Izaziso
◼ NgoNovemba kuza kuhanjiswa ezi mpapasho zilandelayo: Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? okanye Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ukuba umntu sele enazo ezi ncwadi, kusenokuhanjiswa nayiphi na kwezindala. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. NgoJanuwari: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Amabandla anencwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo asenokuyihambisa nayo.
◼ Umveleli owongamelayo okanye nabani na ogunyaziswe nguye makahlole imali yebandla ngoDisemba 1 okanye kamsinya emva koko. Xa sele kwenziwe oku yazisani ibandla emva kokuba kwenziwe ingxelo yemali elandelayo.
◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola imiqulu yeMboniselo noVukani! yowama-2002 kwiodolo yawo elandelayo. Le miqulu iza kufumaneka ngesiCroat, ngesiDatshi, ngesiFrentshi, ngesiGrike, ngesiJamani, ngesiJapan, ngesiKorea, ngesiNgesi, ngesiPhuthukezi, ngesiPolish, ngesiRashiya, ngesiRomania, ngesiSpanish, ngesiTaliyane nangesiTshayina. Ide ibe iyafumaneka le miqulu yaye ithunyelwe nasemabandleni, kuya kuthiwa “Pending” kuludwe lwezinto ezithunyelwa emabandleni. Imiqulu zizinto ezicelwa ngokukhethekileyo.
◼ Unobhala webandla ngalinye elineencwadi zesiza ufanele aphinde ahlole isiqendu 17 nese-18 kwifomu ethi “Information Regarding Ownership of Kingdom Halls” (T-36-E 3/00). Zonke iirhafu nenye imali efunekayo zifanele zihlawulwe ngexesha elifanelekileyo. Ukuba kukho irhafu okanye imali ethandabuzekayo, khawulezani niyihlole loo nto ukuze ishenxiswe okanye kubuzwe kwangethuba.
◼ Abo batyelela isebe loMzantsi Afrika mabancede baphawule la maxesha alandelayo okuqalisa ukukhenketha umzi-mveliso nendawo ekuhlalwa kuyo:
Amaqela eza ngebhasi anokuqalisa ukukhenketha ngelo xesha afike ngalo, kodwa amele azise iBethel Office ngeleta okanye ngomnxeba kuselithuba echaza inani labo bezayo, umhla nexesha abaza kufika ngalo, kunye nolwimi abaluthethayo. Siyakhenkethisa ukususela ngoMvulo ukusa ngoLwesihlanu nangeeholide zikawonke-wonke, ngeMigqibelo asikhenkethisi kuba amasebe amaninzi awasebenzi, yaye asibi nabo abantu bokukhenkethisa.
◼ NCEDA UPHAWULE: Kukho utshintsho kwezi ndibano zesithili zilandelayo:
Disemba 20-22:
ETzaneen (isiTsonga; ayizukubakho)
EPhalaborwa (isiTsonga; indibano entsha)
December 27-29:
Mbabane (Zulu; umhla omtsha)
◼ UVukani! wesiPhuthukezi uza kufumaneka ngeekhasethi ukususela kokaJanuwari 8, 2003. Amabandla afanele athumele izicelo zawo esebenzisa ifomu ethi Isicelo Samaphephancwadi Ebandla (M-202).
◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
Watch Tower Publications Index 2001—isiNgesi
◼ Iikhasethi Zevidiyo Ezintsha Ezifumanekayo:
The Greatest Man Who Ever Lived—On Videocassette—Intetho Yezandla YaseMerika
Warning Examples for Our Day—On Videocassette—isiNgesi
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
FACTORY HOME
8.15 a.m. 8.45 a.m.
9.15 a.m. 9.45 a.m.
10.15 a.m. 10.45 a.m.
1.45 p.m. 1.15 p.m.
2.45 p.m. 2.15 p.m.