Imibuzo Evela Kubafundi
Xa uYesu Kristu wathuma abapostile bakhe abali-12 ukuya kushumayela, ngaba wathi mabaphathe imisimelelo baze banxibe iimbadada?
Bambi bathi iingxelo zeVangeli ezintathu ezithetha ngokuthuma kukaYesu abapostile bakhe ziyaphikisana. Noko ke, xa sinokuthelekisa ezi ngxelo siya kufikelela kwisigqibo esibangel’ umdla. Okokuqala, thelekisa oko kwabhalwa nguMarko noko kwabhalwa nguLuka. Ingxelo kaMarko ithi: “[UYesu] wabanika imiyalelo yokuba bangaphathi nto kolo hambo ngaphandle komsimelelo wodwa, kungabikho sonka, kungabikho ngxowa yakutya, kungabikho mali yobhedu kwiinxili zemibhinqo yabo, kodwa babophe iimbadada, yaye banganxibi zambatho zangaphantsi ezibini.” (Marko 6:7-9) Ingxelo kaLuka ithi: “Ningaphathi nto kolo hambo, namsimelelo nangxowa yakutya, nasonka namali yesilivere; ningabi nazambatho zangaphantsi ngazibini.” (Luka 9:1-3) Kubonakala ngathi kukho ukuphikisana okukhoyo. Ngokutsho kwengxelo kaMarko, aba bapostile baxelelwa ukuba baphathe umsimelelo baze babophe iimbadada, kodwa ingxelo kaLuka ithi babengafanele baphathe nto, nkqu nomsimelelo. Ngokungafaniyo noMarko, uLuka akazange athethe nto ngeembadada.
Ukuze uqonde eyona nto yayithethwa nguYesu ngesi sihlandlo, phawula ibinzana elisetyenziswe kuzo zontathu ezi ncwadi zeVangeli. Kwiingxelo ezicatshulwe ngasentla kuquka naleyo ikuMateyu 10:5-10, aba bapostile baxelelwa ukuba banganxibi okanye babe ‘nezambatho zangaphantsi ezibini.’ Kusenokwenzeka ukuba, mpostile ngamnye wayenxibe isambatho sangaphantsi esinye. Ngoko kwakungafanele bazifunele esinye ababeza kusinxiba kolu hambo. Ngokufanayo, babenxibe iimbadada. UMarko ubalaselisa imfuneko yokuba “babophe iimbadada,” ababesele bezinxibile kakade. Kuthekani ngemisimelelo? IThe Jewish Encyclopedia ithi: “Kubonakala ngathi ukuphatha umsimelelo nako kwakusisithethe esiqhelekileyo kumaHebhere amandulo.” (Gen. 32:10) UMarko wakhankanya into yokuba abapostile babefanele “bangaphathi nto kolo hambo” ngaphandle kwemisimelelo ababesele beyiphethe xa uYesu wayebanika lo myalelo. Ngenxa yoko, ababhali beencwadi zeVangeli babegxininisa umyalelo kaYesu wokuba bangalibazisi ngokuya kuzifunela ezinye izinto ezongezelelekileyo ababeza kuziphatha kolo hambo.
Le ngongoma ibalaseliswa ngakumbi nguMateyu, owawuvayo lo myalelo kaYesu waza wawubhala. UYesu wathi: “Ningafumaneli iinxili zemibhinqo yenu igolide okanye isilivere okanye ubhedu, okanye ingxowa yokutya yohambo, okanye izambatho zangaphantsi ezibini, okanye iimbadada okanye umsimelelo; kuba umsebénzi ufanelwe kukutya kwakhe.” (Mat. 10:9, 10) Kuthekani ngeembadada abapostile ababezinxibile nemisimelelo ababeyiphethe? UYesu wayesithi mabangazifumaneli ezo zinto, kodwa wayengathi mabazilahle ezo sele benazo. Kwakutheni ukuze anikele umyalelo onjalo? Ngenxa yokuba “umsebénzi ufanelwe kukutya kwakhe.” Leyo yayiyeyona njongo yomyalelo kaYesu, eyayivisisana nesibongozo sakhe seNtshumayelo yaseNtabeni sokuba bangaxhaleli oko baya kukudla, bakusele okanye bakunxibe.—Mat. 6:25-32.
