Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala NgoMatshi 11
13 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso Ezikhethiweyo KuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8, yenza imiboniso emibini eyahlukeneyo ngendlela yokuhambisa IMboniselo ka-Aprili 15 kunye noVukani! kaMatshi 8. Kwimeko nganye bonisa indlela eyahlukileyo anokuphendulwa ngayo umntu ophelisa incoko ngokuthi, “Andinamdla.”—Bona incwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 16.
12 imiz: Ukugcina Ubundilele Bethu BamaKristu. Intetho enikelwa ngumdala ofanelekayo. Umoya wokuthand’ izwe usenokubakho ngamaxesha athile esikolweni, emsebenzini, naselumelwaneni. Bambi abakhuthaza oku bakwenza kuba befuna ukuhlangabezana namaxhala kunye nentlungu eyehlela ilizwe labo. Nangona nathi sisiva ubuhlungu ngenxa yezinto esizibona kweli hlabathi, siyayiqonda eyona mbambano inkulu yendalo iphela kwaye sithuthuzelwa sisigidimi soBukumkani. Xa ngobuchule sicacisela abanye isizathu sokuba singangeneleli kwizinto zesizwe, sifanele sibathuthuzele kwaye sibachazele ngethemba esilifumene kwiLizwi likaThixo. Incwadana enemifanekiso ethi AmaNgqina KaYehova Nemfundo, kwiphepha 20-4, phantsi komxholwana othi “Ukukhahlela Indwe,” icacisa isizathu sokuba singatheleli kwimisitho yokudumisa isizwe. Gubungela iingongoma ezibalaseleyo, uze ukhuthaze abazali ukuba bayihlolisise kakuhle le nkcazelo kunye nabantwana babo. Balisa amava afumaneka kwiphepha 20 kule ncwadana inemifanekiso nakwiphepha 31 kuVukani! kaJanuwari 8, 1996. Gxininisa imfuneko yokuzinikela ngokupheleleyo kuYehova, ngoxa uhlonela igunya likarhulumente.
20 imiz: “Nityebe Emisebenzini Emihle.”a Imele isingathwe ngumveleli wenkonzo. Bongoza bonke ukuba babe nesabelo ngokuzeleyo kubulungiseleli ukulungiselela iSikhumbuzo ngoMatshi 28. Xubusha indlela ezinokusetyenziswa ngokuyingenelo ngayo izimemo ezishicilelweyo. Cela abavakalisi babalise ngendlela abaye bakwazi ngayo ukuza nezalamane, abamelwane, abafundi beBhayibhile, nabanye abanomdla kwiSikhumbuzo sonyaka ophelileyo kunye novuyo oluye lwabangelwa koko. Bakhuthaze bonke abanokuba ngoovulindlela abangabancedani ngoAprili ukuba bazifumanele iifomu zesicelo emva kweentlanganiso.
Ingoma 82 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 18
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Xubusha othi “Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo.” Khuthaza bonke ukuba balandele ufundo lweBhayibhile lweSikhumbuzo olucwangciselwe uMatshi 23-28, njengoko luboniswe kwincwadi ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2002.
15 imiz: “Ukumanyana Ngovuyo NoYehova NoNyana Wakhe.” Intetho eshukumisayo yeZibhalo enikelwa ngumdala. Khuthaza wonk’ ubani ukuba enze umgudu owongezelelekileyo ukususela ngoku ukuya kutsho ngoMatshi 28 wokumema abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ukuba babe kunye nathi eSikhumbuzweni.
20 imiz: “Yandisa Uvuyo Lwakho Ekushumayeleni.”b Xa uxubusha isiqendu 5, cela amacebiso asebenzisekayo endlela yokuphumeza lukhulu kwintsimi yasekuhlaleni. Yenza umboniso omnye okanye emibini ngendlela esinokuya ngayo emntwini ukuze sinikele ubungqina obufutshane. Khuthaza wonk’ ubani ukuba azivulele amathuba okunikela ubungqina kule veki.
