Yiba Nesabelo Ngokuzeleyo Kumsebenzi Omkhulu Wokuvuna
‘Yibani nokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’—1 KOR. 15:58.
1. UYesu wakhuthaza abafundi bakhe ukuba benze ntoni?
NGASEKUPHELENI kowama-30 C.E, xa wayehamba kummandla waseSamariya, uYesu waphumla kwiqula elikufuphi nedolophu yaseSikare. Wathi kubafundi bakhe: “Phakamisani amehlo enu nize nibone amasimi, ukuba amhlophe ukuze kuvunwe.” (Yoh. 4:35) UYesu wayengabhekiseli kwisivuno sokoqobo, kunoko wayethetha ngokuhlanganiswa kwabantu abaneentliziyo ezilungileyo ababeza kuba ngabalandeli bakhe. Eneneni, wayekhuthaza abafundi bakhe ukuba babe nesabelo kulo msebenzi wokuvuna. Umsebenzi wawumninzi kakhulu yaye ixesha lokuwenza lalilincinane.
2, 3. (a) Yintoni ebonisa ukuba siphila kwixesha lesivuno? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kweli nqaku?
2 Amazwi kaYesu athetha ngokuvuna anentsingiselo ekhethekileyo namhlanje. Siphila kwixesha laxa intsimi yehlabathi engabantu ‘imhlophe ukuba ivunwe.’ Nyaka ngamnye, abantu abazizigidi bayamenywa ukuba bafunde ngenyaniso enika ubomi yaye kubhaptizwa abafundi abatsha abangamawakawaka. Sinelungelo lokuba nenxaxheba kwesi sivuno sikhulu, esalathiswa yiNkosi yesivuno, uYehova uThixo. Ngaba ‘unokuninzi kokwenza’ kulo msebenzi wokuvuna?—1 Kor. 15:58.
3 Kubulungiseleli bakhe beminyaka emithathu enesiqingatha, uYesu wanceda abafundi bakhe bakulungela ukuba ngabasebenzi besivuno. Kweli nqaku, siza kufunda ngezinto ezintathu eziphakathi kwezinto ezininzi ezibalulekileyo uYesu awazifundisa abafundi bakhe. Sifundo ngasinye siza kubalaselisa uphawu esifanele sibe nalo njengoko sizama ukwenza okusemandleni ethu kumsebenzi wokuhlanganisa abafundi namhlanje. Makhe sihlolisise phawu ngalunye.
Ukuthobeka Kubalulekile
4. Nguwuphi umzekelo owenziwa nguYesu ukuze abethelele ukubaluleka kokuthobeka?
4 Yiba nalo mfanekiso-ngqondweni: Abafundi basandul’ ukuphikisana ngoyena mkhulu phakathi kwabo. Kusenokwenzeka ukuba kwakubonakala kwalapha ebusweni ukungathembani nengqumbo. Ngoko uYesu wabiza umntwana waza wammisa phambi kwabo. Ethetha ngalo mntwana, wathi: “Nabani na othe wazithoba [okanye, “ozigqala njengomncinane,” ngokweByington] njengalo mntwana uselula nguye ongoyena mkhulu ebukumkanini bamazulu.” (Funda uMateyu 18:1-4.) Kunokuba bacinge njengehlabathi, eligqala umntu onegunya, ubutyebi nesikhundla esiphakamileyo njengobalulekileyo, abafundi babefanele baqonde ukuba ubukhulu babo buxhomekeke ‘ekuzigqaleni njengabancinane’ kwabanye. UYehova wayeza kubasikelela aze abasebenzise kuphela xa bebonakalisa ukuthobeka.
5, 6. Kutheni ufanele uthobeke ukuze ube nesabelo ngokuzeleyo kumsebenzi wokuvuna? Yenza umzekelo.
5 Namhlanje, abantu abaninzi ehlabathini bachitha ixesha labo lonke besukela ukuba negunya, ubutyebi nesikhundla. Ngenxa yoko, abanalo ixesha elaneleyo lezinto zokomoya. (Mat. 13:22) Ngokwahlukileyo koko, abantu bakaYehova bayakuvuyela ‘ukuzigqala bebancinane’ kunabanye ukuze basikelelwe baze bakholise iNkosi yesivuno.—Mat. 6:24; 2 Kor. 11:7; Fil. 3:8.
6 Cinga ngomzekelo kaFrancisco, ongumdala eMzantsi Merika. Xa wayeselula, wayeka phakathi eyunivesithi ukuze abe nguvulindlela. Uthi: “Xa ndandilungiselela ukutshata, ndavulekelwa lithuba lokufumana umsebenzi owawuza kundihlawula imali eninzi ukuze ndiphile kamnandi nomfazi wam. Kunoko, sagqiba kwelokuba siphile ubomi obulula ukuze siqhubeke nenkonzo yexesha elizeleyo. Kamva, saba nabantwana yaye neengxaki zanda. Kodwa uYehova wasinceda sabambelela kwisigqibo sethu.” UFrancisco uqukumbela ngelithi: “Ndiye ndanandipha ilungelo lokuba ngumdala iminyaka engaphezu kwama-30 kuquka ezinye izabelo. Asizisoli nakancinane ngesigqibo esasenzayo sokuphila ubomi obulula.”
