Umsebenzi Ofuna Ukuthobeka
1 ILizwi likaThixo lisiluleka lisithi ‘sithobeke engqondweni singabuyiseli ububi ngobubi okanye ukutshabhisa ngokutshabhisa, kodwa, kunoko, sisikelele.’ (1 Pet. 3:8, 9) Ngokuqinisekileyo eso siluleko siyasebenza kumsebenzi wokushumayela. Kakade ke, ubulungiseleli bamaKristu bunokukuvavanya ukuthobeka kwethu.
2 Ukuthobeka luphawu olusincedayo sinyamezele iimeko ezingathandekiyo. Xa sishumayela, sithetha nabantu abangasimemanga, sisazi ukuba abanye baza kusabela ngendlela engenabubele. Ukuqhubeka ushumayela kwiimeko ezinjalo kufuna ukuthobeka. Kwenye intsimi eyayilukhuni kunene, oodade ababini abangoovulindlela baya kwindlu ngendlu yonke imihla kangangeminyaka emibini kungekho nokuba abe mnye umntu owayevuma ukuthetha nabo! Noko ke, bazingisa, namhlanje kukho amabandla amabini kuloo mmandla.
3 Ukuqhubana Nabantu Abakrwada: Ukuthobeka kuya kusinceda sixelise uYesu xa abanye bengenabubele okanye bengachubekanga. (1 Pet. 2:21-23) Kwelinye ikhaya omnye udade wathethiswa rhabaxa, okokuqala ngumama wekhaya kamva wathelelwa ngumyeni wakhe owamnik’ uphum’ aphele. Lo dade wasuka wancuma waze wathi unethemba lokuba uya kukwazi ukuthetha nabo ngenye imini. Oku kwasichukumisa gqitha esi sibini kangangokuba saliphulaphula iNgqina elabatyelelayo saza savuma ukuya kwintlanganiso eyayiseHolweni yoBukumkani. La dade sasimgxothile ekuqaleni wayekho naye wasibulisa waza wanikela ubungqina obungakumbi. Nathi sinako ukubathambisa abantu abachasayo ‘ngokuba nobulali nentlonelo enzulu.’—1 Pet. 3:15; IMize. 25:15.
4 Kuphephe Ukuba Nekratshi: Ukwazi kwethu iBhayibhile akumele kusenze sibajongele phantsi abanye okanye sibabize ngamagama endelelo. (Yoh. 7:49) Kunoko, iLizwi likaThixo lisiluleka ukuba ‘singathethi kakubi nangabani na.’ (Tito 3:2) Xa sithobekile entliziyweni njengoYesu, siyabahlaziya abanye. (Mat. 11:28, 29) Ukuthobeka kusenza sibe nomtsalane isigidimi sethu.
5 Ewe, ukuthobeka kuyasinceda sizingise kwintsimi elukhuni. Kunokubathambisa abangenamdla, kuze kutsalele abanye kwisigidimi soBukumkani. Ngaphezu koko, kuyamkholisa uYehova, ‘obanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.’—1 Pet. 5:5.