Kutheni Simele Siyibeke Kuqala Inkonzo KaYehova?
“Umlomo wam uya kubalisa ubulungisa bakho, imini yonke usindiso lwakho.”—INDU. 71:15.
UBUYA KUPHENDULA UTHINI?
UNowa, uMoses, uYeremiya noPawulos bamisela wuphi umzekelo?
Unokuluhlolisisa njani usukelo onalo?
Kutheni uzimisele ukubeka inkonzo kaYehova kwindawo yokuqala?
1, 2. (a) Ubonisa ntoni umntu xa ezahlulela kuYehova? (b) Sinokungenelwa njani ngokuhlolisisa izigqibo ezenziwa nguNowa, uMoses, uYeremiya noPawulos?
XA usiba ngumlandeli kaYesu ozahluleleyo nobhaptiziweyo, uthabatha inyathelo elibalulekileyo. Ukuzahlulela kwakho kuThixo kusesona sigqibo sibalulekileyo kowakha wazenza. Uba ngathi uthi: ‘Yehova, ndifuna ube yiNkosi yam kubo bonke ubomi bam. Ndingumkhonzi wakho. Ndifuna undibonise indlela endimele ndilisebenzise ngalo ixesha lam, izinto ezimele zibe zezibalulekileyo kum, nendlela endimele ndizisebenzise ngayo izinto endinazo nobuchule endinabo.’
2 Ukuba ungumKristu ozahluleleyo, wamthembisa oko uYehova. Umele unconywe ngesigqibo owasenzayo; wenza eyona nto ilungileyo neyobulumko. Ngoko, ukukuqonda kwakho ukuba uYehova uyiNkosi yakho, kumele kukwenze ulisebenzise njani ixesha lakho? Umzekelo kaNowa, okaMoses, okaYeremiya nokampostile uPawulos unokusinceda siphendule lo mbuzo. Ngamnye kubo wayengumkhonzi kaYehova ozinikeleyo. Imeko yethu iyafana neyabo. Izigqibo abazenzayo ngokuphathelele usukelo lwabo zinokusikhuthaza ukuba sihlole indlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu.—Mat. 28:19, 20; 2 Tim. 3:1.
NGAPHAMBI KOMKHUKULA
3. Imihla yethu ifana njani naleyo kaNowa?
3 UYesu wachaza ukufana okukhoyo phakathi kwemihla kaNowa neyethu. Wathi: ‘Kanye njengokuba yayinjalo imihla kaNowa, buya kuba njalo ubukho boNyana womntu. Babesidla, besela, amadoda etshata namabhinqa etshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni; kwaye abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke.’ (Mat. 24:37-39) Abantu abaninzi namhlanje baqhubeka nobomi babo bengacingi ukuba siphila kumaxesha ongxamiseko. Abanikeli ngqalelo nakwizilumkiso ezivakaliswa ngabakhonzi bakaThixo. Abaninzi bayasicaphukela isibakala sokuba uThixo angenelele kwimicimbi yabantu—njengoko kwakunjalo ngabantu bomhla kaNowa. (2 Pet. 3:3-7) Sekunjalo, uNowa walisebenzisa njani ixesha lakhe, kulo meko-bume yayingentle?
4. UNowa walisebenzisa njani ixesha lakhe emva kokuba ethunywe nguYehova, yaye ngoba?
4 Emva kokuchazelwa ngenjongo kaThixo waza wathunywa, uNowa wakha umkhombe ukuze akhusele abantu kunye nezilwanyana. (Gen. 6:13, 14, 22) Kwakhona wavakalisa nomgwebo kaYehova owawusiza. Umpostile uPetros wambiza ngokuba ‘ngumshumayeli wobulungisa,’ebonisa ukuba uNowa wayezabalazela ukunceda abamelwane bakhe ukuba babone ukungxamiseka kwemeko yabo. (Funda eyesi-2 kaPetros 2:5.) Ngaba ucinga ukuba bekuya kuba sengqiqweni ngoNowa nentsapho yakhe ukuba banikele ingqalelo ekuziqaleleni ishishini, nokuba babe nezinto ngaphezu kwabantu ababephila phakathi kwabo okanye bazifunele ubunewunewu? Bekungenakwenzeka oko! Besazi oko kwakuza kwenzeka, abazange bazivumele ukuba baphazanyiswe zezo zinto.