7. Uye wazama njani ukusebenzisa isiluleko esikweyabaseRoma 12:16?
7 Nawe unokunandipha iintsikelelo namalungelo angakumbi xa ‘usukela izinto eziphantsi’ endaweni yokuzixakekisa ‘ngezinto eziphakamileyo’ zeli hlabathi.—Roma 12:16; Mat. 4:19, 20; Luka 18:28-30.
Ukukhuthala Kunomvuzo
8, 9. (a) Shwankathela umzekeliso kaYesu weetalente. (b) Ngoobani abanokukhuthazwa ngulo mzekeliso ngokukhethekileyo?
8 Olunye lweempawu esifanele sibe nazo ukuze sibe nenxaxheba epheleleyo kumsebenzi wokuvuna, yinkuthalo. Ukuze acacise oku, uYesu wenza umzekeliso weetalente.a Lo mzekeliso uthetha ngendoda eyanika amakhoboka ayo amathathu impahla yayo ngaphambi kokuba ihambele kwenye indawo. Ikhoboka lokuqala lafumana iitalente ezintlanu laza elesibini lafumana ezimbini; elesithathu lafumana italente enye. Emva kokumka kwenkosi yawo, amakhoboka amabini okuqala ngoko nangoko asebenza ngenkuthalo ‘ashishina’ ngeetalente zawo. Ngokwahlukileyo, ikhoboka lesithathu ‘lalidangele.’ Layifihla emhlabeni italente yalo. Ekubuyeni kwayo le ndoda, yawavuza amakhoboka ayo amabini ngokuwamisela “phezu kwezinto ezininzi.” Yayithabatha italente eyayiyinike ikhoboka lesithathu yaza yaligxotha endlwini yayo.—Mat. 25:14-30.
9 Ngokungathandabuzekiyo unomnqweno wokuxelisa amakhoboka uYesu athetha ngawo kumzekeliso wakhe, uze ube nenxaxheba kumsebenzi wokwenza abafundi. Kodwa kuthekani ukuba iimeko azivumi ukuba wenze izinto ngendlela obungathanda ngayo? Mhlawumbi ngenxa yemeko yezoqoqosho kunyanzelekile ukuba usebenze iiyure ezininzi ukuze unyamekele intsapho yakho. Okanye awusenawo amandla owawunawo xa wawusemtsha nempilo ayivumi. Ukuba kunjalo, lo mzekeliso weetalente unokukukhuthaza.
10. Inkosi ekumzekeliso weetalente yabonisa njani ukuba iyakuqonda ukulinganiselwa kwamakhoboka ayo, yaye kutheni oku kukukhuthaza?
10 Phawula ukuba inkosi ekulo mzekeliso yayiyiqonda into yokuba amakhoboka ayo anamandla angalinganiyo. Ubungqina boku, bubonakala kwindlela eyazaba ngayo iitalente, yanika “ngalinye ngokwamandla alo.” (Mat. 25:15) Njengoko kwakulindelekile, ikhoboka lokuqala leza neetalente ezininzi kunezekhoboka lesibini. Noko ke, inkosi yabonisa uxabiso ngomgudu owenziwa ngala makhoboka mabini ngoba yawabiza ngokuba ngamakhoboka ‘alungileyo nathembekileyo’ yaza yawanika umvuzo ofanayo. (Mat. 25:21, 23) Ngokufanayo, uYehova uThixo oyiNkosi yesivuno, uyazi ukuba inkonzo oyinikelayo ixhomekeke kwiimeko zakho. Uyayixabisa imigudu yakho yokumkhonza ngomphefumlo uphela yaye uya kukuvuza.—Marko 14:3-9; funda uLuka 21:1-4.
11. Yenza umzekelo obonisa indlela okunokuba nomvuzo ngayo ukukhuthala phantsi kweemeko ezinzima.
11 Umzekelo kaSelmira, ongumKristu waseBrazil, ubonisa ukuba asinakukhuthala enkonzweni kaThixo kuphela xa izinto zisihambela kakuhle ebomini. Kwiminyaka engama-20 eyadlulayo, umyeni kaSelmira wadutyulwa ngabaphangi bambulala, emva koko kwafuneka akhulise abantwana abathathu yedwa. Kuba wayesebenza emakhitshini wayesebenza iiyure ezininzi ehamba imigama emide ngezithuthi ezizele qhu. Nangona kwakunzima kangako, wenza uhlengahlengiso ukuze akwazi ukukhonza njengovulindlela othe ngxi. Kamva abantwana bakhe ababini nabo baba ngoovulindlela. Uthi: “Kuyo yonke le minyaka, ndiye ndafundela abantu abangaphezu kwama-20 iBhayibhile yaye baye baba ngamalungu ‘entsapho’ yam. Basengabahlobo bam endibathandayo nangoku. Obo butyebi abunakuthengwa ngemali.” Ngokuqinisekileyo iNkosi yesivuno iye yamvuza uSelmira ngemigudu yakhe yenkuthalo!
