Iintlanganiso Zenkonzo KaMatshi
Iveki Eqala NgoMatshi 7
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
20 imiz: “Ulwando Oluqhubekayo Lwandisa Intswelo YeeHolo ZoBukumkani”—Icandelo 1. Ukugutyungelwa kwesiqendu 1-10 sesihlomelo ngemibuzo neempendulo. Gxininisa izizathu zokuba abadala baqhagamshelane neKomiti Yokwakha Yenqila zisuka nje xa beceba ukwakha iHolo yoBukumkani.
15 imiz: “Nikela Incwadi Ethi Imibuzo Yabantu Abaselula.” Ingxubusho nabaphulaphuli. Yiba nabavakalisi abalungiselele kakuhle besenza umboniso ngeentshumayelo ezikwisiqendu 2 nesesi-3. Kwakhona, yenza umboniso omfutshane ngendlela umvakalisi ammemela ngayo umninimzi onomdla eSikhumbuzweni nakwintetho yesidlangalala ekhethekileyo. Emva komboniso ngamnye, cela abaphulaphuli bagqabaze ngoko bakufunde kuloo ntshumayelo. Bakhuthaze bonke babe nenxaxheba ekuhambiseni incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula kule nyanga.
Ingoma 225 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 14
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IiNdaba Ezingokobuthixo. Tsalela ingqalelo kwiingongoma ezithile ezikumaphephancwadi akutshanje ezinokusetyenziswa kwinkonzo yasentsimini kule veki.
15 imiz: “Ngaba Unokuyandisa Indumiso Oyinikela KuYehova NgoAprili?” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo. Cela amagqabaza kwabo babengoovulindlela abangabancedani kwixa elidluleyo. Mabachaze indlela abazihlengahlengisa ngayo iimeko zabo ukuze balisebenzise ngokuyingenelo eli lungelo. Khuthaza bonke abaceba ukuba ngoovulindlela abangabancedani ngoAprili bafake izicelo zabo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
20 imiz: “Benze Bazive Bamkelekile ESikhumbuzweni.” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo. Emva kwesiqendu 3 yiba nomboniso omfutshane wesicaka solungiselelo sisamkela umntu oqalayo ukuza eSikhumbuzweni. Abaveleli abongamelayo mabahlolisise uludwe lwezinto emazihlolwe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 1993, iphepha 7, ukuze baqinisekise ukuba onke amalungiselelo eSikhumbuzo enziwe.
Ingoma 150 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 21
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, kuquka nengxelo yemali nezaziso zokufunyanwa kweminikelo. Xubusha ibhokisi enomxholo othi “Ukudla Ngexesha Elifanelekileyo.” Bakhuthaze bonke bamemele abanomdla kwintetho ekhethekileyo eya kunikelwa ngoAprili 10.
15 imiz: “Bancede Benze Ngokuvisisana Nesigidimi SoBukumkani.” Ingxubusho. Yiba nemiboniso elungiselelwe kakuhle yentshumayelo ekwisiqendu 2 nesesi-3.
20 imiz: “Ulwando Oluqhubekayo Lwandisa Intswelo YeeHolo ZoBukumkani”—Icandelo 2. Intetho esekelwe kwisiqendu 11-21 sesihlomelo enikelwa ngehlombe ngumdala. Gxininisa imfuneko yabasebenzi bokuzithandela abangakumbi, yaye yiba neefomu ezithi Kingdom Hall Volunteer Worker Questionnaire kuloo ntlanganiso. Xubusha ngamanyathelo alishumi okufumana iHolo YoBukumkani. Ngokuvuma kwexesha, quka amava afanelekileyo aphathelele ulwakhiwo lweHolo yoBukumkani kummandla wenu. Unobhala ufanele ancede agcine umbhalo wesi sihlomelo kwicandelo leefayile zebandla elithi “IHolo yoBukumkani.”
Ingoma 121 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 28
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Xubusha uze wenze umboniso weendlela ezifanelekileyo zokunikela ubungqina kwintsimi yasekuhlaleni usebenzisa umnikelo ka-Aprili. Balisa amava abonisa indlela abanye abavakalisi abayifumene ngayo imirhumo kumabuyelo. Chaza amalungiselelo oSuku lwamaPhephancwadi olukhethekileyo ngoAprili 9. Ngaba wonk’ ubani ukulungele ukuchitha imini yonke esasaza amaphephancwadi? Abadala nezicaka zolungiselelo kuya kufuneka bakhokele ngenzondelelo koku baze bancede bonke ebandleni babe nesabelo. Yakha umdla ngentetho yesidlangalala ekhethekileyo ngoAprili 10. Khuthaza bonke ebandleni nabanomdla ukuba babekho. Esi sesinye isiganeko esikhethekileyo esiza kwenzeka ngoAprili. Le ntetho iya kunikelwa ehlabathini lonke kumabandla angaphezu kwama-70 000. Umxholo wayo uthi “Unqulo Lokwenyaniso Luyazanelisa Iintswelo Zebutho Labantu.”
15 imiz: “Lubambe Ngokuqinileyo Uvumo Lwakho Lwethemba Lungabi Nakuxengaxenga.” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo ngumqhubi weSifundo seMboniselo. Cela amagqabaza kwabo boyise uloyiko lokugqabaza kwiintlanganiso. Gxininisa imfuneko yokulungiselela kusengaphambili. Khuthaza ibandla ukuba lilungiselele ukuba nenxaxheba ngokuzeleyo kwisifundo seMboniselo veki nganye.
15 imiz: Ukulondoloza Ubundilele BobuKristu. Ukuxutyushwa kweleta kaJuni 17, 1993 ngumdala onamava, ethetha ngokuba ngoondilele kwethu. NgoAprili, kuza kubakho unyulo jikelele eMzantsi Afrika. Ngaba abazalwana bayayazi indlela yokuhlangabezana nolu vavanyo lutsha lwengqibelelo yabo? Kuza kube kugquba umoya wezobupolitika. Oku kuya kuba njalo ngokukodwa kwintsimi yabantsundu apho abantu bangaqhelananga nokuvota nalapho abazalwana bethu beya kunyanzeliswa ukuba bavote. Sifanele siphephe naziphi na iimpikiswano. Yintoni esifanele siyenze? Ebudeni bayo yonke inyanga ka-Aprili, kuquka noAprili 27 ukuba kunokwenzeka, sifanele sibe nesabelo ngokuzeleyo kumsebenzi wokushumayela. Ngehambo yethu nangomsebenzi wethu wokushumayela ekuhleni abantu kummandla wethu baya kubazi ubundilele bethu obungqongqo. Abadala bafanele ngokukhethekileyo babe nolwazi kakuhle ukuze babe luncedo baze banikele ulwalathiso. Bakhuthaze bonke bayazi kakuhle inkcazelo ekwincwadi ethi Ukuqiqa phantsi komxholo othi “Ubundilele.”
Ingoma 15 nomthandazo wokuqukumbela.