UKHETHO LWENKOSANA YASEYIPUTA
5, 6. (a) Imfundo eyafunyanwa nguMoses kusenokwenzeka ukuba yayiza kumenza alungele ntoni? (b) Kwakutheni ukuze uMoses akhethe ukungawamkeli amalungelo awayenawo eYiputa?
5 Ngoku, makhe sihlolisise umzekelo kaMoses. Wakhulela kwibhotwe laseYiputa njengonyana wentombi kaFaro. Njengenkosana eselula, wafundiswa “bonke ubulumko bamaYiputa.” (IZe. 7:22; Eks. 2:9, 10) Kusenokwenzeka ukuba wafundiswa ngenjongo yokuba alungele ukusebenza kwibhotwe likaFaro. Ngewayebe ngoyena ubalaseleyo koyena rhulumente unamandla welo xesha, abe nobunewunewu, amalungelo kunye nolonwabo ngenxa yesikhundla sakhe. Kodwa ngaba ukunandipha ezi zinto kwakuyeyona nto ibalulekileyo kuMoses?
6 Ngenxa yoqeqesho awalufumana kwabona bazali bakhe bokwenene esakhula, kusenokwenzeka ukuba uMoses wayesazi ngoko uYehova wakuthembisa ukhokho wakhe uAbraham, uIsake noYakobi. Waba nokholo kwezo zithembiso. Kumele ukuba wacingisisa nzulu ngekamva nokuthembeka kwakhe kuYehova. Ngoko xa kwafika ixesha lokuba akhethe phakathi kokuba yinkosana yaseYiputa okanye ikhoboka lomSirayeli, wakhetha ntoni? UMoses wanyula “ukuphathwa kabuhlungu kunye nabantu bakaThixo kunokuziyolisa ngesono okwexeshana.” (Funda amaHebhere 11:24-26.) Kamva, walandela ulwalathiso lukaYehova ngendlela afanele abuphile ngayo ubomi bakhe. (Eks. 3:2, 6-10) Kwakutheni ukuze uMoses enze loo nto? Kungenxa yokuba wayekholelwa kwizithembiso zikaThixo. Ngenxa yoko wagqiba kwelokuba akanakamva neYiputa. Ngokwenene, akuzange kube kudala, olo hlanga lwabethwa nguThixo ngezibetho ezilishumi. Ngoko bonke abakhonzi bakaYehova abazahluleleyo namhlanje banokufunda kulo mzekelo kaMoses. Kunokuba sinikele ingqalelo kwimisebenzi nakulonwabo lwale nkqubo yezinto, ingqalelo yethu imele ibe kuYehova nakwinkonzo yakhe.
UYEREMIYA WAYESAZI NGOKO KUZAYO
7. Imeko kaYeremiya ifana njani neyethu?
7 Enye indoda eyabeka inkonzo kaYehova kwindawo yokuqala yayingumprofeti uYeremiya. UYehova wamthuma uYeremiya ukuba abe ngumprofeti wakhe oza kushumayela ngokugwetywa kweYerusalem noYuda owexukileyo. Ngandlel’ ithile, uYeremiya wayephila “ekupheleni kwemihla.” (Yer. 23:19, 20) Wayeqinisekile ukuba inkqubo awayephila kuyo ayisayi kuqhubeka ikho.
8, 9. (a) Kwakutheni ukuze indlela yokucinga kaBharuki ifune ukulungiswa? (b) Yintoni esifanele sicinge ngayo xa siceba?