12. Sinokubonisa njani ukuba siwukhuthalele umsebenzi wokushumayela?
12 Ukuba iimeko zakho zenza ube nexesha elincinane lokushumayela, unokuyandisa inkonzo yakho ngokuphucula ubulungiseleli bakho. Xa uwasebenzisa amacebiso esiwafumana kwiNtlanganiso yeNkonzo veki nganye, uya kubuphucula ubuchule bakho bokushumayela uze uzame neendlela ezahlukahlukeneyo zokunikela ubungqina. (2 Tim. 2:15) Kwakhona, ukuba kunokwenzeka usenokuhlengahlengisa iimeko zakho okanye uncame izinto ezingabalulekanga kangako ukuze uxhase amalungiselelo entsimi yebandla.—Kol. 4:5.
13. Yintoni enokusinceda ukuze sihlale sikhuthele?
13 Khumbula ukuba, xa sinoxabiso siya kukhuthala. (INdu. 40:8) Ikhoboka lesithathu elikumzekeliso kaYesu lalisoyika inkosi yalo, liyigqala njengomntu ongqwabalala nongenaluvelwano. Ngenxa yoko, kunokuba yandise impahla yenkosi yayo, le ndoda yayifihla italente yayo. Ukuze siphephe ukungabi nankathalo, kufuneka sibe nobuhlobo obusondeleyo noYehova, iNkosi yesivuno. Zibekele ixesha lokufunda nokucamngca ngeempawu zakhe ezintle—uthando, umonde nenceba. Loo nto iya kukubangela ukuba wenze okungakumbi enkonzweni yakhe.—Luka 6:45; Fil. 1:9-11.
“Nimele Nibe Ngcwele”
14. Yintoni elindelekileyo kwabo bafuna ukuba ngabavuni?
14 Ecaphula kwiZibhalo zesiHebhere, umpostile uPetros uchaza injongo kaThixo ngabakhonzi bakhe abasemhlabeni, esithi: “Ngokuvumelana naLowo Ungcwele wanibizayo, yibani ngcwele nani kuyo yonke ihambo yenu, ngenxa yokuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Nimele nibe ngcwele, ngenxa yokuba ndingcwele mna.’” (1 Pet. 1:15, 16; Lev. 19:2; Dut. 18:13) La mazwi abonisa ukuba abavuni bafanele bacoceke ngokokuziphatha nangokomoya. Ukuze sicocwe ngokomfuziselo, kufuneka sithabathe amanyathelo anokusinceda sicoceke. Yintoni enokusinceda? Sinokuncedwa lilizwi likaThixo eliyinyaniso.
15. Yintoni ilizwi likaThixo elinamandla okuyenza?
15 Ilizwi likaThixo lifaniswa namanzi acocayo. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wathi ibandla lamaKristu athanjisiweyo licocekile emehlweni kaThixo, njengomtshakazi kaKristu, owalicoca “ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi . . . , ukuze libe ngcwele yaye lingabi nasiphako.” (Efe. 5:25-27) Ngaphambilana, noYesu wathetha ngelizwi likaThixo elinamandla okucoca. Xa wayethetha nabafundi bakhe, uYesu wathi: “Nina senihlambulukile ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni.” (Yoh. 15:3) Ngenxa yoko ilizwi likaThixo eliyinyaniso linamandla okucoca ngokokuziphatha nangokomoya. Xa sivumela ilizwi likaThixo lisicoce ngale ndlela, unqulo lwethu luya kwamkeleka kuye.
