Iintlanganiso Zenkonzo KaOktobha
Iveki Eqala NgoSeptemba 30
12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezifanelekileyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Ekubeni uOktobha eya kuba yinyanga yokugqibela yohlaselo lomhlaba ongabelwanga bani, khuthaza ngokufudumeleyo abaninzi kangangoko kunokwenzeka ukuba babe nesabelo kulo msebenzi. Zibekeleni usukelo lokuwugubungela umhlaba eniwabelweyo ekupheleni kwenyanga. Mayisingathwe ngumveleli wenkonzo ofanele axubushe namalungiselelo ebandla okusebenza umhlaba ongabelwanga.
18 imiz: “Ukuqonda Intsingiselo Yeziganeko Ezenzekayo Ngoku.” Imibuzo neempendulo. Emva kokuqwalasela isiqendu 6, yiba nomboniso kusetyenziswa uMxholo Wencoko omtsha. Balaselisa umbandela ongqalileyo kwiphephancwadi lakutshanje uVukani!
15 imiz: Indlela iphephancwadi uVukani! elibe yingenelo ngayo kuthi ngokobuqu. Umzalwana ofanelekayo udlan’ indlebe nabavakalisi abathathu okanye abane. Quka ubuncinane oselula omnye ohamba isikolo.
Ingoma 174 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 7
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni.
15 imiz: “Zinikele Ngomphefumlo Uphela Kubulungiseleli Basentsimini—Icandelo 4.” Intetho. Khuthaza iintloko-ntsapho ukuba zincede bonke entsatsheni ukuba bazicwangcise kakuhle iimeko zabo baze bazibekele usukelo lwenkonzo olusengqiqweni.
15 imiz: “Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngokuzisebenzisa Ngobulumko Iimpapasho.” Imibuzo neempendulo. Yenze inkcazelo ifanelane neemeko zasekuhlaleni. Gxininisa ingongoma yokuba abavakalisi abafanele basuke nje banyengeze amaphephancwadi ngaphantsi kweminyango yawo nawaphi na amakhaya angenabantu, yaye abafanele bawanike abo bangenamdla wokwenene abathi abanamali.
10 imiz: “Kutheni Ufanele Wambathe Ukuthobeka?” Intetho ekhuthazayo esekelwe kwinqaku leMboniselo kaJulayi 15, 1991, iphepha 27-30.
Ingoma 92 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 14
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, Iindaba Ezingokobuthixo, ingxelo yemali nesaziso soMbutho sokuwufumana umnikelo. Yazisa ibandla ngengxelo yenkonzo yasentsimini yangoSeptemba.
20 imiz: Ukufuna Nokufundisa Abafanelekayo. Intetho nodliwano-ndlebe. Balaselisa uMateyu 10:11. Ukufumana abantu besemakhaya kuyingxaki eyandayo yaye kunokuyichaphazela ngokungqalileyo impumelelo novuyo lwethu. Yintoni enokwenziwa? (kmXO 6/85 iphe. 4) Yiya ebantwini emakhayeni abo. Gcina ingxelo yabo bangekhoyo emakhaya uze ubabuyele ngokukhawuleza. Abanye baye baba nempumelelo entle kakhulu ekubafumaneni abantu abanjalo besemakhaya ngamarhatya, ngoko yiba nenxaxheba ekunikeleni ubungqina ngamarhatya. (kmXO 6/87 iphe. 4) Ukunikela ubungqina basesitratweni kunokuba nempumelelo. Xa udibana nabantu abanomdla esitratweni, thabatha amagama neekhelingi zabo. Yenza amalungiselelo okubatyelela emakhayeni abo. (Dlan’ indlebe ngokufutshane nabavakalisi okanye mhlawumbi noovulindlela ababini okanye abathathu abaye baba nempumelelo ekunikeleni ubungqina ngamarhatya okanye esitratweni.) USathana uya kuzama ngazo zonke iindlela ukusenza singabafumani abafanelekayo. Simele sibafune ngenyameko. “Izimvu” zezikaYesu Kristu. Usiyalele ukuba sizifune size sizondle. (Yoh. 21:15-17) Oku kuyasinceda siqonde imfuneko yokufikelela bonke abantu abakhoyo kwikhaya ngalinye ukuba kunokwenzeka.
