unokundenza ntoni na umntu wasemhlabeni?’ Sizabalazela ukuba nesimo sengqondo esifana nesomdumisi. Siqinisekile ukuba uYehova uyazi ukuba esi sigidimi sethemba sisihambisayo, sifuneka ngokwenene.”—INdumiso 56:11.
Imigudu Yehlabathi Lonke Yokulungiselela Ukutya Kokomoya
Abantu abaninzi kulo mmandla weAfrika bayakuthanda ukuva iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Uncwadi esiluhambisayo lwenzelwe ukwanelisa iintswelo zabo zokomoya. (Mateyu 5:3; 24:14) Ngokufuthi iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseCameroon eDouala ithumela uncwadi kubavakalisi boBukumkani abangama-30 000 kunye nabantu abanomdla abahlala eCameroon nakwamanye amazwe amane aselumelwaneni.
Olu ncwadi sele luhambe umgama omde. Uninzi lwalo lushicilelwe eFinland, eItali, eJamani, eNgilani naseSpeyin. Emva koko luthunyelwa ngenqanawa ukusuka eFransi. Ngokuqhelekileyo, icontainer yoncwadi lweBhayibhile ifika rhoqo emva kweeveki ezimbini kwizibuko laseDouala.
Le container ilayishwa kwilori eya kwiofisi yesebe. Xa ifika noncwadi kwiofisi yesebe, abasebenzi abakwiSebe Lokuthumela Uncwadi balulungelelanisa ngokweendawo olumele luye kuzo. Ukusa iimpapasho kwiindawo ezisemagqagaleni akuyondlwan’ iyanetha. Kodwa le yinxalenye yokusa iindaba ezilungileyo “kwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Isebe lixhomekeke kumatsha-ntliziyo akulungeleyo ukuzincama, ehamba ngeelori kwezo ndlela ziyingozi. Ngaloo ndlela uncwadi lweBhayibhile lusoloko luthunyelwa kwizigidi zabantu abakwinxalenye ekumbindi weAfrika.
Uhambo Oluqhelekileyo
Uncwadi oluya eCameroon, eChad, e-Equatorial Guinea, eGabon, nakwiCentral African Republic luthunyelwa ngelori. Makhe sikhwele kwenye yezi lori sibe kunye nabaqhubi bayo. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho uhleli nabaqhubi, ujongene nohambo olulucelomngeni lweentsuku ezilishumi nangaphezulu.
Bathandathu abaqhubi ohamba nabo. Bamele bomelele, bakwazi kakuhle ukuqhuba ilori, babe nomonde baze banxibe kakuhle. Banxibe isiAfrika okanye ihempe neqhina. Kwixa elidluleyo, amagosa ahlola izinto ezivela ngaphandle athi: “Khawujonge nje indlela ecoceke ngayo le lori kwanendlela abanxibe kakuhle ngayo abaqhubi bayo. Banxibe kanye ngendlela abanxiba ngayo kwiimpapasho zabo.” Okona kubaluleke nangaphezu kwendlela ababonakala ngayo abo baqhubi kukulungela kwabo ukuya naphi na apho bafuneka khona kuba bakhonza abanye.—INdumiso 110:3.
EDouala sisuka ngeyesithandathu kusasa, emva nje kokuphuma kwelanga, ukuze siphephe ukunyakazela kweemoto kwiindlela zale dolophu inezindlu ezithe saa. Emva kokuba siwele ibhulorho ekufutshane neofisi yesebe, sishiya esi sixeko sixakekileyo, sisinga ngasempuma sisiya kwindawo yokuqala esiza kothula kuyo—eYaoundé, elikomkhulu laseCameroon.
Bobathandathu aba baqhubi baya kukubalisela indlela ekunzima ngayo ukuqhuba ilori ethwele iitoni ezilishumi zeencwadi. Kwiintsuku ezintathu zokuqala, indlela intle yaye akukho magingxigingxi kangako nangona kufuneka ingqalelo epheleleyo. Ngequbuliso kutsho izantyalantyala zemvula. Ukususela kwindawo esikuyo siza kuhamba kwindlela yomhlaba. Asiboni kakuhle, indlela imtyibilizi, ngoko kufuneka sithi chu. Kuyarhatyela. Ngoku siyamisa ukuze sifumane into esiwa phantsi kwempumlo size sakugqiba silale iinyawo sizixhome kwidashboard. Obu ke bubomi obuphilwa kwezi ndlela!
Sivuka ngenj’ ixukuxa singen’ endleleni. Omnye umqhubi unikel’ ingqalelo kumagingxigingxi ezo ndlela. Ukhawuleza alumkise xa ilori isondela kakhulu kwimisele esecaleni kwendlela. Abaqhubi bazi kakuhle ukuba, xa ilori inokutshona emseleni, kuya kubathabatha iintsuku ukuyikhupha. Side siye kunqumla imida yeCentral African Republic indlela isenjalo. Kumgama oziikhilomitha ezingama-650 sidlula kwiilali ezineenduli ezintle ezambeswe luhlaza. Abantwana, abantu abadala noomama ababeleke abantwana bawangawangisa izandla njengoko ilori yethu ithe chu kuhle ukudlula kwiilali zabo. Ngenxa yemfazwe yamakhaya, nokunqaba kweemoto ezindleleni, abayeki ukusijonga.
