Izaziso
◼ Umnikelo woncwadi ngoMeyi: Amaphephancwadi IMboniselo noVukani! Hambisa incwadi ethi Ulwazi okanye incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, ngenjongo yokuqalisa izifundo zeBhayibhile. NgoJuni: Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? okanye ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Nikela ingqalelo ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile zasekhaya. NgoJulayi noAgasti: Nayiphi na kwezi ncwadana zinemifanekiso ezinamaphepha angama-32 inokusetyenziswa: Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, Iyintoni Injongo Yobomi—Unokuyifumana Njani?, Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Sisifa?, Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, Ngaba Ufanele Ukholelwe Kubathathu Emnye?, URhulumente Oya Kuzisa IParadesi, Uyabona Izinto Zonke Ndizenza Ntsha, nethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Incwadana enemifanekiso ethi Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?, Incwadi Yabantu Bonke, Our Problems—Who Will Help Us Solve Them? nethi Will There Ever Be a World Without War? zisenokuhanjiswa xa kufanelekile.
◼ Umveleli owongamelayo okanye omnye owabelwe nguye ufanele ahlole iimali zebandla ngoJuni 1 okanye kamsinya emva koko. Xa sele kwenziwe oko, yenzani isaziso ebandleni emva kwengxelo yemali elandelayo.
◼ NCEDA UPHAWULE: Kukho utshintsho kule mihla yendibano yesithili ilandelayo, ngaphandle kokuba kuchazwe ngenye indlela:
Disemba 7-9:
Empangeni (isiZulu)
Disemba 14-16:
ELebowakgomo (isiPedi; itshintshiwe)
Disemba 21-23:
EGaborone (isiNgesi, isiTswana)
ESiyabuswa (isiPedi; indibano entsha)
Januwari 4-6:
EBhayi (isBhulu/isiNgesi)
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
Does Fate Rule Our Lives—Or Does God Hold Us Responsible? (lenzelwe amaSilamsi) (Tract No. 71)—ngesiNgesi
Hellfire—Is It Part of Divine Justice? (lenzelwe amaSilamsi) (Tract No. 74)—ngesiNgesi
The Greatest Name (lenzelwe amaSilamsi) (Tract No. 72)—ngesiNgesi
Who Are Jehovah’s Witnesses? (lenzelwe amaSilamsi) (Tract No. 73)—ngesiNgesi