Musa Ukuzikhohlisa Ngokuqiqa Okuphosakeleyo
“YINTONI na le uyenzileyo?” UThixo wabuza uEva emva kokuba etye kumthi owalelweyo. Waphendula wathi: “Inyoka—indikhohlisile ndaza ndadla.” (Gen. 3:13) USathana, inyoka enkone ngamaqhinga eyabangela uEva ukuba avukele uThixo, kamva wabizwa ngokuba “yinyoka yantlandlolo, . . . lowo ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.”—ISityhi. 12:9.
Le ngxelo yeGenesis ichaza uSathana njengonamaqhinga, othetha ubuxoki ngenjongo yokulahlekisa abo bangalumkanga. Ngokuqinisekileyo uEva wakhohliseka. Nangona kunjalo, asimele sicinge ukuba nguSathana kuphela onokusilahlekisa. IBhayibhile ikwasilumkisa nangengozi ‘yokuzikhohlisa ngokuqiqa okuphosakeleyo.’—Yak. 1:22.
Into yokuba thina singaze sizikhohlise isenokubonakala ngathi yinto engenakwenzeka. Noko ke, sikho isizathu sokuba uThixo asilumkise. Ngoko senza kakuhle xa sihlola indlela esinokuzikhohlisa ngayo nokuba luhlobo luni lokuqiqa okuphosakeleyo olunokusilahlekisa. Kukho imizekelo ekwiZibhalo enokusinceda.
Imizekelo Yabo Bazikhohlisayo
Malunga nonyaka wama-537 B.C.E., uKoreshi Omkhulu wasePersi wakhupha ummiselo wokuba amaYuda awayethinjwe eBhabhiloni abuyele eYerusalem ukuze akhe itempile. (Ezra 1:1, 2) Kunyaka olandelayo, abantu baqalisa ukubeka isiseko setempile entsha, ngokuvisisana nenjongo kaYehova. Abantu ababebuya ekuthinjweni bachulumanca baza badumisa uYehova ngokusikelela inqanaba lokuqala lalo msebenzi ubalulekileyo. (Ezra 3:8, 10, 11) Kodwa kungekudala, intshutshiso yema ngeenyawo yaye abantu batyhafa. (Ezra 4:4) Malunga neminyaka eli-15 bebuyile eBhabhiloni, abasemagunyeni basePersi bawuvala wonke umsebenzi wokwakha eYerusalem. Ukuze anyanzelise ukuba umsebenzi ungaqhubeki, amagosa awayephethe kuloo mmandla afika eYerusalem aza “awayekisa [amaYuda] ngezigalo.”—Ezra 4:21-24.
Ngenxa yalo mqobo wawuphambi kwawo, amaYuda azikhohlisa ngokuqiqa okuphosakeleyo. Azixelela ukuba “alikafiki ixesha, ixesha lendlu kaYehova, lokuba yakhiwe.” (Hag. 1:2) Agqiba kwelokuba uThixo wayengafuni ukuba itempile yakhiwe kwangoko. Kunokuba azame ukwenza ukuthanda kwakhe, asishiya isabelo sawo esingcwele aza alibala kukuphucula amakhaya awo. Umprofeti kaThixo uHagayi wawangqala wathi: “Ngaba lixesha lokuba nina nihlale ezindlwini zenu ezifulelwe ngamaplanga, ngoxa le ndlu [itempile kaYehova] ichithakele?”—Hag. 1:4.
Ngaba ikho into oyifundayo kulo mzekelo? Ukuba nembono ephosakeleyo ngexesha injongo kaThixo eya kuzaliseka ngalo kunokusibangela ukuba sikulibale ukubaluleka kwezinto zokomoya size siphazanyiswe zizinto zobuqu. Ngokomzekelo, masithi ulindele iindwendwe. Njengoko ulindele ukufika kwazo, wenza imisebenzi ethile ulungiselela zona. Noko ke, uva ukuba iindwendwe zakho zilibazisekile. Ngaba uza kuyeka ukuzilungiselela?
