Bothini Ukuva Singabuyelanga?
1 “Bothini . . . ukuva, kungekho mshumayeli?” (Roma 10:14) Eneneni, bothini ukuyifumana intsingiselo yenyaniso xa singenzi mabuyelo ngokuphumelelayo? Sifanele sibuyele kuwo nawuphi na umzi esikwazileyo ukuncokola nomninimzi ngesigidimi soBukumkani. Kule nyanga sisenokukwazi ukwakhela phezu kwencoko yethu yokuqala ngeZibhalo ezongezelelekileyo ezisuka kuyo nayiphi na incwadana esiyihambisileyo, yaye oko kusenokukhokelela kwisifundo seBhayibhile esiphumelelayo.
2 Ukuba ubuhambise incwadana “Ikamva Elinqabisekileyo—Indlela Onokulifumana Ngayo,” usenokukwazi ukuqalisa incoko eya kukhokelela kwisifundo seBhayibhile ngale ndlela. Uthetha ngomfanekiso ongaphandle usenokubuza:
◼ “Ubungathanda ukuphila kwihlabathi apho wena nentsapho yakho niqinisekiswe ngekamva elinqabisekileyo? [Vumela impendulo. Yandula ke utyhile kwisiqendu 2.] Sonke sinalo mnqweno, nangona abaninzi bethandabuza ukuba oku kuya kuze kwenzeke. KuThixo, othembise ukukwenza oku, akunakungenzeki.” Funda uIsaya 32:17, 18 njengokuba ecatshulwe kwisiqendu 2, okanye umfunde eBhayibhileni yakho. Qhubeka, ucacisa ukuba kukho abantu ehlabathini lonke abasele benandipha uvuyo noxolo lwengqondo oluziswa kukuba nethemba eliqinisekileyo ngekamva. Xubusha iingongoma ezisekelwe eZibhalweni ezikwisiqendu 3 uze ucacise indlela ukufundisisa le ncwadana okunokumnceda ngayo afunde okungakumbi. Ukuba loo mntu unomdla, lungiselela ukubuyela ngokukhawuleza ukuze niqhubeke nengxubusho.
3 Xa ubuyela emva kokuhambisa incwadana “Ukhona Na UThixo Okhathalayo?,” mhlawumbi okufana noku kunokuphumelela:
◼ “Xa bendikutyelele, sixubushe ngalo mbuzo, Ukhona na uThixo okhathalayo? Ucinga ukuba uThixo usikhathalele ngokwenene ngokokude aphelise ukubandezeleka nogonyamelo? [Emva kwempendulo yakhe, tyhila kwisiqendu 32 uze uqhubeke.] UThixo uthembise ukulithabathel’ indawo eli hlabathi lingendawo ngelitsha elimiwe ngabantu abalungileyo abaya kuphila ngoxolo. [Funda INdumiso 37:11.] Mna nawe sinokubunandipha ubomi kwelo hlabathi litsha ukuba sikholelwa eBhayibhileni size sisebenzise isiluleko sayo.” Cacisa inkqubo yethu yokunceda abantu bafundisise iBhayibhile.
4 Xa ubuyela emva kokuhambisa incwadana enemifanekiso “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” usenokuqalisa ngokubonisa umfanekiso ongaphandle uze ubuze lo mbuzo:
◼ “Ucinga ukuba kuya kuba njani ukuphila kwihlabathi elifezekileyo? [Cela amagqabaza omninimzi.] Okubona kulo mfanekiso asilophupha; kusekelwe kwizithembiso eziqinisekileyo ezichazwe eBhayibhileni. [Funda ISityhilelo 21:4 neNdumiso 37:11, 29.] Ndingathanda ukukucacisela indlela wena nentsapho yakho eninokuyinandipha ngayo le ntsikelelo.” Ukuba umninimzi ubonakalisa umdla, qhubeka nengxubusho uze umthembise ngesifundo seBhayibhile.
5 Xa sifumana abantu abanyanisekileyo abafuna inyaniso, sibonakalisa uthando lokwenene ngokubuyela sibancede benze oko bakuvileyo. Sisebenzisa inyaniso engcwele esiyiphathisiweyo ukuze sizuze iintsikelelo zikanaphakade kunye nabo basiphulaphulayo.—1 Tim. 4:16.