8 Wayevakalelwa njani yena uYeremiya? Akazange azakhele ikamva kuloo nkqubo wayesazi ukuba iza kutshabalala. Kwakuza kumnceda ngantoni ukwenjenjalo. Noko ke, kangangexesha elithile uBharuki, unobhala kaYeremiya, wayengaboni ngaloo ndlela. Ngoko uThixo waphefumlela uYeremiya ukuba amxelele oku: “Khangela! Oko ndikwakhileyo ndiyakuchitha, noko ndikutyalileyo ndiyakuncothula, kwanelizwe lonke. Kodwa wena ke, uyaqhubeka uzifunela izinto ezinkulu. Musa ukuqhubeka uzifuna. Kuba yabona, ndiyizisela intlekele inyama yonke, . . . yaye ndiza kukunika umphefumlo wakho ube lixhoba kuzo zonke iindawo osenokuya kuzo.”—Yer. 45:4, 5.
9 Asinaso isiqinisekiso sokuba ziziphi “izinto ezinkulu” uBharuki awayezifunela zona.a Noko ke, siyazi ukuba yayizizinto ezingenakamva liqinisekileyo, izinto ezaziya kutshabalala xa amaBhabhiloni etshabalalisa iYerusalem ngowama-607 B.C.E. Sifunda ntoni koku? Ukuba nezinto zobomi eziyimfuneko kufuna ukuba silicebele kwangaphambili ikamva. (IMize. 6:6-11) Kodwa ngaba bekuya kuba bubulumko ukusebenzisa ixesha lethu elininzi namandla ethu sisukelana nezinto esaziyo ukuba azisayi kusinda kule nkqubo? Kuyaqondakala ukuba intlangano kaYehova iyaqhubeka iceba ukwakha iiHolo zoBukumkani ezintsha, iiofisi zamasebe nezinye izakhiwo zobuthixo. Noko ke, ezi zinto zinalo ikamva kuba injongo yazo kukuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani. Bekuya kuba kuhle nangabantu bakaYehova abazahluleleyo ukwenza okufanayo xa becebela ikamva. Ngaba weyisekile ukuba ‘ufuna kuqala ubukumkani nobulungisa [bukaYehova]’?—Mat. 6:33.
“NDIZIGQALA NJENGENKUNKUMA ENINZI”
10, 11. (a) Yintoni eyona yayibalulekile kuPawulos ngaphambi kokuba abe ngumKristu? (b) Kutheni zatshintsha ngokupheleleyo ezona zinto zibalulekileyo kuPawulos?
10 Okokugqibela, makhe sihlolisise umzekelo kaPawulos. Ngaphambi kokuba abe ngumKristu, kwakubonakala ngathi unekamva eliqaqambileyo. Wayefundiswe umthetho wamaYuda ngomnye wootitshala abadumileyo bomhla wakhe. Wayefumene igunya kumbingeleli omkhulu wamaYuda. Yaye wayesenza inkqubela ebuYudeni kunabantu abaninzi ababephila ngexesha lakhe. (IZe. 9:1, 2; 22:3; 26:10; Gal. 1:13, 14) Sekunjalo, konke oko kwatshintsha xa uPawulos waqonda ukuba uYehova akasalusikeleli uhlanga lwakwaYuda.
11 UPawulos waphawula ukuba, inkqubo yezinto yamaYuda ayisaxabisekanga kuYehova; ayinakamva. (Mat. 24:2) Ngoko le ndoda yayisakuba ngumFarisi yathi, xa ithelekisa ukuyiqonda kwayo kakuhle injongo kaThixo njengomlungiseleli ongumKristu, izinto eyayikhe yacinga ukuba zibalulekile yayisele izigqala “njengenkunkuma eninzi.” UPawulos walushiya unqulo lobuYuda waza waphila ubomi bakhe bonke emhlabeni eshumayela iindaba ezilungileyo.—Funda eyabaseFilipi 3:4-8, 15; IZe. 9:15.