Kodwa ke, khumbula ukuba uHagayi noZekariya bawanceda amaYuda aqonda ukuba uYehova wayesafuna ukuba itempile yakhiwe ngokukhawuleza. UHagayi wawabongoza esithi: ‘Yomelelani nonke bantu beli lizwe, nize nisebenze.’ (Hag. 2:4) Kwakufuneka aqhubeke nomsebenzi, eqinisekile ukuba umoya kaThixo uza kuwaxhasa. (Zek. 4:6, 7) Ngaba lo mzekelo awunakusinceda ukuba singafikeleli kwizigqibo eziphosakeleyo ngemini kaYehova?—1 Kor. 10:11.
Ukulungisa Indlela Yokuqiqa Ephosakeleyo
Kwincwadi yakhe yesibini, umpostile uPetros wathetha ngexesha uYehova awayeza kumisela ngalo “amazulu amatsha nomhlaba omtsha.” (2 Pet. 3:13) Wachaza ukuba abanye abagculeli babethandabuza enoba uThixo wayenokuze angenelele kwimicimbi yabantu. Babephazama ngelithi akukho kwanto eyayiza kwenzeka, kuba “zonke izinto zisaqhubeka kanye njengasekuqaleni kwendalo.” (2 Pet. 3:4) UPetros wayefuna ukuyilungisa loo ngqiqo iphosakeleyo. Wabhala wathi: ‘Ndivuselela amandla enu okucinga angcwengekileyo ngendlela yokunikhumbuza.’ Wakhumbuza amanye amaKristu ukuba abo bagculeli babengachananga. Ngaphambili uThixo wayeye wangenelela kwimicimbi yabantu, ebazisela unogumbe otshabalalisayo.—2 Pet. 3:1, 5-7.
Ngowama-520 B.C.E uHagayi wawabongoza ngokufanayo amaYuda awayetyhafile nawayengenzi nto. Wawabongoza wathi: “Bekani intliziyo yenu ezindleleni zenu.” (Hag. 1:5) Ukuze awenze aqiqe, wakhumbuza amaYuda ngeenjongo nezithembiso zikaThixo eziphathelele abantu bakhe. (Hag. 1:8; 2:4, 5) Kungekudala emva kokuba ewakhuthazile, waqala phantsi umsebenzi wokwakha—nangona wawusalelwa ngabasemagunyeni. Kwakhona, iintshaba zazama ukuphazamisa umsebenzi wokwakha, kodwa ke azizange ziphumelele. Isigqibo sokuvala umsebenzi wokwakha sarhoxiswa, yaye kwiminyaka emihlanu itempile yagqitywa.—Ezra 6:14, 15; Hag. 1:14, 15.
Ukubeka Iintliziyo Zethu Ezindleleni Zethu
Ngaba kunokwenzeka ukuba sityhafe njengamaYuda omhla kaHagayi xa kuvela ubunzima? Ukuba oko kunokwenzeka, sisenokukufumanisa kunzima ukuhlala sikukhuthalele ukushumayela iindaba ezilungileyo. Kodwa yintoni enokusityhafisa? Sisenokubandezeleka ngenxa yokungabikho kokusesikweni kule nkqubo yezinto. Cinga ngoHabhakuki, owabuza wathi: “Kuya kude kube nini na Yehova, ndikhalela uncedo, ungeva? Kuya kude kube nini na ndicela ukuba undincede kugonyamelo, ungandisindisi?” (Hab. 1:2) Xa umKristu ebona ngathi kukho ukulibazisa, usenokuphelelwa yimvo yongxamiseko aze abeke phambili ukuphila ubomi obutofotofo. Ngaba oko kunokwenzeka nakuwe? Ukuba besinokucinga ngale ndlela, besiya kuba siyazikhohlisa. Kubaluleke ngenene ukuba sisebenzise isiluleko seZibhalo ‘sokubeka iintliziyo zethu ezindleleni zethu’ size ‘sivuselele amandla ethu okucinga’! Sinokuzibuza, ‘Ngaba ndimele ndimangaliswe kukuba le nkqubo yezinto ihleli ixesha elide kunelo bendililindele?’
