IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/02 iphe. 3
  • Uthini Kumatshini Wokuphendula Umnxeba?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uthini Kumatshini Wokuphendula Umnxeba?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
km 5/02 iphe. 3

Uthini Kumatshini Wokuphendula Umnxeba?

Ukushumayela ngomnxeba yindlela ephumelelayo yokuthetha nabantu abangafumanekiyo emakhayeni abo okanye abahlala kwiindawo ekungangenekiyo kuzo. Kodwa ke, liya lisanda inani labantu abangayiphenduliyo iminxeba—baphendulelwa ngumatshini. Unokwenza njani kwimeko enjalo? Ungawubeki phantsi umnxeba. Kunoko, yiba nentshumayelo elungiselelwe kakuhle oza kuyifunda. Yilungiselele kakuhle ukuze xa uyifunda, ube ngathi uyancokola. Unokuthini?

Unokummema ngobubele ukuba eze kwiNtetho Yesidlangalala elandelayo eza kuba seHolweni yoBukumkani. Usenokuthi: “Ndibuhlungu ngokuba ndingakufumananga ekhaya. Ukuba ungathanda ukuphulaphula intetho esekelwe eBhayibhileni [chaza umxholo wentetho], zive ukhululekile ukuza kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. Simema wonke ubani. Akukho nkongozelo.” Chaza usuku nexesha eza kuqhutywa ngayo loo ntlanganiso, kunye nedilesi okanye uchaze indawo ekuyo iHolo yoBukumkani.

Qaphela nabaphi na abantu abatsha abakhoyo ezintlanganisweni, zazise, uze ubenze bazive bamkelekile. Ungalibali ukucela ukumqhubela isifundo seBhayibhile sekhaya!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share