16. Yintoni esinokuyenza ukuze sizigcine sicocekile ngokomoya nangokokuziphatha?
16 Ngenxa yoko, ukuze sikwazi ukusebenza esivunweni sikaThixo, sifanele siyeke izinto eziya kusenza sidyobheke ngokokuziphatha nangokomoya. Ukuze siqhubeke silifanelekela eli lungelo lokuba ngabavuni, sifanele sibe ngumzekelo ekugcineni imilinganiselo kaYehova ephakamileyo yokuziphatha. (Funda eyoku-1 kaPetros 1:14-16.) Kanye njengokuba sihlala siyinyamekela imizimba yethu ukuze ihlale icocekile, simele sivumele ilizwi likaThixo eliyinyaniso ukuba lihlale lisicoca. Sifanele sifunde iBhayibhile siye nakwiintlanganiso zamaKristu. Sifanele senze nomgudu wokusebenzisa izikhumbuzo zikaThixo ebomini bethu. Xa sisenjenjalo, siya kukwazi ukoyisa utyekelo lwethu lwesono nempembelelo yeli hlabathi eyonakalisayo. (INdu. 119:9; Yak. 1:21-25) Kuyathuthuzela ukwazi ukuba ilizwi likaThixo eliyinyaniso linokusinceda ‘sihlanjwe sihlambuluke’ nakwezona zono zinzulu!—1 Kor. 6:9-11.
17. Ukuze sihlale sicocekile, sisiphi isiluleko seBhayibhile esifanele sisithobele?
17 Ngaba uyavuma ukucocwa lilizwi likaThixo eliyinyaniso? Ngokomzekelo, usabela njani xa ulunyukiswa ngeengozi zendlela zokuzonwabisa zeli hlabathi? (INdu. 101:3) Ngaba uyakuphepha ukuchitha ixesha elininzi ngokungeyomfuneko nabantu abangakholwayo ofunda nabo okanye osebenza nabo? (1 Kor. 15:33) Ngaba uwenza ngokunyanisekileyo umgudu wokulwisana nobuthathaka obunokukwenza ube ngongahlambulukanga phambi koYehova? (Kol. 3:5) Ngaba uhambela kude neempikiswano zezopolitiko nomoya wobuzwe okhoyo kukhuphiswano lwezemidlalo?—Yak. 4:4.
18. Ukucoceka ngokokuziphatha nangokomoya kuya kusinceda njani ukuze sibe ngabasebenzi besivuno abanemveliso?
18 Ukuthobela kwakho ngokunyanisekileyo kwezi nkalo, kuya kukuzisela umvuzo. Efanisa abafundi bakhe abathanjisiweyo namasebe omdiliya, uYesu wathi: “Onke amasebe akum angathwali siqhamo [uBawo] uyawasusa, yaye onke lawo athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo esingakumbi.” (Yoh. 15:2) Njengoko uzithoba kumanzi enyaniso yeBhayibhile acocayo, uya kuthwala isiqhamo esingakumbi.
Sinokulindela Iintsikelelo Ngoku Nakwixesha Elizayo
19. Basikelelwa njani abafundi bakaYesu ngemigudu yabo kumsebenzi wokuvuna?
19 Abafundi abathembekileyo abalwamkelayo uqeqesho oluvela kuYesu bafumana amandla omoya oyingcwele ngePentekoste yowama-33 C.E. ukuze babe ngamangqina “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8) Baqhubeka bekhonza njengamalungu equmrhu elilawulayo, njengabathunywa bevangeli, njengabadala abahambahambayo yaye baba nendima enkulu kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.” (Kol. 1:23) Bafumana iintsikelelo ezininzi yaye baba ngumthombo wovuyo kwabaninzi!
20. (a) Ziziphi iintsikelelo oye wazifumana ngokuba nesabelo ngokuzeleyo kumsebenzi wokuvuna? (b) Yintoni ozimisele ukuyenza?
20 Xa sithobekile, sikhuthele yaye sigcina imilinganiselo yeLizwi likaThixo, siya kukunandipha ukuba nenxaxheba kumsebenzi omkhulu wokuvuna oqhubekayo ngoku. Ngoxa abaninzi benxunguphele yaye bexakanisekile ngenxa yokusukela izinto eziphathekayo nolonwabo, sifumana uvuyo nolwaneliseko lokwenene. (INdu. 126:6) Eyona nto ibaluleke ngakumbi kukuba, ‘ukusebenza kwethu akulolize eNkosini.’ (1 Kor. 15:58) INkosi yesivuno, uYehova uThixo, iya kusivuza ngonaphakade ‘ngomsebenzi wethu nothando esilubonisayo ngegama layo.’—Heb. 6:10-12.
[Umbhalo osemazantsi]
a Umzekeliso weetalente ngokuyintloko ubhekisela kwindlela uYesu asebenzisana ngayo nabafundi bakhe abathanjisiweyo kodwa imigaqo efumaneka kulo mzekeliso iyasebenza kuwo onke amaKristu.
Ngaba Usakhumbula?
Njengoko uzabalazela ukuba nesabelo ngokuzeleyo kumsebenzi wokuvuna . . .
• kutheni kubalulekile ukuba uthobeke?
• yintoni onokuyenza ukuze uhlale ukhuthele?
• kutheni kubalulekile ukuba uhlale ucocekile ngokokuziphatha nangokomoya?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ukuthobeka kunokusinceda siphile ubomi obulula size sinikele ingqalelo kwizilangazelelo zoBukumkani