HLOLA EZONA ZINTO ZIBALULEKILEYO KUWE
12. UYesu wanikela ingqalelo entwenini emva kokuba ebhaptiziwe?
12 UNowa, uMoses, uYeremiya, uPawulos nabanye abaninzi abafana nabo baye bachitha ixesha labo elininzi namandla abo amaninzi besebenzela uThixo. Bayimizekelo emihle kuthi. Kakade ke, oyena mkhonzi kaYehova ubalaseleyo nozinikeleyo nguYesu. (1 Pet. 2:21) Emva kokuba ebhaptiziwe, uYesu wanikela ubomi bakhe bonke basemhlabeni eshumayela iindaba ezilungileyo yaye ezukisa uYehova. Eyona nto ibalulekileyo kumKristu ogqala uYehova njengeNkosi yakhe, kukubeka inkonzo yakhe kwindawo yokuqala ebomini bakhe. Ngaba nakuwe kunjalo? Yaye ukubeka usukelo lobuthixo kwindawo yokuqala kunokudityaniswa njani nomsebenzi wempangelo oyimfuneko?—Funda iNdumiso 71:15; 145:2.
13, 14. (a) Onke amaKristu azahluleleyo akhuthazwa ukuba acingisise ngantoni? (b) Luluphi ulwaneliseko olunokufunyanwa ngabantu bakaThixo?
13 Ukutyhubela iminyaka, intlangano kaYehova ibisoloko ikhuthaza amaKristu ukuba acingisise ngokuba ngoovulindlela aze akuthandazele oko. Ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo, iimeko zabanye abakhonzi bakaYehova abathembekileyo azibavumeli ukuba bazinikele ekwenzeni umsebenzi wokushumayela kangangeeyure ezingama-70 ngenyanga. Abamele bazikhathaze ngaloo nto. (1 Tim. 5:8) Kodwa kuthekani ngawe? Ngaba ngokwenene akunakuze ukwazi ukuba nguvulindlela?
14 Makhe sicinge ngovuyo oluye lwafunyanwa ngabantu bakaThixo abaninzi ngexesha leSikhumbuzo salo nyaka. NgoMatshi, kuye kwakho ilungiselelo lokuba oovulindlela abangabancedani bakhethe enoba baza kusebenza iiyure ezingama-30 okanye 50 kubulungiseleli basentsimini kusini na. (INdu. 110:3) Izigidi zabantu ziye zaba ngoovulindlela abangabancedani, yaye amabandla ebenemincili novuyo olukhulu. Ngaba akunakukwazi ukuhlengahlengisa iimeko zakho ukuze nawe uqhubeke unolo vuyo? Emva kosuku ngalunye, kumanelisa kakhulu umKristu ozahluleleyo ukukwazi ukuthi, “Yehova, ndenze konke ebendinokukwenza kwinkonzo yakho.”
15. Lumele lube yintoni usukelo lomKristu oselula ngokuphathelele imfundo eyongezelelekileyo?
15 Kusenokwenzeka ukuba njengoko sele uza kugqiba esikolweni, usesempilweni yaye akunazimbopheleleko zingako. Ngaba ukhe wacingisisa nzulu ngokuba nguvulindlela othe ngxi? Akuthandabuzeki ukuba, abacebisi ngezifundo zesikolo ngokunyaniseka bacinga ukuba kuya kukunceda kakhulu ukufumana imfundo ephakamileyo uze ufumane umsebenzi. Sekunjalo, intembelo yabo ixhomekeke kulonwabo nakwimali engenakamva liqinisekisiweyo. Kwelinye icala, ukuzibekela usukelo lokomoya, kuya kukunika ulwaneliseko lokwenene. Yaye uya kuba ulandela umzekelo ogqibeleleyo kaYesu. Eso sigqibo sobulumko siya kukwenza wonwabe. Siya kukukhusela. Kwaye siya kubonisa ukuba uzimisele ukuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho kuYehova.—Mat. 6:19-21; 1 Tim. 6:9-12.
