“Siye Sayisebenza Izihlandlo Ezininzi Intsimi Yethu!”
1 Ngaba wakhe wavakalelwa kukuba intsimi yakho isetyenzwa rhoqo kangangokuba akusekho zimvu kuyo? Mhlawumbi ufun’ ukuthi: ‘Ndiyayazi indlela abaza kusabela ngayo abantu. Kutheni ndiqhubeka ndibuyela kwabo bangenamdla?’ Liyinyaniso elokuba amasimi amaninzi agutyungelwa rhoqo. Noko ke, oku kufanele kujongwe ngeliso elihle, kungekhona ngelikhalazayo. Kutheni kunjalo nje? Phawula izizathu ezine ezandlalwe ngezantsi.
2 Imithandazo Yethu Iphenduliwe: UYesu wathi: “Isivuno, eneneni, sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke yibongozeni iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Luka 10:2) Kangangamashumi eminyaka siye sambongoza uYehova sicela uncedo olungakumbi. Kwiindawo ezininzi, ngoku sinabasebenzi abangakumbi abafunekayo, yaye intsimi siyigubungela rhoqo. Ngaba ukuphendulwa kwemithandazo yethu nguYehova akufanele kusivuyise?
3 Ukuzingisa Kuvelisa Isiqhamo Esihle: Kwanakwintsimi esetyenzwa rhoqo, abantu bayasabela kwisigidimi soBukumkani baze bayazi inyaniso. Ngoko ke, sifanele sibuyele rhoqo sinethemba lokufumana abangakumbi abantliziyo zinyanisekileyo. (Isa. 6:8-11) Njengokuba abafundi bakaYesu bangaphambili benzayo, “yiyani ngokuqhubekayo” kubantu abakwintsimi yenu, nizame ukuvuselela umdla wabo kuBukumkani bukaThixo.—Mat. 10:6, 7.
4 EPortugal amabandla amaninzi ayigubungela ngeveki intsimi yawo, kodwa asabafumana abantu ababumvu. Omnye udade ngokukhethekileyo unesimo sengqondo esihle. Uthi: “Ngaphambi kokuba ndiye entsimini ntsasa nganye, ndithandaza kuYehova ukuze andincede ndifumane umntu onomdla ekufundisiseni iBhayibhile.” Ngenye imini walungiselela isifundo nabantu abasebenza kwivenkile yokulungisa iinwele. Noko ke, kamva, yaba ngumntu omnye kuphela owaba nomdla esifundweni. Loo mntu wathi: “Abanye abanamdla, kodwa mna ndinawo.” Ngenyanga nje enye loo mntu, wayeqhuba izifundo zeBhayibhile ezibini ezizezakhe. Kungekudala emva koko wabhaptizwa, kamva wangenelela inkonzo yobuvulindlela!
5 Umsebenzi Uyenziwa: Iindaba ezilungileyo ziyashunyayelwa, kanye njengokuba uYesu waxela kwangaphambili ukuba kwakuya kuba njalo. (Mat. 24:14) Kwanakwiindawo apho abantu ‘bangafuniyo ukusiphulaphula,’ benziwa basazi ngenxa yomsebenzi wokushumayela. Silindele ukuba abanye bangazamkeli iindaba ezilungileyo okanye bade bayichase inyaniso. Sekunjalo, abo banjalo bafanele balunyukiswe ngokwaneleyo ngomgwebo kaYehova ozayo.—Hez. 2:4, 5; 3:7, 8, 19.
6 Asikagqibi: Ayisithi abenza isigqibo ngexesha lokuyekwa komsebenzi wokushumayela. UYehova ulazi kakuhle ixesha lokuyekwa kwawo. Uyazi enoba kusekho abantu kwintsimi yethu abanokusabela kwiindaba ezilungileyo. Namhlanje, bambi abantu bathi abanamdla, kodwa iinguqulelo eziphawulekayo ebomini babo—ezinjengokuphelelwa ngumsebenzi, izigulo eziqatha, ukufa kothandekayo—zinokubenza basabele ngelinye ixesha. Ngenxa yomkhethe okanye ukuxakeka gqitha bade bangakwazi nokuphulaphula, abantu abaninzi abazange bakhe bakuve oko sikushumayelayo. Ukubatyelela ngokuphindaphindiweyo ngobuhlobo kunokubenza basazi baze basiphulaphule.
7 Abo bakhule kwiminyaka yakutshanje baza baneentsapho zabo babuthabatha nzulu ubomi yaye babuza imibuzo enokuphendulwa liLizwi likaThixo kuphela. Omnye umama oselula wamemela amaNgqina amabini ekhayeni lakhe waza wathi: “Xa ndandiseyintombazana, andizange ndisiqonde isizathu sokuba umama awagxothe amaNgqina aze athi akanamdla, ngoxa ekuphela kwento awayefuna ukuyenza yayikukuthetha ngeBhayibhile. Ndenza isigqibo sokuba xa ndimdala, nditshatile, ndinomzi wam, ndakuwacela amaNgqina kaYehova ukuba aze kundicacisela ngeBhayibhile.” Wenza oko, yaye hayi indlela elalivuya ngayo iNgqina elalimtyelele.
8 Ngaba Unokuphumelela Ngakumbi? Isenokungasoloko ingumntu esimtyelelayo owenza kube nzima ukuyisebenza rhoqo intsimi. Maxa wambi sithi ngokwethu. Ngaba siqala sineengcamango ezingakhiyo? Oko kunokusichaphazela isimo sethu sengqondo, imvakalo-lizwi nembonakalo yobuso bethu. Bonisa umoya ovumayo nobuso obukhululekileyo. Zama indlela entsha. Sebenzisa iintshumayelo ezahlukeneyo, uze uzame ukuziphucula. Mhlawumbi unokuwuguqula umbuzo wakho okanye usebenzise isibhalo esahlukileyo kuloo ncoko. Buza abanye abazalwana noodade ngoko bakufumanise kuluncedo ekusebenzeni loo ntsimi. Enkonzweni sebenza nabavakalisi noovulindlela abahlukeneyo, uze uphawule oko kwenza ubulungiseleli babo buphumelele.
9 UYehova uyakholiswa yaye uyawusikelela umsebenzi wokushumayela uBukumkani, yaye ukuba nenxaxheba kwethu kuwo kungqina ukuba siyamthanda yaye siyamthanda nommelwane. (Mat. 22:37-39) Ngoko ke masiqhubeke nomsebenzi wethu ude ugqitywe, singadinwa kukuyisebenza rhoqo intsimi.