IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/13 iphe. 3-4
  • Phulaphula Uze Ufunde

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Phulaphula Uze Ufunde
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Usilungele Isidlo Sokomoya?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • ‘Phulaphula Uze Ungenise Uyalelo Olungakumbi’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Isihlandlo Sokondliwa Ngokomoya Nesokuba Nemihlali
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • “Bahlanganisele Ndawonye . . . Abantu”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
km 4/13 iphe. 3-4

Phulaphula Uze Ufunde

1. Kutheni kunokufuneka senze umgudu ongakumbi ukuze siphulaphule size sifunde kwiindibano zesithili?

1 Sele lisondele ixesha leendibano zesithili zowama-2013. Kuye kwasetyenzwa nzima ukuze kulungiselelwe ucwangciso oluza kuthetha ngeemfuno zabavakalisi abasehlabathini lonke. Ngaba sele uwenzile amalungiselelo okubakho kuzo zontathu ezi ntsuku? Iindibano ezinkulu zisenokuba neziphazamiso ezininzi, ngoko kusenokufuneka umgudu ongakumbi ukuze ukwazi ukuluphulaphula kakuhle ucwangciso. Njengoko ucwangciso lutsala kuneentlanganiso, kufuneka unikele ingqalelo ixesha elide. Ukongezelela, ngenxa yokuhamba umgama omde nezinye iimeko nisenokudinwa. Yintoni eya kusinceda sihlale sithe qwa ukuze siphulaphule size sifunde?—Dut. 31:12.

2. Sinokuyilungisa njani intliziyo yethu ukuze ikhangele phambili endibanweni?

2 Ngaphambi Kokuba Indibano Iqale: IWebhsayithi yethu ethi, www.pr418.com, inocwangciso lwendibano (amaxesha aboniswe ngezantsi), oluquka imixholo yazo zonke iintetho nombhalo omnye okanye emibini eyintloko. Ukuba sinayo i-Intanethi, ukujonga le nkcazelo kwangaphambili kuya kusinceda silungise iintliziyo zethu ukuze zilungele oko kuza kube kuxutyushwa apho. (Ezra 7:10) Kwingokuhlwa Yonqulo Lwentsapho, ngaba ningabekela bucala ixesha ukuze nixubushe ngocwangciso ukuze nikhangele phambili kwindibano?

3. Yintoni eya kusinceda sikwazi ukuphulaphula ngenyameko?

3 Ebudeni Bocwangciso: Ukuba kunokwenzeka yiya endlin’ encinci ngaphambi kokuqala kocwangciso. Yicime iselfowuni yakho ukuze ingakuphazamisi okanye ufune ukuphazamisa abanye ngokubathumela umyalezo ebudeni bocwangciso. Ukuba kuyanyanzeleka ukuba ihlale ivuliwe, yenze ingabaphamisi abanye xa kukho umntu ofowunayo. Ukuba usebenzisa ielectronic tablet ebudeni bocwangciso, musa ukuphazamisa abanye. Kuphephe ukutya nokusela ebudeni bocwangciso. (INtshu. 3:1) Hlala ujonge kwisithethi. Xa kufundwa isibhalo, tyhila iBhayibhile yakho. Bhala amanqaku.

4. Abazali banokubanceda njani abantwana babo ukuba baphulaphule baze bafunde?

4 Nabantwana bethu sifuna baphulaphule baze bafunde. IMizekeliso 29:15 ithi: “Inkwenkwe eyekelelwayo iya kumhlazisa unina.” Ngoko ke, kuya kuba kuhle ukuba iintsapho zihlale kunye ukuze abazali baqiniseke ukuba abantwana babo baluphulaphule ucwangciso kunokuba bancokole, bathumelelane imiyalezo okanye bazulazule. Enoba basebancinane ukuba baqonde oko kuxutyushwayo, abantwana banokuqeqeshwa ukuba bahlale bazole ebudeni bocwangciso.

5. Kutheni kubalulekile ukwenza impinda yocwangciso yaye sinokukwenza njani oko?

5 Emva Kocwangciso Suku Ngalunye: Musa ukuhlala de kube sebusuku. Lala kwangethuba ukuze ukwazi ukuphumla ngokwaneleyo. Ukwenza impinda yoko ukuvileyo kuya kukunceda ukukhumbule ixesha elide. Ngoko ke, kuya kuba kuhle ukuba nemizuzwana embalwa njengentsapho nixubushe ngocwangciso ngengokuhlwa nganye. Ukuba uya kwindawo yokutyela kunye nabahlobo, kungakuhle ukuba uhambe namanqaku ukuze uncokole ngengongoma oyithandileyo. Xa nibuyela ekhaya emva kwendibano, nisenokuchitha ixesha kwingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho nixubusha indlela eninokukusebenzisa ngayo oko nikufundileyo. Kanti veki nganye ninokubekela bucala ixesha lokuxubusha ngeempapasho ezintsha ezikhululwe endibanweni.

6. Ukubakho nje endibanweni, ngaba kwanele? Chaza.

6 Isidlo asibaluleki ngaphandle kokuba ukutya kuyatyiwa kuze kwetyiswe. Kunjalo ke nangesidlo sokomoya esiza kusidla kwindibano yesithili. Ngamana singangenelwa ngokubakho kwesi sidlo ngokuthi siphulaphule ngenyameko size sisebenzise oko sikufundileyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share