IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp18 No. 1 iphe. 3
  • Ngaba IBhayibhile Isabalulekile?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba IBhayibhile Isabalulekile?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017—2018
  • Amanqaku Afanayo
  • Intshayelelo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017—2018
  • IBHAYIBHILE—Ngaba Iyasebenziseka Kumhla Wethu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Incwadi Esebenzisekayo Kubomi Banamhlanje
    Incwadi Yabantu Bonke
  • Isixhobo Esiluncedo Ekuguquleleni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017—2018
wp18 No. 1 iphe. 3
Umntu ohamba emajukujukwini, inqwelo-moya, usosayensi, intsapho nendoda efunda iBhayibhile

Ngaba IBhayibhile Isabalulekile?

ABANYE BATHI HAYI. Omnye ugqirha wathelekisa ukusebenzisa amacebiso eBhayibhile nokufundisa abantwana ikhemistri ngencwadi yoo-1920. Omnye umntu ongenaxesha laBhayibhile usenokukubuza: “Ungakhangela indlela yokusebenzisa ikhompyutha yangoku kwincwadi eyayisetyenziswa kwikhompyutha yakudala?” Ngamany’ amazwi, kwabanye abantu iBhayibhile yincwadi nje ephelelwe lixesha.

Ngubani onokusebenzisa incwadi endala ngolo hlobo kweli hlabathi liphucuke kangaka? I-intanethi ineewebhsayithi ezininzi ezicebisa indlela umntu anokuphila ngayo kula maxesha. Kwiinkqubo zeTV kusoloko kuncokolwa noogqirha bengqondo, iingcali ngendlela yokuphila nababhali beencwadi. Nakwiivenkile ezithengisa iincwadi ufumana iincwadi ezininzi ezahlukahlukeneyo ezinokukunceda.

Ekubeni zininzi kangaka izinto zala maxesha ezinokukunceda, kutheni uza kuya kufuna amacebiso eBhayibhileni eneminyaka ephantse ibe yi-2 000 ikho? Ngaba ke aba bantu bangenaxesha leBhayibhile abachananga xa besithi ukusebenzisa incwadi endala ngolo hlobo kufana nokusebenzisa incwadi ephelelwe lixesha yekhemistri okanye yekhompyutha? Xa sitheth’ inyani abachananga. Isayensi neteknoloji zitshintsha qho, kodwa ngaba ezona zinto zidingwa ngabantu zakha zatshintsha? Nangoku abantu basafuna ukwazi injongo yobomi, ukonwaba nokukhuseleka, indlela abanokovana ngayo entsatsheni nokuba nabahlobo abanokubathemba.

Indala injalo, iBhayibhile iyathetha ngezi zinto nezinye. Ithi iphefumlelwe nguMdali wethu. Ithi iza kusikhokela kuzo zonke iimeko zobomi ize isenze silungele zonke iingxaki esidibana nazo. (2 Timoti 3:16, 17) Eyona nto ibalulekileyo eyithethayo kukuba inamacebiso angasoze aphelelwe lixesha. Kwayona iphinda ithi: “Ilizwi likaThixo liphilile.”—Hebhere 4:12.

Ngaba ezi zinto izithethayo ziyinyaniso? Ngaba iphelelwe lixesha okanye yeyona ncwadi ibalulekileyo nenamacebiso anokusinceda? Nyhani yincwadi ephilayo? Injongo yale Mboniselo, eyeyokuqala kwiiMboniselo ezikhethekileyo eziza kukhutshwa, kukukunceda ufumane iimpendulo zale mibuzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share