Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Ukwenziwa kwempinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeveki kaSeptemba 7 kuse kuDisemba 21, 1998. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.
[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kunokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]
Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:
1. Kweyesi-2 kuTimoti 1:6, “isiphiwo” bubuchule bokuthetha ngeelwimi ezahlukeneyo obabunikwe uTimoti ngokusebenza komoya oyingcwele kaThixo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w85-XO 5/1 iphe. 16 isiqe. 15.]
2. UmKristu oqolileyo ‘uqeqesha amandla akhe okuqonda ukubalula kokubini okulungileyo nokubi’ ngokukwenza umkhwa ukusebenzisa naluphi ulwazi lweLizwi likaThixo analo. (Heb. 5:14) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w85-XO 6/15 iphe. 9 isiqe. 7.]
3. Nangona amaNgqina kaYehova ebhaliswa kurhulumente njengombutho wonqulo, igunya lokuqhubeka nonqulo lokwenyaniso ngokucacileyo aliveli kuye nawuphi na umntu okanye urhulumente wabantu. [jv-XO iphe. 696 isiqe. 1]
4. UYakobi owabhala incwadi yeBhayibhile usekwangula Yakobi owayesisithethi ‘sabapostile namadoda amakhulu’ xa kwakusenziwa isigqibo ngombandela wolwaluko. (IZe. 15:6, 13; Yak. 1:1) [si-XO iphe. 248 isiqe. 2-3]
5. Nangona eyoku-1 kaPetros 5:13 isithi uPetros wayibhala eseBhabhiloni incwadi yakhe yokuqala, ubungqina bubonisa ukuba igama elithi Bhabhiloni yayiligama elalingaziwa leRoma. [si-XO iphe. 251 isiqe. 4]
6. Ibinzana elithi “umchasi-Kristu uyeza” elikweyoku-1 kaYohane 2:18 libhekisela kumntu omnye. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona rs-XO iphe. 98 isiqe. 2.]
7. Umyalelo okweyesi-2 kaYohane 10 othi mabangamkelwa emakhayeni okanye bangabuliswa abathile ubhekisela kuphela kwabo bakhuthaza imfundiso yobuxoki. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w85-XO 7/15 iphe. 30 isiqe. 1-3.]
8. Incwadi yeSityhilelo iyincwadi yokugqibela yeBhayibhile kuba yayiyincwadi yokugqibela kwezabhalwa ngumpostile uYohane. [si-XO iphe. 263 isiqe. 1]
9. ISityhilelo 13:11-15 siyichaza ngokuchanileyo indlela iGunya Lehlabathi lamaNgesi namaMerika elaba ngumxhasi nomniki-bomi oyintloko kuManyano Lwezizwe, nelandela lalo, iZizwe Ezimanyeneyo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w88-XO 12/15 iphe. 19 isiqe. 3.]
10. Umyalelo wokuthandana, ochazwe kuYohane 13:34, ‘wawungumyalelo omtsha’ kuba wawumiselwe mva kunoMthetho kaMoses. [jv-XO iphe. 711 isiqe. 3]
Phendula le mibuzo ilandelayo:
11. Kuthetha ntoni ukuthi umveleli akamele kuba “ngumbethi”? (Tito 1:7) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w90-XO 9/1 iphe. 27 isiqe. 21.]
12. Chaza izizathu ezibini zokuba uYehova enze ukunikela kube yinxalenye yonqulo lokwenyaniso. [w96-XO 11/1 iphe. 29 isiqe. 3-6; iphe. 30 isiqe. 3]
13. Wayethetha ukuthini uYesu xa wayesithi, “Akufunanga mbingelelo namnikelo”? (Heb. 10:5) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w96-XO 7/1 iphe. 14 isiqe. 3.]
14. AmaKristu ‘anokuloyisa njani ihlabathi’? (1 Yoh. 5:3, 4) [si-XO iphe. 258 isiqe. 12]
15. Libandakanya ntoni ibinzana elisetyenziswe nguPetros elithi “nigcine ngokusondeleyo engqondweni ubukho bemini kaYehova”? (2 Pet. 3:12) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w97-XO 9/1 iphe. 19 isiqe. 2.]
16. Yintoni ebandakanywa kukucoceka kokomoya, yaye oku kumnceda njani ubani akhusele intsapho yakhe? (2 Kor. 7:1) [fy-XO iphe. 46 isiqe. 14]
17. Ngokuvisisana neSityhilelo 1:7, abo bahlaba uYesu bambona njani ‘esiza ngamafu’? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w93-XO 5/1 iphe. 22 isiqe. 7.]
