Iintsikelelo Zokubonisa Uxabiso Ngothando LukaYehova—Icandelo 1
1 Umpostile uYohane wabhala: “Thina ke, sinalo uthando, kuba [uYehova] wasithanda kuqala.” (1 Yoh. 4:19) Xa sicinga ngako konke oko uYehova asenzele kona, sishukunyiselwa ukuba sibonise uxabiso olunzulu. UYesu wamisela umzekelo ekwenzeni oku ngokunikela ubungqina ngegama likaThixo noBukumkani bakhe ngentobelo. (Yoh. 14:31) Senza kakuhle ngokuqwalasela iindlela esinokubonisa ngazo uxabiso lwethu ngothando lukaYehova neentsikelelo eziza noko.
2 Ukuya Kwindlu Ngendlu: UYesu wafundisa abafundi bakhe indlela yokushumayela ngoBukumkani. Ulwalathiso lwakhe lubonisa ngokucacileyo ukuba babesiya kwizindlu ngezindlu, besasaza iindaba ezilungileyo. (Luka 9:1-6; 10:1-7) Kufuneka uthando ngoThixo nommelwane ukuze siqhubeke sisiya kwindlu ngendlu xa sidibana nabantu abangenamdla nabachasayo. Noko ke, ebudeni beli xesha siyangenelwa ngokobuqu kuba ukholo lwethu luyomelela, ulweyiseko lwethu lomelela ngakumbi, ithemba lethu liqaqamba ngakumbi.
3 Ngenxa yokusebenza ngaphantsi kolwalathiso lwezithunywa zezulu siye safumana abantu abaninzi abalambileyo benxanelwe inyaniso. (ISityhi. 14:6) Abaninimzi baye bathi babethandazela uncedo xa iNgqina langena ekhayeni labo. AmaNgqina amabini ayehamba nomntwana esiya kwindlu ngendlu kwisiqithi seCaribbean. Xa abantu abadala babesele beza kuphuma entsimini, umntwana waqhubeka waya kwikhaya elilandelayo wafika wankqonkqoza. Inenekazi eliselula lavula ucango. Xa abantu abadala bakubonayo oku, baya kuthetha nalo. Labacela ukuba bangene ngaphakathi laza labachazela ukuba belithandaza kuThixo ukuba athumele amaNgqina ukuze amfundise iBhayibhile!
4 Ukunikela Ubungqina Esitratweni: Ekubeni kunzima kweminye imimandla ukubafumana abantu ekhaya, ukunikela ubungqina esitratweni yeyona ndlela isemagqabini yokunikela ubungqina ebantwini. Ukongezelela, abantu abaninzi bahlala kwiindawo ezibiyelweyo okanye kwizakhiwo ezinqatyisiweyo esingenakukwazi ukungena kwindlu ngendlu khona. Noko ke, uxabiso lwethu ngothando lukaYehova lusishukumisela ukuba sixhakamfule zonke iindlela zokuqhagamshelana nabantu ngesigidimi soBukumkani, kuquka nobungqina basesitratweni.—IMize. 1:20, 21.
5 Ukwenza Amabuyelo: Ekubeni sikhangela abo “bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya,” sifuna ukwenza oko sinako ukuze sanelise loo ntswelo. (Mat. 5:3) Oku kufuna ukuba sibuyele ukuze sinkcenkceshele imbewu yenyaniso esiyityalileyo. (1 Kor. 3:6-8) Omnye udade waseOstreliya wahambisela ibhinqa elalibonakala lingenamdla kangako iphecana. Noko ke, lo dade wazingisa ezama ukubuyela ekhayeni lalo. Xa waqhagamshelana nalo ekugqibeleni, udade wethu wafumanisa ukuba emva kotyelelo lokuqala, eli bhinqa laye lathenga iBhayibhile ebiza imali eninzi. Lo dade waqalisa isifundo nalo!
6 Ukuqhuba Isifundo SeBhayibhile: Oku kunokuba yeyona nkalo inandiphekayo nevuzayo yobulungiseleli bethu. Enjani intsikelelo ekuyiyo ukunceda abantu bafunde ngoYehova, ukubabona betshintsha indlela yabo yokuphila ukuze bakholise yena, uze uzibonele bebhaptizwa njengamaKristu befuzisela ukuzahlulela kwabo kuThixo!—1 Tes. 2:20; 3 Yoh. 4.
7 Kwinkupho elandelayo, siza kuhlolisisa iindlela ezingakumbi esisikelelwa ngazo ngokubonisa uxabiso ngothando lukaYehova.