Nangona ekuqaleni ezi ngxelo zeVangeli zisenokuvakala ngathi ziyaphikisana, zonke zazibethelela inkalo efanayo. Abapostile babefanele bahambe bengaphethanga nto, bangazixakekisi ngokuzifumanela nantoni na eyongezelelekileyo. Ngoba? Ngenxa yokuba uYehova wayeza kubanyamekela.
Ngubani “inenekazi kwanamanenekazi” awayebhekisela kuwo uSolomon?—INtshu. 2:8.
Asinakuqiniseka, kodwa kungenzeka ukuba yayingamabhinqa adumileyo uSolomon awakha wadibana nawo ebhotweni lakhe.
KwiNtshumayeli isahluko 2, uSolomon wakhankanya izinto ezahlukahlukeneyo awazenzayo, kuquka nokwakha izakhiwo ezikhulu. Wongezelela wathi: “Ndaziqwebela isilivere negolide, nempahla enqabileyo yookumkani namaphondo. Ndazenzela iimvumi neemvumikazi noyolo olugqibeleleyo loonyana boluntu, inenekazi kwanamanenekazi.”—INtshu. 2:8.
Abahlalutyi abaninzi bacinga ukuba ‘amanenekazi’ awayebhekisela kuwo uSolomon yayingabafazi basemzini namashweshwe awayenawo kwiminyaka yakhe yokugqibela, amabhinqa awamkhokelela kunqulo lobuxoki. (1 Kum. 11:1-4) Noko ke, kukho into engaqiniyo kuloo ngcaciso. Xa uSolomon wayebhala loo mazwi, wayesele eqhelene ‘nenekazi, kwanamanenekazi.’ Ibe ngeloo xesha, uYehova wayesakholiswa nguye, kuba wayemphefumlela ukuba abhale iincwadi zeBhayibhile. Oko kwakungenakwenzeka kwiminyaka yakhe yokugqibela kuba ngeloo xesha wayenamakhulukhulu abafazi basemzini namashweshwe yaye eqhelisela unqulo lobuxoki.
Kwincwadi yeNtshumayeli, uSolomon wathi “wafuna ukufumana amazwi ayolisayo nokubhala amazwi achanileyo enyaniso.” (INtshu. 12:10) Ngokuqinisekileyo wayewazi amagama anjengelithi “umfazi,” “ukumkanikazi” ‘neshweshwe,’ kuba wawasebenzisa kwimibhalo yakhe ephefumlelweyo. (IMize. 5:18; 12:4; 18:22; INtshu. 9:9; INgoma 6:8, 9) Kodwa kwiNtshumayeli 2:8, loo magama aqhelekileyo akasetyenziswanga.
Amagama athi “inenekazi, kwanamanenekazi,” aguqulela igama lesiHebhere elingaqhelekanga elifumaneka kule ndinyana kuphela (ngesinye nangesininzi) eBhayibhileni. Abaphengululi bayavuma ukuba akuqinisekwanga ngentsingiselo yalo. Abaguquleli beBhayibhile abaninzi bathi ibinzana elikwiNtshumayeli 2:8 libhekisela kumabhinqa, achazwa ngesinye nangesininzi okanye ngesibaxo. Inguqulelo ethi “inenekazi, kwanamanenekazi” lidlulisela loo ngcamango.
USolomon wayedumile, kangangokuba ukumkanikazi wobukumkani obufumileyo baseShebha weva ngaye waza wamtyelela yaye akazange awuval’ umlomo. (1 Kum. 10:1, 2) Eso sihlandlo isenokuba sesinye esabangela ukuba uSolomon athethe ‘ngenenekazi, kwanamanenekazi.’ Kusenokwenzeka ukuba wayebhekisela kumabhinqa adumileyo awayedibana nawo kwibhotwe lakhe ebudeni beminyaka emininzi uThixo awayesakholiswa ngayo nguye.