15 imiz: Ukungenelwa Kumabali Obomi AmaNgqina KaYehova. Ingxubusho yabazalwana ababini. Ngezihlandlo ezithile, kwiMboniselo nakuVukani! kukhutshwa amabali obomi babakhonzi bakaThixo banamhlanje. La mabali adweliswe kwiWatch Tower Publications Index ngokuthi kubhalwe igama lomntu obalisayo kwanomxholo wenqaku. (Bonisa indlela yokufumana amanqaku afunwayo.) Kubalulekile ukuba siwafunde ngenyameko la manqaku ukuze sizuze amandla nokhuthazo kuwo. Sinokuyisebenzisa le nkcazelo ekukhuthazeni abazalwana bethu nezifundo zethu zeBhayibhile. Hlolisisa ngokufutshane inqaku elithi “Olunjani Uvuyo Lokuhlala Esithebeni SikaYehova!” elikwiMboniselo, ka-Agasti 1, 1991, iphepha 25-9. Balaselisa iingongoma ezingqalileyo ezikwelo nqaku ezisincedayo (a) kubulungiselei bethu basentsimini (b) ukuba sinyamezele izilingo, (c) ukuba sibe noxabiso olungakumbi ngoYehova nangentlangano yakhe, nokuba (d) sibe noxabiso ngobuzalwana behlabathi lonke. Singenelwa kakhulu ngokuba “ngabaxelisa abo bathi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga.”—Heb. 6:11, 12.
Ingoma 18 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 21
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khankanya ngokufutshane iingongoma ezikumaphephancwadi ezisenokusetyenziswa ekunikeleni ubungqina kule veki.
20 imiz: “Ilungiselelo LeSifundo Sencwadi Sebandla—Icandelo 4.” Imibuzo neempendulo. Balaselisa imfuneko yokuba bonke babonakalise umdla wobuqu omnye komnye kwiqela lesifundo sencwadi.
15 imiz: “Ukwakha Iimpawu ZobuKristu Kubantwana Bethu.” Ingxubusho ngabazalwana ababini esekelwe kwinqaku leMboniselo kaJulayi 1, 1991, iphepha 24-7. Balaselisani imfuneko yokwenza kwabazali umgudu wenyameko. Wenzeni umbandela ufanelane neentswelo zasekuhlaleni zebandla.
Ingoma 116 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 28
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Qwalasela ngokufutshane umnikelo wenyanga kaNovemba.
12 imiz: Ukubaluleka kwencwadana enemifanekiso ethi Isikolo NamaNgqina KaYehova. Intetho, Ukuba kunokwenzeka enikelwa ngumdala ongumzali. Balaselisa indlela ebaluleke ngayo le ncwadana enemifanekiso ekuqhelaniseni abo baphetheyo esikolweni kunye neenkolelo zamaNgqina kaYehova nasekuncedeni abazali nolutsha lwamaKristu kwiinkalo ezibandakanya imicimbi yesikolo. Umbandela wayo oshicilelweyo ufanele uhlolisiswe ngamathub’ athile nabaselula. Xa kuvela iingxaki okanye kuphakama imibuzo, bhekisela kule ncwadana enemifanekiso ukuze ufumane impendulo. Inkoliso yeengxaki eziye zavela kunye nabo baphetheyo esikolweni zibangelwe kukungaqhagamshelani kwabazali kwangethuba nabafundisi-ntsapho. Xa ulwalathiso olukule ncwadana enemifanekiso lulandelwa iingxaki ziyaphetshwa. Tsalela ingqalelo kwinkcazelo ekhethekileyo echazwe ngaphantsi komxholo othi “Imigaqo Yokuziphatha Ephilileyo” nothi “Iiholide Nezikhumbuzo” (Iphe. 9-11, 17-21) Amabandla afanele abe nesixa sale ncwadana enemifanekiso ukuze abazali bakwazi ukufumana imibhalo abanokuyinika abafundisi-ntsapho. Ekuqukumbeleni, balaselisa imfuneko yokuba abazali babonakalise umdla kwimfundo yabantwana babo baze basebenzisane nemigaqo yesikolo.—Iphe. 30-1.
15 imiz: “Lutsha OlungamaKristu—Zimasekani Elukholweni.” Ingxubusho yentsapho, esekelwe kwinqaku leMboniselo kaJulayi 15, 1991, iphepha 23-6. Utata ufanele akhokele kule ngxubusho, equka umfazi nabantwana. Chaza iindlela ulutsha olunokujamelana ngazo ngokunempumelelo novavanyo olwahlukahlukeneyo lokholo esikolweni.
8 imiz: Ukuqwalaselwa kweSingxobo Semibuzo. Intetho. Funda uze uxubushe ngale nkcazelo ngokokuvuma kwexesha.
Ingoma 183 nomthandazo wokuqukumbela.