IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/14 iphe. 2-3
  • “Bahlanganisele Ndawonye . . . Abantu”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Bahlanganisele Ndawonye . . . Abantu”
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Phulaphula Uze Ufunde
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Isihlandlo Sokondliwa Ngokomoya Nesokuba Nemihlali
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • INdibano YeSithili NeyeZizwe NgeZizwe “Yokuphila Ngendlela KaThixo” Yowe-1998
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • IiNdibano Zethu ZeSithili—Ubungqina Obunamandla Benyaniso
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
km 4/14 iphe. 2-3

“Bahlanganisele Ndawonye . . . Abantu”

1. Iindibano zesithili nezezizwe ngezizwe zifana njani naleyo yamaSirayeli emva kokuphuma kwawo eYiputa?

1 Kamsinya nje emva kokuba bephumile eYiputa, uYehova wayalela uMoses ukuba ‘abahlanganisele ndawonye abantu’ kwiNtaba yeSinayi ukuze baphulaphule amazwi akhe nokuze bamoyike baze bafundise oonyana babo iindlela zakhe. (Dut. 4:10-13) Esinjani sona isihlandlo ukungalibaleki nesomelez’ ukholo! Kwiinyanga ezimbalwa ezizayo, abantu bakaYehova baza kuhlanganisana kwiindibano zesithili nakwezezizwe ngezizwe ukuze bafundiswe nguYehova. Yintoni esinokuyenza ukuze sincedakale kwezi ndibano?

2. Sifanele senze ntoni ukuze ‘silungele’ indibano?

2 ‘Balunge’: UYehova wayalela amaSirayeli ukuba ‘alungele’ loo ndibano ibalulekileyo kwiNtaba yeSinayi. (Eks. 19:10, 11) Ngokufanayo, bonke abaya kwiindibano zesithili, kungekhona abanezabelo kuphela, kufuneka bazilungiselele kakuhle. Ngokomzekelo, abaninzi kusenokufuneka bathathe ikhefu emsebenzini. Mhlawumbi imeko yakho ifana nekaNehemiya. Wayefuna ukuthi xha emsebenzini wakhe wokuba ngumngcamli kaKumkani uArtashashta ukuze aye eYerusalem ancedise ekwakhiweni kweendonga, kodwa wayesazi ukuba ukumkani usenokungavumi. UNehemiya wathandaza waza emva koko ngesibindi wacela ngembeko. Ukumkani wamvumela wade wamxhasa nakumsebenzi wokwakha. (Neh. 2:1-9) Ngaphandle nje kokucela ikhefu kumqeshi, ngaba sele uwenzile amalungiselelo okuhamba nawendawo yokulala? Abadala baya kukuvuyela ukunceda nabani na ofuna uncedo. Fika kwangethuba suku ngalunye ukuze ulungele ‘ukunikela ingqalelo engaphezu kweqhelekileyo’ koko kuthethwayo.—Heb. 2:1.

3. Yintoni eya kusinceda silungise iintliziyo zethu?

3 Enye into ebalulekileyo kukulungisa iintliziyo zethu ukuze siphulaphule nokuze sifunde. (Ezra 7:10) Ucwangciso lwendibano luza kufumaneka kwi-jw.org/xh ibe luza kuba nemixholo yeentetho ehamba nesibhalo esinye okanye ezibini eziziintloko. Olu cwangciso singalusebenzisa kwingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho kwiiveki ezingaphambi kwendibano. Abanye abavakalisi bayaluprinta olu cwangciso ukuze babhale amanqaku endibanweni.

4. Abazali banokubafundisa njani abantwana babo ngexesha lendibano?

4 ‘Fundisa Oonyana Bakho’: Enye yeenjongo zendibano eyayikwiNtaba yeSinayi yayikukuba abazali abangamaSirayeli “bafundise oonyana babo.” (Dut. 4:10) Indibano yesithili inika abazali ithuba elihle lokuba benze okufanayo. Abazali kufuneka bahlale nabantwana babo baze babancede baphulaphule. Ekupheleni kosuku ngalunye nakunqulo lwentsapho, iintsapho zinokuncokola ngendibano.

5. Iza kusinceda njani le ndibano yesithili siya kuyo?

5 Indibano engalibalekiyo eyayikwiNtaba yeSinayi yanceda amaSirayeli ukuba alixabise ilungelo lawo elikhethekileyo lokuba ngabantu bakaThixo. (Dut. 4:7, 8) Indibano yesithili ezayo ilungiselelwe ukuba isincede ngendlela efanayo. Kwezo ntsuku zintathu siza kuphuma kule ntlango yehlabathi likaSathana, sakhiwe elukholweni sikhuthazwe nakukunxulumana nabazalwana noodade. (Isa. 35:7-9) Njengoko imini kaYehova isemnyango, ngamana singangalityesheli eli thuba lokuhlanganisana kwethu ukuze sikhuthazane!—Heb. 10:24, 25.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share