Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 9
8 Imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso Ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
12 Imiz: “Ngaba Ndifanele Ndifuduke?” Intetho ngumdala. Chaza isizathu sokuba kufuneka ukuphangalala kwengqondo xa kusenziwa isigqibo sokufudukela kwenye indawo. Xubusha indlela yokusebenzisa isiluleko esifumaneka kwiMizekeliso 22:3. Quka amagqabaza ezilumkiso afumaneka kwiMboniselo ka-Agasti 15, 1988 iphepha 22.
25 Imiz: “Iwaka Leminyaka Elitsha—Ikamva Likuphathele Ntoni?” Ingxubusho enehlombe ngumveleli wenkonzo. Emva kokufunda isaziso esikwileta yoMbutho yomhla kaJuni 20, 2000, eyayisiya kubadala, nika umntu ngamnye okhoyo umbhalo weKingdom News No. 36. Wandule ke uqhubeke nengxubusho yemibuzo neempendulo yeli nqaku. Chaza amalungiselelo asekuhlaleni okusetyenzwa komhlaba. Qwalasela indlela yokunceda abasebatsha nabaselula ukuze bafanelekele ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga. Yenza umboniso ngentshumayelo emfutshane. Bethelela imfuneko yokuba wonke ubani abe nesabelo ngokuzeleyo kweli phulo.
Ingoma 53 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 16
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Xubusha amalungiselelo entsimi engabelwanga bani empela-veki yokugqibela kaOktobha. Khumbuza abavakalisi ukuba bahambise iphephancwadi IMboniselo noVukani! neKingdom News No. 36 ngempela-veki.
15 imiz: “Ngaba Uyazixabisa Izinto Ezingcwele?” Intetho ngumdala. Bethelela ukubaluleka kokubakho kuzo zontathu iintsuku zendibano yesithili.
15 imiz: “Zonke Izinto Zenu Mazenzeke Ngothando.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo. Balisa ezinye zeengxaki ezibakho xa abantu besilela ukubambelela kulwalathiso lokufumana iindawo zokuhlala.
Ingoma 131 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 23
13 imiz: Izaziso zasekuhlaleni.
16 imiz: “Nikela Ingqalelo Kwizibhengezo Ezingcwele.” Imibuzo neempendulo. Bethelela isizathu sokuba sonke sifanele sibe sezihlalweni zethu xa kuqalisa ucwangciso ngalunye.
16 Imiz: “Londoloza Ihambo Entle Ezukisa UThixo.” Umdala uxubusha eli nqaku nentsapho. Bahlolisisa oko bafanele bakwenze ukuze balondoloze ulungelelwano, isimilo, imbonakalo entle nengumzekelo kwiindawo zikawonke-wonke.
Ingoma 211 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 30
8 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khumbuza abavakalisi ukuba bafake ingxelo yenkonzo yasentsimini kaOktobha.
12 imiz: Amava Okuhambisa IKingdom News No. 36. Cela abavakalisi abahlukeneyo ukuba babalise imiphumo ekhuthazayo abaye bayinandipha ukuza kuthi ga ngoku ngokuhambisa iKingdom News No. 36. Cela oovulindlela abangabancedani nabathe ngxi ukuba bachaze indlela abawuxabisa ngayo umsebenzi owandisiweyo ebudeni beli phulo nethuba abaye balifumana lokusebenza nabavakalisi abahlukahlukeneyo.
15 imiz: “Abanye Baxhomekeke Kuwe.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo. Bakhuthaze bonke ukuba bacinge nzulu ngendima abayiphumezayo ekwakheni iintsapho zabo nebandla. Sonke senza okungakumbi ukomeleza abanye ngomzekelo wethu namazwi okhuthazo.
10 imiz: Ukucula—Inxalenye Ebalulekileyo Yonqulo Lwethu. Umqhubi wesifundo sencwadi uncokola nabavakalisi ababini ngomgangatho wabo womculo kwiintlanganiso zebandla. Uye waphawula ukuba umgangatho wabo womculo wehlile. Wabelana nabo ngeengongoma ezikwiMboniselo kaFebruwari 1, 1997, iphepha 27-8. Bahlalutya amazwi enye yeengoma eziza kuculwa kwiSifundo seMboniselo sale veki, njengokuba kucetyiswa kwiMboniselo kaJulayi 1, 1999, iphepha 20, isiqendu 12. Ngokuwuthabatha nzulu umculo, sifaka intsingiselo kwindumiso esiyiculela uYehova ngokusuka entliziyweni.
Ingoma 15 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 6
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Hlola inkqubela yokuhanjiswa kweKingdom News No. 36. Chaza umhlaba osele usetyenziwe ukuza kuthi ga ngoku noko kuya kufuneka ukuze ugutyungelwe ngokupheleleyo ngomhla kaNovemba 17.
20 imiz: Zilungiselele Kakuhle Iintlanganiso. Intetho nengxubusho nabaphulaphuli. Iingenelo esizifumana ezintlanganisweni ubukhulu becala zixhomekeke kumgudu wethu wokulungiselela. Hlolisisa amacebiso akwiMboniselo kaMatshi 1, 1998, iphepha 15-16, isiqendu 8-11. Cela abaphulaphuli ukuba bagqabaze ngendlela abenza ngayo ukuze bafumane ixesha lokulungiselela kakuhle.
15 imiz: Sonke Singawubonisa Umoya Wobuvulindlela. Ingxubusho phakathi komqhubi wesifundo sencwadi nomncedisi wakhe, esekelwe kwiMboniselo ka-Oktobha 15, 1997, iphepha 22-3. Hlolisisa isizathu sokuba kuya kuba kuhle ukuba noovulindlela abangakumbi ebandleni nendlela abanokuba negalelo ngayo bonke ekufikeleleni olu sukelo. Kwakhona xubusha iindlela zokukhuthaza abo bangoovulindlela ngoku ukuba bangayeki nendlela abanokuyandisa ngayo inzondelelo ngobulungiseleli bonke abasebandleni.
Ingoma 223 nomthandazo wokuqukumbela.