Yanelisa Intswelo Yakho Yokomoya
1 INdibano YeSithili ezayo ‘Yabavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo’ isinika ithuba elihle lokwanelisa intswelo yethu yokomoya. Njengokutya okunik’ impilo, ngokuqinisekileyo olu cwangciso luza kusondla ngokomoya “ngamazwi okholo.” (1 Tim. 4:6) Luya kusenza sisondele ngakumbi kuYehova. Yaye sinokulindela ukufumana isiluleko nokhuthazo lokusinceda sihlangabezane nezilingo kubomi bethu. UYehova usiqinisekisa esithi: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo. Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.” (INdu. 32:8) Hayi indlela esisikeleleke ngayo ngokuba nolwalathiso lothando ebomini bethu! Qwalasela ezinye izinto esinokuzenza ukuze sizuze ngokupheleleyo kucwangciso lwendibano.
2 Sifanele Silungise Intliziyo Yethu: Ngamnye kuthi unembopheleleko yokulondoloza intliziyo yakhe engokomfuziselo. (IMize. 4:23) Oku kufuna ukuba sikwazi ukuzeyisa size sinyaniseke kwiziqu zethu. Indibano lixesha lokucamngca ngolwalamano lwethu noYehova, ixesha ‘lokuqondela kumthetho ogqibeleleyo wenkululeko.’ Ukuze silungise intliziyo yethu ize ‘yamkele ukumiliselwa kwelizwi,’ sifanele sicele uYehova asigocagoce, aze abone nayiphi na “indlela yobubi” efuna ukulungiswa, aze asikhokelele “endleleni yexesha elingenammiselo.”—Yak. 1:21, 25; INdu. 139:23, 24.
3 Phulaphula Uze Ucamngce: UYesu wamncoma uMariya ngokunikela ingqalelo kumazwi akhe, esithi: “UMariya unyule isahlulo esilungileyo, yaye asiyi kususwa kuye.” (Luka 10:39, 42) Ukuba sinesimo sengqondo esifanayo, asisayi kuvumela izinto ezingenamsebenzi zisiphazamise. Siya kuqiniseka ukuba sihleli phantsi yaye sinikela ingqalelo ebudeni balo lonke ucwangciso. Siya kukuphepha ukuthetha okanye ukuhambahamba ngokungeyomfuneko yaye siya kukulumkela ukuphazamisa abanye ngeecellular phone, iipager, iikhamera neecamcorder.
4 Xa siphulaphule intetho, kuhle ukubhala amanqaku amafutshane ukuze asincede siqonde indlela ocaciswa ngayo loo mbandela. Sifanele sikunxulumanise oko sikuvayo noko sikwaziyo. Oku kuya kusinceda siyiqonde size siyigcine le nkcazelo. Xa siphinda siqwalasela amanqaku ethu, sifanele senjenjalo ngenjongo yokuyisebenzisa loo nkcazelo. Mntu ngamnye unokuzibuza: ‘Oku kuluchaphazela njani ulwalamano lwam noYehova? Ziziphi iinguqulelo endifanele ndizenze ekuphileni kwam? Le nkcazelo ndinokuyisebenzisa njani kwindlela endisebenzisana ngayo nabanye? Ndinokuyisebenzisa njani entsimini?’ Masixubushe nabanye ngeengongoma esizithande kakhulu. Ukwenza oku kuya kusinceda sigcine oko kuthethwa nguYehova ‘ngaphakathi entliziyweni yethu.’—IMize. 4:20, 21.
5 Masikusebenzise Oko Sikufundileyo: Emva kokuba eye kwindibano yesithili, omnye owayelundwendwe apho wathi: “Ucwangciso belulungiselelwe umntu ngamnye, lunika ubani ithuba lokuhlolisisa intliziyo yakhe neyentsapho yakhe, aze anikele uncedo lweZibhalo ukuba luyimfuneko. Lundenze ndayiphaphela ngakumbi imbopheleleko endinayo yokunikela uncedo olungakumbi ebandleni.” Kusenokwenzeka ukuba uninzi lwethu luye lwavakalelwa ngendlela efanayo. Kodwa akwanele ngathi ukugoduka siziva sikhuthazekile yaye sihlaziyekile nje kuphela. UYesu wathi: “Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.” (Yoh. 13:17) Simele sizimisele ukusebenzisa iingongoma ezisebenza kuthi. (Fil. 4:9) Lo ngundoqo ekwaneliseni intswelo yethu yokomoya.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
Camngca Ngoko Ukuvayo:
■ Kuluchaphazela njani ulwalamano lwam noYehova?
■ Kuyichaphazela njani indlela endibaphatha ngayo abanye?
■ Ndinokukusebenzisa njani ebomini bam nasentsimini?