16, 17. Yiyiphi imibuzo ephakamayo ngokuphathelele umsebenzi wempangelo nolunye usukelo?
16 Abakhonzi bakaThixo abaninzi namhlanje, basebenza iiyure ezininzi benyamekela iintsapho zabo ngezinto eziyimfuneko. Kusenokwenzeka ukuba, abanye basebenza iiyure ezininzi ngokungeyomfuneko. (1 Tim. 6:8) Ezorhwebo zenza konke ezinako ukuseyisela ekubeni asinako ukuphila ngaphandle kwezinto zazo ezininzi, singenakukwazi nokuphila ngaphandle kwezinto ezintsha ezithengiswayo. Kodwa amaKristu okwenyaniso akalivumeli ihlabathi likaSathana liwachazele ngezinto ezibalulekileyo kuwo. (1 Yoh. 2:15-17) Ayikho indlela ebhetele abanokuthi abo badla umhlala-phantsi, balisebenzise ngayo ixesha labo ngaphandle kokuba ngoovulindlela, bebeka inkonzo kaYehova kwindawo yokuqala.
17 Bonke abakhonzi bakaYehova abazahluleleyo bafanele bazibuze oku: Yintoni eyona nto iza kuqala ebomini bam? Ngaba ndizibeka kwindawo yokuqala izilangazelelo zoBukumkani? Ngaba ndixelisa isimo sengqondo sikaYesu sokuzincama? Ngaba ndiyalithobela icebiso likaYesu lokumlandela ngokuqhubekayo? Ngaba ndinokukwazi ukuhlengahlengisa iimeko zam ukuze ndinikele ixesha elingakumbi kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani okanye ekwenzeni ezinye izinto zobuthixo? Enoba iimeko zam azindivumeli okwangoku ukuba ndibandise ubulungiseleli bam, ngaba ndiyaqhubeka ndihlakulela umoya wokuzincama?
‘UKUNQWENELA NOKWENZA’
18, 19. Yintoni omele uyithandazele, yaye kutheni ukwenjenjalo kuya kumkholisa uYehova?
18 Kuyavuyisa ukubona inzondelelo yabantu bakaThixo. Noko ke, abanye basenokungakuthandi ukuba ngoovulindlela okanye bazive bengakufanelekeli oko—enoba iimeko zabo ziyabavumela. (Eks. 4:10; Yer. 1:6) Ngoko bamele benze ntoni? Ngaba akunakubanceda ukukuthandazela oko? Ngokuqinisekileyo kunokubanceda. UPawulos waxelela amanye amakholwa ukuba uYehova, “nguye osebenzayo kuni ngaphakathi, aninike amandla okunqwenela nawokwenza, ngokokuthanda kwakhe.” (Fil. 2:13) Ukuba akukho nto ikukhuthazayo ukuba wandise ubulungiseleli bakho, cela uYehova ukuba akunike umnqweno kunye namandla okwenjenjalo.—2 Pet. 3:9, 11.
19 UNowa, uMoses, uYeremiya, uPawulos noYesu babengamadoda azinikeleyo. Basebenzisa ixesha namandla abo ukuze bavakalise izilumkiso zikaYehova. Abazange bazivumele ukuba baphazanyiswe. Sele iza kuphela le nkqubo yezinto; ngenxa yoko, sonke thina bazahlulele kuThixo simele siqiniseke ukuba siqhubeka sisenza umgudu wokulandela le mizekelo mihle iseZibhalweni. (Mat. 24:42; 2 Tim. 2:15) Xa sisenjenjalo, siya kumkholisa uYehova aze asisikelele gqitha.—Funda uMalaki 3:10.
[Umbhalo osemazantsi]
a Sicela ufunde incwadi ethi Ilizwi LikaThixo Elidluliselwa Kuthi NgoYeremiya, iphepha 104-106.
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Abantu abazange banikele ngqalelo kwisilumkiso sikaNowa
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ngaba ukhe wacingisisa ngokuba nguvulindlela othe ngxi?