IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 6/15 iphe. 27
  • Ngaba UYesu Wayebhekisela Kwisihogo Somlilo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UYesu Wayebhekisela Kwisihogo Somlilo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni Idike Lomlilo? Ngaba Liyafana Nesihogo Okanye IGehena?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Wafundisa Ntoni UYesu Ngesihogo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Isihogo—Ngaba Siyintuthumbo Kanaphakade Okanye Silingcwaba Eliqhelekileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ukhanyiselo Lweentlanga
    Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 6/15 iphe. 27

Ngaba UYesu Wayebhekisela Kwisihogo Somlilo?

BAMBI abakholelwayo kwisihogo somlilo baxhasa oko ngamazwi kaYesu akuMarko 9:48 (okanye kwiindinyana 44, 46). Wathetha ngendawo eneempethu ezingafiyo nomlilo ongacimiyo. Ukuba kukho umntu okubuza ngaloo mazwi, ungaphendula uthini?

Kuxhomekeka kwinguqulelo yeBhayibhile anayo, loo mntu unokufunda indinyana 44, 46, okanye eyama-48 kuba ezi ndinyana zinamazwi afanayo kwezinye iinguqulelo.a Yona INguqulelo Yehlabathi Elitsha ifundeka ngolu hlobo: “Ukuba iliso lakho liyakukhubekisa, lilahle; kulunge kanye ukuba ungene ebukumkanini bukaThixo uneliso elinye kunokuba uthi unamehlo omabini uphoswe eGehena, apho impethu yabo ingafiyo nomlilo ungacinywayo.”—Marko 9:47, 48.

Nakuba kunjalo, abanye bathi amazwi kaYesu axhasa imbono yokuba emva kokuba befile abangendawo imiphefumlo yabo iqhubeka ibandezeleka ngonaphakade. Ngokomzekelo, iSagrada Biblia yeYunivesithi yaseNavarre eSpeyin ithi: “[Ngala mazwi], iNkosi ibhekisela ekuthuthunjisweni kwasesihogweni. Xa kuthethwa ‘ngempethu engafiyo’ kudla ngokubhekiselwa ekungcungcuthekeni okungapheliyo kwabo basesihogweni; ‘nomlilo ongacimiyo,’ uchazwa njengeentlungu zokohlwaywa emzimbeni.”

Noko ke, khawuthelekise amazwi kaYesu kunye nendinyana yokugqibela yesiprofeto sikaIsaya.b Ngaba alizicacelanga elokuba uYesu wayebhekisela kweso sibhalo sikuIsaya isahluko 66? Kuyabonakala ukuba lo mprofeti ubhekisela ekuphumeni ngaphandle “kweYerusalem ukuya kutsho kwiNtlambo iHinom (iGehena), apho kwakukhe kwabingelelwa khona ngabantu (Yer. 7:31) yaye loo ndawo yaphetha isiba yindawo yokutshisa inkunkuma yeso sixeko.” (iThe Jerome Biblical Commentary] Kucacile ukuba kuIsaya 66:24 akubhekiselwa ekungcungcuthekisweni kwabantu; kodwa kuthethwa ngezidumbu. Izinto ekuthiwa azifi ziimpethu—kungekhona abantu abaphilayo okanye imiphefumlo engafiyo. Yintoni kanye abhekisela kuyo amazwi kaYesu?

Phawula indlela incwadi yamaKatolika iEl evangelio de Marcos. Análisis lingüístico y comentario exegético, Umqulu II ethetha ngayo ngoMarko 9:48: “Eli binzana lithatyathwe kuIsaya (66,24). Apho umprofeti uchaza indlela ezimbini ezazidla ngokutshatyalaliswa ngazo izidumbu: ukuziyeka zibole nokuzitshisa . . . Ukubhekisela kwiimpethu nomlilo kubethelela intshabalalo. . . . Zombini ezi zinto zitshabalalisayo zichazwa njengezingapheliyo (‘azigqitywa, azifi’): ayikho nje kwaphela indlela yokuziphepha. Kule nkcazelo, ekuphela kwezinto ezisindayo yimpethu nomlilo—kungekhona umntu—ibe zombini zitshabalalisa nantoni na ephambi konyawo. Ngenxa yoko, oku akubhekiseli kwintuthumbo kanaphakade, kodwa kubhekisela kwintshabalalo epheleleyo, njengoko bengenakuvuswa abayifumanayo, ngaphandle nje kokufa ngonaphakade. Ngoko ke, [umlilo] ufuzisela intshabalalo.”

Nabani na owaziyo ukuba uThixo oyinyaniso uluthando yaye usesikweni umele ayibone indlela ekusengqiqweni ngayo ukuwaqonda ngaloo ndlela amazwi kaYesu. Wayengathi abangendawo baya kuthuthunjiswa ngonaphakade. Kodwa wayesithi basengozini yokutshatyalaliswa ngokupheleleyo baze bangavuswa.

[Imibhalo esemazantsi]

a Eyona mibhalo-ngqangi yeBhayibhile inokuthenjwa ayinayo indinyana 44 neyama-46. Abaphengululi bathi kusenokwenzeka ukuba ezi ndinyana zimbini zongezelelwa kamva. UNjingalwazi Archibald T. Robertson uthi: “Eyona mibhalo-ngqangi midala nesemagqabini ayinazo ezi ndinyana zimbini. Zavela xa kwakusahlulahlulwa imibhalo-ngqangi yaseNtshona neyaseSiriya (eByzantine). Zikukuphindaphindwa nje kwendinyana 48. Ngenxa yoko siyazishiya ezi ndinyana zimbini kuba azichananga.”

b “Okunene baya kuphuma baze bakhangele kwizidumbu zamadoda anxaxhileyo kum; kuba zona kanye iimpethu ezikuwo aziyi kufa nomlilo wabo awuyi kucima, yaye bamele babe yinto elizothe kwinyama yonke.”—Isa. 66:24.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share