Lixesha Lokukhetha
“UThixo wamdala umntu ngokomfanekiso wakhe, wamdala ngokomfanekiso kaThixo; wadala indoda nebhinqa.”—Genesis 1:27.
LOO mazwi adumileyo ayinxalenye yengabula zigcawu yeBhayibhile, atshayelela into ezuke ngokwenene uThixo ‘ayenze yantle ngexesha layo’—ukudala indoda nomfazi bokuqala abafezekileyo, uAdam noEva. (INtshumayeli 3:11) UMdali wabo uYehova uThixo wathi kubo: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise, nibe nobukhosi kwiintlanzi zolwandle nakwizidalwa eziphaphazelayo emazulwini nakuzo zonke izidalwa eziphilayo ezinambuzelayo emhlabeni.”—Genesis 1:28.
Ngaloo mazwi uThixo wasixelela injongo yakhe isibini sokuqala. Sasifanele siqhame sande size sinyamekele umhlaba, siwenze ube yiparadesi eyayiza kuba likhaya laso kunye nabantwana baso. Ubomi baso babungamiselwanga mda. Kunoko uThixo wabeka ikamva eliqaqambileyo phambi kwaso. Ukuba babenokukhetha ukuthobela uThixo babeza kuphila ngonaphakade benoxolo nolonwabo.
Benza ukhetho lobudenge, ngenxa yoko bonke abantu bayaluphala baze bafe. Yiloo nto kanye eyathethwa ngusolusapho uYobhi xa wathi: “Umntu, ozelwe ngumfazi, unobomi obufutshane obuzele kukuphazamiseka.” (Yobhi 14:1) Yapatyalaka xa kuphi ibhobhile?
IBhayibhile iyasixelela: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Loo “mntu mnye” kuthethwa ngaye yayinguAdam owawaphula ngobom umthetho kaThixo owawulula yaye ucacile. (Genesis 2:17) Ngenxa yokhetho awalwenzayo, uAdam waphulukana nethuba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. Walahla nelifa elizukileyo labantwana bakhe waza wabosulela ngesiqalekiso sesono nokufa. Kwaba ngathi yonke injongo kaThixo iphanzile—ngaba kwakuza kuba njalo nyhani?
Ixesha Lokuba Zonke Izinto Zenziwe Ntsha
Emva kwamawaka eminyaka umdumisi waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) ILizwi likaThxo lisiqinisekisa ukuba isithembiso esenziwa nguThixo e-Eden siya kuzaliseka nakanjani lisithi: “Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” Yaye uThixo ngokwakhe uthi: “Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.”—ISityhilelo 21:4, 5.
Ekubeni yonke into inexesha layo, umbuzo esifanele sizibuze wona ngowokuba, Liya kufika nini elo xesha lokwenziwa ntsha kwezinto, ukuze izithembiso zikaThixo zizaliseke? Abapapashi beli phephancwadi, amaNgqina kaYehova, bebesoloko behlaba ikhwelo belumkisa abantu esithi siphila kwixesha iBhayibhile elibiza ngokuba ‘yimihla yokugqibela’ nokuthi lisondele ixesha lokuba uThixo azenze ntsha zonke izinto. (2 Timoti 3:1) Siyakubongoza ukuba ufunde eBhayibhileni ngezithembiso zekamva elizukileyo onokuzixhamla nawe. Kwakhona sithi yamkela esi simemo: “Funani uYehova ngoxa esenokufunyanwa. Mbizeni ngoxa esekufuphi.” (Isaya 55:6) Kunokuba uphile ngamabona ndenzile ubomi bakho namathemba kanaphakade aya kuxhomekeka kuwe!
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
“Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha”