Ngaba Ubusazi?
Wayecinga ngantoni umpostile uPawulos xa wayethetha “ngomngcelele woloyiso”?
▪ UPawulos wabhala wathi: ‘UThixo . . . usikhokela kumngcelele woloyiso kunye noKristu, nolibonakalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe kuyo yonk’ indawo! Kuba kuThixo silivumba elimnandi likaKristu phakathi kwabo basindiswayo naphakathi kwabo batshabalalayo; kwabo batshabalalayo silivumba lokufa elisa ekufeni, kwabo basindiswayo silivumba lobomi elisa ebomini.’—2 Korinte 2:14-16.
Umpostile wayecinga ngomngcelele owawudla ngokwenziwa xa kuwongwa injengele yaseRoma eyoyise iintshaba zikaRhulumente. Ngezo zihlandlo, kwakuboniswa ngezinto ezithinjiweyo kunye namabanjwa emfazwe esidlangalaleni kuze kusiwe iinkomo ezingamaduna esibingelelweni ngoxa injengele eyoyisileyo nomkhosi wayo babesenzelwa isihomo. Ekupheleni kwaloo mngcelele, kwakubingelelwa ngeenkomo yaye kusenokwenzeka ukuba amabanjwa amaninzi ayebulawa.
I-International Standard Bible Encyclopedia ithi isaci esithi “ivumba elimnandi likaKristu” esifuzisela ubomi kwabanye ngoxa sifuzisela ukufa kwabanye sifanele ukuba “sivela kumkhwa wamaRoma wokutshisa isiqhumiso endleleni yomngcelele. Ivumba elalithetha uloyiso kwabo boyisileyo lifanele ukuba lalikhumbuza abathinjwa ukuba babeza kubulawa.”a
Yintoni “iindawo eziphakamileyo” ekudla ngokuthethwa ngazo kwiZibhalo zesiHebhere?
▪ Xa amaSirayeli ayeza kungena kwiLizwe leSithembiso, uYehova wawaxelela ukuba azitshabalalise zonke iindawo zonqulo zamaKanana awayehlala apho. UThixo wathi: “Nimele . . . niyitshabalalise yonke imifanekiso yabo yamatye, nemifanekiso yabo yonke etyhidiweyo niyitshabalalise, nazo zonke iindawo zabo eziphakamileyo ezingcwele nize nizitshabalalise.” (Numeri 33:52) Mhlawumbi ezo zazulu zonqulo lobuxoki zaziphezu kweenduli okanye zazingamaqonga aphakamileyo awayekwiindawo ezahlukeneyo njengaphantsi kwemithi okanye ezixekweni. (1 Kumkani 14:23; 2 Kumkani 17:29; Hezekile 6:3) Mhlawumbi zazinezibingelelo, iintsika okanye izibonda ezingcwele, imifanekiso, iindawo zokuqhumisa nobunye ubucukubhede obunxibelelene nonqulo.
Ngaphambi kokuba kwakhiwe itempile kaYehova eYerusalem, amaSirayeli ayenqula uYehova kwiindawo ezikhethwe nguye ezibizwa ngokuba ziindawo eziphakamileyo eZibhalweni. Umprofeti kaThixo uSamuweli wayesenza imibingelelo ‘kwindawo ephakamileyo’ kwisixeko esingachazwanga kummandla waseZufa. (1 Samuweli 9:11-14) Noko ke, ookumkani abaliqela ababethembekile kuYehova bazama ukuzibhangisa “iindawo eziphakamileyo” isakwakhiwa itempile.—2 Kumkani 21:3; 23:5-8, 15-20; 2 Kronike 17:1, 6.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane intsingiselo yokomoya yalo mzekeliso kaPawulos, funda Imboniselo, kaNovemba 15, 1990, iphepha 27.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Umfanekiso womngcelele woloyiso wamaRoma wenkulungwane yesibini yexesha eliqhelekileyo
[Inkcazelo]
Photograph taken by courtesy of the British Museum
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Amabhodlo eentsika ezingcwele zaseGezer