Iintlanganiso Zenkonzo KaFebruwari
Iveki Eqala NgoFebruwari 3
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Iindaba Ezingokobuthixo. Khumbuza abavakalisi bafake ingxelo yenkonzo yabo yasentsimini kaJanuwari ngokukhawuleza. Unobhala nabaqhubi bezifundo zencwadi bakwafanele baqinisekise ukuba zonke iingxelo zenkonzo yasentsimini ezingekangeniswa zeenyanga ezidluleyo ziyangeniswa. Ezi ngxelo zingazange zingeniswe zifanele ziqukwe kwingxelo yebandla kaJanuwari.
15 imiz: “Yiba Nesabelo Kumsebenzi Ongasokuze Uphinde Wenziwe.” Imibuzo neempendulo. Ukuba ixesha liyavuma, quka neengongoma ezikumxholwana othi “Ukuhlala Silindile—Njani?” kwiphepha 714-15 kwincwadi ethi Abavakalisi.
20 imiz: “Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Ngongxamiseko.” (Isiqendu 1-5) Emva kwamagqabaza amafutshane esiqendu 1, isithethi sixubusha isiqendu 2-5 nabavakalisi ababini okanye abathathu. Bahlolisisa iimbalasane zeentshumayelo ezicetyisiweyo baze bagqabaze ngesizathu sokuba ezi ntshumayelo okanye ezifana nazo zinokuphumelela kwintsimi yasekuhlaleni. Aba bavakalisi bayatshintshana ekuqheliseleni ezi ntshumayelo. Isithethi siyabancoma, sibacebisa ngeendlela abanokuzenza ziphumelele ngakumbi ngazo. Sandula ke sibuze abaphulaphuli ngeendlela olunokufikelelwa ngazo usukelo lokuqalisa izifundo. Sibapha amacebiso ngendlela yokuqalisa isifundo kwincwadi ethi Ulwazi ekugqibeleni.
Ingoma 34 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoFebruwari 10
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali.
10 imiz: “Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Ngongxamiseko.” (Isiqendu 6-8) Yiba nomboniso weentshumayelo ezikwisiqendu 6-7. Balaselisa imfuneko yokubuyela apho kuboniswe umdla.
30 imiz: “Kufunwa—Oovulindlela Abangabancedani Abali-10 000.” Mayigutyungelwe ngumveleli wenkonzo ngemibuzo neempendulo. Balaselisa ibhokisi ekwiphepha 3. Hlolisisa ucwangciso olukwiphepha 6. Umvakalisi ngamnye obhaptiziweyo ufanele ahlolisise ngokobuqu nangomthandazo ukuze abone enoba angakwazi kusini na ukubhalisa inyanga enye okanye ezingakumbi. Abavakalisi abangabhaptizwanga banokuba nesabelo ngakumbi kubulungiseleli ngokuzibekela usukelo lwabo lweeyure nyanga nganye.
Ingoma 43 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoFebruwari 17
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khankanya iingongoma ezibangel’ umdla esinokuthetha ngazo kumaphephancwadi akutshanje ezinokusetyenziswa kwinkonzo kule veki.
13 imiz: “ISikhumbuzo—Isiganeko Esibaluleke Kakhulu!” Imibuzo neempendulo. Bakhuthaze bamenze inyanga ekhethekileyo wonke uMatshi ngokuba ngoovulindlela abangabancedani. Khuthaza ukusetyenziswa kwezimemo zeSikhumbuzo.
22 imiz: Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Zamakhaya. Kwiinyanga zakutshanje, kuye kwahanjiswa amakhulu amawaka eencwadi. Oku kwenza sibe nesiseko sokuqalisa izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingakumbi. Hlolisisa oko kwenziwayo ekuhlaleni ekuhambiseni iincwadi nezinye iimpapasho. Khuthaza abavakalisi babuyele kubo bonke abanomdla. Yiba neqela labavakalisi libalisa ngokukhethekileyo ngomgudu owawufuneka kubo ukuze baqalise izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezitsha. Bethelela into yokuba undoqo wothumo lwethu kukwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20) Oku sinokukwenza ngokuphumelelayo ukuba sizabalazela ukuwasebenzisa amacebiso akwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1996.
Ingoma 47 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoFebruwari 24
18 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Bakhuthaze bonke bazingenise ngokukhawuleza iingxelo zabo zenkonzo yasentsimini kaFebruwari ekupheleni kwale nyanga, kuquka zonke iingxelo ezingekangeniswa zeenyanga ezidluleyo. Yazisa amagama abo bonke abaza kuba ngoovulindlela abangabancedani ngoMatshi. Cacisa ukuba alikapheli ixesha lokufaka isicelo. Bakhuthaze bonke babe nesabelo ngokuzeleyo kwinkonzo yasentsimini ngoMgqibelo, ngoMatshi 1. Chaza amalungiselelo ongezelelekileyo enziwayo ekuhlaleni ukwenzela iintlanganiso zenkonzo ebudeni bale nyanga. Hlolisisa ngenyameko iSingxobo Semibuzo.
12 imiz: “Kuthekani Ngezalamane Zakho?” Indoda nomkayo baxubusha eli nqaku kunye baze bagqibe ngendlela yokuthetha nezalamane zabo ezingakholwayo ngeendaba ezilungileyo.—Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 1990, iphepha 25-7.
15 imiz: Hlolisisa Umnikelo Woncwadi NgoMatshi—Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Xubusha ngokufutshane ngezizathu ezibangela ukuqhekeka kweentsapho zabantu banamhlanje. (Bona IMboniselo kaOktobha 15, 1992, iphepha 4-7.) Hlolisisa iziqulatho zale ncwadi, kwiphepha 3. Cela abaphulaphuli bakhethe izahluko abanokusekela kuzo iintshumayelo zabo. Gqabaza ngeebhokisi zokufundisa eziluncedo ezisekupheleni kwesahluko ngasinye. Yiba nomvakalisi onobuchule esenza umboniso ngendlela yokuhambisa le ncwadi. Bakhumbuze bonke bazifumanele imibhalo abaza kuyisebenzisa kule mpela-veki.
Ingoma 48 nomthandazo wokuqukumbela.