Amava Avuyisayo
Omnye wabaqhubi bezi lori, uJanvier, usixelela ukuba nakubeni ixesha lingabavumeli kangako, bayakwazi ukumisa kwiidolophu ezincinane ukuze baphumle nokuze bahambise uncwadi lweBhayibhile. Uthi: “EBaboua sisoloko sithetha nomnye umsebenzi wasesibhedlele onomdla kwisigidimi soBukumkani, simqhubele isifundo seBhayibhile ixesha nje elifutshane. Ngenye imini ekunye nentsapho yakhe sababonisa ividiyo kaNowa. Ngokukhawuleza nje indlu yakhe yazaliswa ngabahlobo nabamelwane abanomdla ababeze kubukela. Bonke babekhe beva ngoNowa, kodwa ngoku babembukele kumabonwakude. Yayichukumisa ngokwenene indlela ababekuxabisa ngayo oko babekubukele. Emva koko, balungiselela isibhadlalala sesidlo ngenjongo yokubulela, baza basicela ukuba silalise apho. Asizange sikwazi kuba kwakufuneka singen’ endleleni ngoko nangoko kuba kwakusekude ngaphambili, kodwa savuyiswa kukuba siye sakwazi ukwabelana naba bantu bathobekileyo ngeendaba ezilungileyo.”
Omnye umqhubi, uIsrael, ukhumbula izinto ezenzeka kolunye uhambo olusinge eBangui, enye indawo esimisa kuyo. Uthi: “Xa sisondela eBangui sadlula kumaqela ngamaqela amajoni avale indlela. Ngethamsanqa, amajoni amaninzi ayenobuhlobo yaye ayengaqali ukudibana nale lori. Asicela ukuba sihlale nawo, aze athabatha uncwadi lweBhayibhile. Azixabisa gqitha iincwadi kangangokuba azibhala amagama awo, usuku azithabathe ngalo kunye nomntu azifumene kuye. Esinye sezizathu ezazibangela ukuba la majoni abe nobuhlobo kukuba amanye awo ayenezalamane ezingamaNgqina.”
Omnye umqhubi onamava uJoseph ubalisa oko acinga ukuba yimbalasane yezi ndlela—ukufika kwindawo abaya kuyo. Ethetha ngolunye uhambo uthi: “Kwiimayile ezimbalwa ukusuka eBangui, safowunela abazalwana bethu sibaxelela ukuba sele sikufutshane. Bahamba nathi kweso sixeko, besinceda ukuba sizalise amaphepha ayimfuneko. Sathi xa sifika kwiofisi yesebe, baphuma bonke abazalwana baza kusibulisa, besanga nokusanga. Kwafika abazalwana abasuka kumabandla akufutshane beze kuncedisa ekothuleni uncwadi, yaye kwiiyure nje ezimbalwa iibhokisi zeeBhayibhile, iincwadi, iincwadana namaphephancwadi zazisele zifakwe kwindlu olothulelwa kuyo uncwadi.”
UJoseph uhlabela mgama esenjenje: “Maxa wambi kwimithwalo yethu kwakubakho iimpahla, izihlangu nezinto zabantwana ekunikelwe ngazo kubazalwana abahlala kufuphi neDemocratic Republic of Congo. Kwakuvuyisa ngokwenene ukubona imilomo yabazalwana ingavaleki ngumbulelo abanawo ngezi mpahla!”
Emva kokuba sikhe saphumla usuku lonke, sibuyela emva. Ngaphambili silindelwe ziingxaki, kodwa azinakuthelekiswa namava abangel’ umdla esinawo.
Imigama emide, izantyala-ntyala zemvula, iindlela ezimbi, ukugqajukelwa ngamavili nokonakalelwa yilori, zonke ezi zinto ziyaphazamisa. Eyona nto isoloko ilucelomngeni kukudibana namajoni andlongondlongo. Sekunjalo, aba baqhubi beelori bavuyiswa kukuba besisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani kwiindawo ezisemagqagaleni zaseAfrika nokubona imiphumo yazo kubantu abazamkelayo.
Ngokomzekelo, ukusiwa kwezi ncwadi kwamanye amazwe kubangele ukuba omnye umntu ohlala kwindawo esemagqagaleni ekwiCentral African Republic kufuphi nomda waseSudan abe nenguqulelo yakutshanje yeBhayibhile. Umfazi wakhe uhlala efumana IMboniselo entsha yaye abantwana babo bancedwa yincwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu.b Bona kunye nabanye abaninzi abahlala kwezi lali bafumana ukutya kokomoya, ngokufanayo nabazalwana babo abangamaKristu abahlala kwizixeko ezikhulu. Liyinyaniso elokuba oku kubangela ulwaneliseko lokwenene!
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukususela ngelo xesha, kwenziwe lukhulu ukuphucula ezokhuseleko kwindlela ephakathi kweDouala neBangui.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Iimaphu/Umfanekiso okwiphepha 9]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
ECAMEROON
EDouala
KWICENTRAL AFRICAN REPUBLIC
EBangui
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UJoseph
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UEmmanuel
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Isebe elikwiCentral African Republic, eBangui
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Kothulwa umthwalo elorini eBangui