Ixesha Elaprofetwa YiBhayibhile
Cinga ngamazwi kaYesu aphathelele ukupheliswa kwale nkqubo yezinto. Ingxelo kaMarko yesiprofeto sikaYesu semihla yokugqibela isichazela ukuba uYesu wasibongoza ngokuphindaphindiweyo ukuba sihlale silindile. (Marko 13:33-37) Sifumana isilumkiso esifanayo kwisiprofeto esichaza imini enkulu kaYehova eArmagedon. (ISityhi. 16:14-16) Kutheni kukho izilumkiso ezingaka? Izikhumbuzo ezinjalo ziyafuneka kuba abantu baphelelwa yimvo yongxamiseko ngenxa yokulinda ixesha elibonakala lilide.
UYesu wazekelisa imfuneko yokuba siqhubeke siphaphile njengoko silindele isiphelo sale nkqubo yezinto. Wathetha ngomninimzi owayeqhekezelwe indlu yakhe. Wayenokukuthintela njani ukuqhekezelwa? Ngokuhlala ephaphile ubusuku bonke. UYesu wagqibezela umzekeliso wakhe ngokusicebisa esithi: “Hlalani nilungile, kuba uNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.”—Mat. 24:43, 44.
Lo mzekeliso usibonisa ukuba kufuneka sikulungele ukulinda, kwanokuba lixesha elide kangakanani na. Asimele sixhalabe kakhulu kuba le nkqubo ingendawo ihleli ixesha elide kunelo besililindele. Asimele sizikhohlise ngokuqiqa ngendlela ephosakeleyo sisithi ‘ixesha likaYehova alikafiki.’ Ukucinga ngolo hlobo kunokuwuphelisa umnqweno wethu wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.—Roma 12:11.
Ukuncothula Iingcamango Zobuxoki
Ngokuphathelele ukuqiqa ngendlela ephosakeleyo, umgaqo okweyabaseGalati 6:7 uthi: “Ningalahlekiswa . . . Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.” Xa umhlaba ungalinywa, kukhawuleza kukhule ukhula. Ngokufanayo, ukuba asiwavuseleli amandla ethu okucinga, sinokuqalisa ukuqiqa phosakeleyo. Ngokomzekelo, sinokuzixelela oku, ‘Imini kaYehova iyeza ngokuqinisekileyo—kodwa hayi ngoku.’ Ukucinga ngolo hlobo kunokusibangela ukuba siyekelel’ umxakatho kwizinto zokomoya. Ethubeni, sinokuzityeshela izinto zokomoya. Ngoko imini kaYehova inokusifikela singalindelanga.—2 Pet. 3:10.
Noko ke, asisayi konganyelwa ziingcamango zobuxoki ukuba sihlala sikungqina ngokwethu “ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” (Roma 12:2) Ukufunda rhoqo iLizwi likaThixo yenye yezona ndlela esinokuncedakala ngazo. IZibhalo zinokusinceda seyiseke ukuba uYehova usoloko esenza izinto ngexesha elimisiweyo.—Hab. 2:3.
Ukufundisisa, imithandazo, ukuya ezintlanganisweni rhoqo nokushumayela, kunye nezenzo zobubele, ziya kusinceda ‘sibukhumbule ubukho bemini kaYehova.’ (2 Pet. 3:11, 12) UYehova uya kukuphawula ukungagungqi kwethu. Umpostile uPawulos usikhumbuza athi: “Masingayeki ukwenza okuhle, kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.”—Gal. 6:9.
Ngokuqinisekileyo eli asiloxesha lokuba sivumele iingcamango zobuxoki zisikhohlisele ekucingeni ukuba imini kaYehova ihlehliselwe umva. Kunoko lixesha lokuba someleze iintliziyo zethu, kuba imini kaYehova isemnyango.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
UHagayi noZekariya babongoza amaYuda ukuba akhe
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Yintoni ebiya kwenziwa ngumninimzi ukuba ebesazi ukuba isela liyeza?