Ingoma 45 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 25
14 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Chaza ukuba abakashiywa lixesha abo bafuna ukufaka izicelo zokuba ngoovulindlela abangabancedani ngoAprili. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8, cela umdala abonise indlela yokuhambisa IMboniselo ka-Aprili 1 noselula abonise indlela yokuhambisa uVukani! ka-Aprili 8. Emva komboniso ngamnye, balaselisa iinkalo obalasele ngayo loo mboniso.
15 imiz: “Masakhe Size Sinyamekele IiHolo ZoBukumkani Zethu”—Icandelo 1.c Umdala usingatha ngehlombe isiqendu 1-8 zesihlomelo. Kumabandla asafuna iHolo yoBukumkani gxininisa imfuneko yokuba bonke balixhase ibandla. Chaza ibhokisi yeminikelo esetyenziselwa Ingxowa-mali YeHolo YoBukumkani yasekuhlaleni kunye nelungiselelo elenziwayo ukuze loo mali igcinwe ikhuselekile. Xa kuyimfuneko chaza oko kwenziwa ngabadala basekuhlaleni ngokuphathelele ukufumana iHolo yoBukumkani. Ukuba ixesha liyavuma, quka namava afanelekileyo okwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezikummandla wenu.
16 imiz: “‘Izipho Ezingabantu’ Ziwalusa Ngentumekelelo Umhlambi KaThixo.” Intetho enikelwa ngumdala. Xubusha izibhalo ezibonisiweyo. Bonisa indlela izinto ezihamba kakuhle ngayo xa kusaluswa abapholileyo yaye kuncedwa abagulayo ukuba benze oko kusemandleni abo. Abalusi abanothando baba noxabiso ngayo yonke imigudu esuka entliziyweni eyenziwayo yokuhlala sikhuthele enkonzweni kaYehova.
Ingoma 131 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAprili 1
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khumbuza abavakalisi ukuba banike abaqhubi bezifundo zabo zencwadi ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini kaMatshi.
15 imiz: “Masakhe Size Sinyamekele IiHolo ZoBukumkani Zethu”−Icandelo 2.d Umveleli owongamelayo ugubungela isiqendu 9-15 zesihlomelo. Amabandla aqhuba iintlanganiso kwisakhiwo sexeshana afanele aqwalasele oko kunokwenziwa ukuze siphuculwe eso sakhiwo ngaphandle kweendleko ezinkulu. Gxininisa imfuneko yokunikela ukuze indawo yethu yonqulo ihlale isemgangathweni. Ukuba ibandla lihlawula imali-mboleko kuMbutho, nikela ingxelo ngendlela ehlawulwa ngayo nyanga nganye uze ulincome ibandla ngokunikela ngokuthembeka njengoko lalithembisile. Umveleli owongamelayo ufanele afumane isigqibo kwiqumrhu labadala esiphathelele izinto ezifanele zilungiswe nexesha ezifanele zilungiswe ngalo, aze awachaze kakuhle loo malungiselelo ebandleni.
20 imiz: Ungenelwa Njani KwiNcwadi Yonyaka? Intetho nengxubusho kunye nabaphulaphuli. Okokuqala, balaselisa iingongoma eziziintloko ezifumaneka kwi-“Leta Evela KwiQumrhu Elilawulayo,” ekwiphepha 3-5. Emva koko, cela abaphulaphuli babalise iingxelo namava eNcwadi Yonyaka abaye bawafumanisa ekhuthaza yaye esakha ukholo. Khuthaza bonke ukuba bayifunde baye kuyigqiba INcwadi Yonyaka baze bayisebenzise ukuze baqhelanise abafundi beBhayibhile nentlangano kaYehova.
Ingoma 15 nomthandazo wokuqukumbela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Yenza intshayelelo emfutshane engaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo.
b Yenza intshayelelo emfutshane engaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo.
c Yenza intshayelelo emfutshane engaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo.
d Yenza intshayelelo emfutshane engaphantsi komzuzu, uze ulandelise ngengxubusho yemibuzo neempendulo.