18. AmaKristu ahlala elindile ‘ayinikela njani ingqalelo kuwo ngokwawo aze ahlale evukile’? (Luka 21:34, 36) [jv-XO iphe. 714 isiqe. 4]
19. Abo bayila ekuphela kwentlangano yamaKristu okwenyaniso bafikelela njani kulwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo? [jv-XO iphe. 708 isiqe. 3]
20. Ziziphi izinto ezifunwa ziZibhalo kwekuphela kwentlangano yamaKristu okwenyaniso kule mihla yokugqibela? [jv-XO iphe. 706 isiqe. 3]
Fakela igama (amagama) okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
21. Indoda nomfazi bamele _________________________ omnye komnye, bekhumbula ukuba _________________________ ubalulekile kunowangaphandle. [fy-XO iphe. 26 ibhokisi yempinda]
22. Incwadi kaPawulos eya kumaHebhere ibonisa ukuba iimbalasane ezahlukahlukeneyo _________________________ zazingumfuziselo owenziwa nguThixo esalatha phambili kwizinto ezilunge ngakumbi, zonke ezizaliseka ku_________________________ , inzaliseko yoMthetho. [si-XO iphe. 247 isiqe. 23]
23. Kweyesi-2 kaPetros 1:5-8, umpostile uPetros uncomela _________________________ ekwakheni iimpawu zokoyika uThixo eziya kusithintela ekubeni _________________________ okanye _________________________ . [si-XO iphe. 255 isiqe. 9]
24. Xa amadoda nabafazi benxibelelana, _________________________ kunye _________________________ abalulekile. [fy-XO iphe. 36 isiqe. 21]
25. Kuyacaca ukuba _________________________ ngaphambi kukaKristu awathi amaYuda aqalisa ukwamkela imfundiso _________________________ kumaGrike. [w96-XO 8/1 iphe. 6 isiqe. 2-3]
Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
26. Ebudeni bokuvalelwa kukaPawulos okokuqala eRoma, (uOnesiforo; uOnesimo; uOnan), ikhoboka elalibaleke endlwini (kaFilipu; kaFesto; kaFilemon), wayephakathi kwabo bayiphulaphulayo intshumayelo yakhe. [si-XO iphe. 241 isiqe. 2]
27. (Uthando; Intlonelo; Ukubuk’ iindwendwe) kuthiwa “kukubacingela abanye, ukubabeka.” [fy-XO iphe. 30 isiqe. 7]
28. KuLuka 14:28, uYesu uthetha (ngokuceba kusengaphambili; ngokungayidyakrazi imali; ngokuphepha ukuboleka imali). [fy-XO iphe. 40 isiqe. 4]
29. “Ubukhosi” obukhankanywe kuYude 8 bubhekisela (kwisikhundla sikaYesu; kulongamo lukaYehova; kwigunya elimiselwe nguThixo kwibandla lamaKristu). [si-XO iphe. 263 isiqe. 9]
30. KwiSityhilelo 11:11, “iintsuku ezintathu ezinesiqingatha,” eyathi intsalela ethanjisiweyo yabonakala ngazo njengezidumbu emehlweni eentshaba zayo, zibhekisela (kwiminyaka emithathu enesiqingatha; kwithuba elifutshane; kwiinyanga ezintathu ezinesiqingatha). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona re-XO iphe. 167 isiqe. 21.]
Ngqinelanisa impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
IMize. 8:30; Mat. 19:13-15; Heb. 2:1; Yak. 4:15; 1 Pet. 3:4
31. Ukuze sixhathise impembelelo yeengcamango ezizingisileyo ezibubuxoki esichanabeka kuzo kweli hlabathi, sifanele ‘sinikele ingqalelo engakumbi kuneqhelekileyo’ kwiLizwi likaThixo ngokukwenza umkhwa ukufundisisa nokunamathela kucwangciso lofundo lweBhayibhile. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w98-XO 1/1 iphe. 7 isiqe. 9.]
32. Nanini na siceba ikamva, sifanele sihlolisise ngomthandazo ukuze sibone indlela eliza kuvisisana ngayo nenjongo kaThixo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w97-XO 11/15 iphe. 21 isiqe. 10-11.]
33. ‘Umoya ozolileyo nowobulali’ womfazi ongumKristu awukholisi nje kuphela indoda yakhe kodwa, okubaluleke ngakumbi, ukholisa uThixo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 5/15 iphe. 18 isiqe. 12.]
34. Elandela umzekelo kaYehova, ubawo olungileyo ufanele ahlakulele ulwalamano lobubele nolunothando nomntwana wakhe busaqala nje ubomi bomntwana. [fy-XO iphe. 53 isiqe. 7]
35. Ekubeni uYesu engazange akhethe xa wayesikelela abantwana, ubani akafanele agqale abantwana abangamakhwenkwe njengababaluleke ngaphezu kwabangamantombazana. [fy-XO iphe. 52 isiqe. 4]